Yiya kwinkcazelo

Ngaba IBhayibhile Ibhalwe Ngobulumko Babantu?

Ngaba IBhayibhile Ibhalwe Ngobulumko Babantu?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 IBhayibhile, ekwabizwa ngokuba ziZibhalo Ezingcwele, ithetha izinto ezininzi zobulumko. Noko ke, khawuve indlela iBhayibhile ezithethelela ngayo: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.” (2 Timoti 3:16) Zininzi izinto ezingqina la mazwi. Nazi ezinye zazo:

  •   Akakho umntu owakha wayingqina ibubuxoki imbali ebhalwe eBhayibhileni.

  •   Ababhali beBhayibhile yayingabantu abanyanisekileyo yaye babhala ngokunyaniseka. Ukunyaniseka kwabo kwabangela ukuba babhale iinyaniso zodwa.

  •   IBhayibhile inomxholo omnye: ukuthethelelwa kwelungelo likaThixo lokulawula nokufezwa kwenjongo yakhe esebenzisa uBukumkani bakhe obusezulwini.

  •   Nangona yabhalwa kumawaka eminyaka eyadlulayo, iBhayibhile ayizange izenze iimpazamo ezenziwa ziinzululwazi nakubeni ezo mpazamo zazo zamkelwa njengeziyinyaniso kumaxesha amandulo.

  •   Ubungqina obubhaliweyo bubonisa ukuba iziprofeto zeBhayibhile ziye zazaliseka.