Yiya kwinkcazelo

Ngaba IBhayibhile Ithetha Iziphikisa?

Ngaba IBhayibhile Ithetha Iziphikisa?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Akunjalo, iBhayibhile ivisisana yonke. Nangona ezinye iivesi zibonakala ngathi ziyaziphikisa, le ngxaki inokusonjululwa ngokusebenzisa enye yezi ndlela zilapha ngezantsi:

  1. Cinga ngomongo wezo vesi. Nawuphi na umbhali angabonakala eziphikisa ukuba amazwi akhe ayafakelelwa.

  2. Cinga ngembono yombhali. Amangqina okuzibonela anokubalisa ngento, kodwa angasebenzisi amazwi kunye neenkcukacha ezifana twatse nezombhali.

  3. Cinga ngezibakala nezithethe zakudala.

  4. Wazi umahluko phakathi kwendlela asetyenziswa ngayo amagama. Enoba yeyokoqobo okanye iyafuzisela.

  5. Qonda ukuba nantoni na umntu anegalelo kuyo, kunokuthiwa yenziwe nguye—enokuba yena akazange ayenze ngezandla zakhe. a

  6. Sebenzisa inguqulelo yeBhayibhile echanileyo.

  7. Kuphephe ukuzama ukudibanisa iBhayibhile neenkolelo zonqulo okanye iimfundiso ezingachananga.

Le mizekelo ilandelayo, ibonisa indlela ezingacaciswa ngayo ezi vesi zeBhayibhile ekuthiwa ziyaphikisana.

Indlela yoku-1: Umongo

Ukuba uThixo waphumla ngosuku lwesixhenxe, kutshiwo njani ukuba usasebenza nangoku? Incwadi yeGenesis, ithi uThixo “waphumla ngosuku lwesixhenxe kuwo wonke umsebenzi wakhe awayewenzile,” umongo wale vesi ubhekisela ngokungqalileyo kumsebenzi wokudala zonke izinto ezikhoyo. (Genesis 2:2-4) UYesu akazange akuphikise oku, kunoko xa wathi uThixo “uyasebenza kude kube ngoku,” wayethetha ngeminye imisebenzi ayenzayo uThixo. (Yohane 5:17) Le misebenzi iquka ukuphefumlela ukubhalwa kweBhayibhile, ukukhokela nokunyamekela abantu.​—INdumiso 20:6; 105:5; 2 Petros 1:21.

Indlela yesi-2 neyesi-3: Imbono yombali nembali

UYesu wayiphilisa phi indoda eyimfama? Incwadi kaLuka ithi uYesu waphilisa indoda eyimfama “njengoko wayesondela eYeriko,” kodwa ekaMateyu ithetha ngamadoda amabini aziimfama, yaye ithi uYesu wawaphilisa “njengoko babephuma eYeriko.” (Luka 18:35-43; Mateyu 20:29-34) Ezi ngxelo zimbini ezibhalwe ngeembono ezingafaniyo, zithetha into enye. Masiqale ngenani lala madoda. UMateyu uyangqala athi mabini, ngoxa uLuka ethetha kuphela ngaleyo uYesu wayethetha nayo. Kuthekani ngendawo? Abaphengululi bezinto zakudala bafumanise ukuba ngexesha likaYesu, iYeriko yayisisixeko esintlu-mbini. Esi sidala sasikumgama omalunga nekhilomitha enesiqingatha ukusuka kwesi sitsha. Kunokwenzeka ukuba, ngexesha enza lo mmangaliso, uYesu wayephakathi kwezi zixeko zimbini.

Indlela ye-4: Amagama okoqobo nafuziselayo

Ngaba umhlaba uza kutshatyalaliswa? KwiNtshumayeli 1:4, iBhayibhile ithi, “umhlaba umi ixesha elingenammiselo,” nto leyo kwabanye ekhabanayo namazwi athi “neziseko zawo ziya kutshiswa ngumlilo ziphele.” (2 Petros 3:10, iBhayibhile yesiXhosa ka-1996) Sekunjalo eBhayibhileni, igama elithi “umhlaba” lisetyenziswa ngokoqobo ukubhekisela kwisijikelezi-langa sethu, nangokufuziselayo ukubhekisela kuluntu oluhlala kuwo. (Genesis 1:1; 11:1) Ukutshatyalaliswa ‘komhlaba’ okuchazwe kweye-2 kaPetros 3:10, akubhekiseli ekutshatyalalisweni kwesijikelezi-langa sethu, kodwa kubhekisela ekutshatyalalisweni ‘kwabantu abangenabuthixo.’​—2 Petros 3:7

Indlela ye-5: Igalelo

EKapernahum, ngubani owazisa isicelo segosa lomkhosi kuYesu? UMateyu 8:5, 6 uthi igosa lomkhosi laya ngenkqu kuYesu kodwa uLuka 7:3 uthi eli gosa lathumela amadoda amakhulu amaYuda. Le mibhalo isenokuqondwa ngale ndlela, eli gosa lilo elalifuna ukuya kubuza uYesu kodwa lathumela la madoda angamaYuda.

Indlela ye-6: Inguqulelo echanileyo

Ngaba siyona sonke? IBhayibhile ifundisa ukuba sonke safumana isono njengelifa elivela kumntu wokuqala, uAdam. (Roma 5:12) Ezinye iinguqulelo ziyaphikisana noku ngokuthi abantu abalungileyo “aboni.” (1 Yohane 3:6, King James Version) NgesiGrike isenzi segama elithi ‘ukona’ kweyo-1 kaYohane 3:6 sibhekisela kwinto eyenzekayo okanye eqhubeka isenzeka. Mkhulu umahluko phakathi kwesono esasifumana njengelifa esingenako ukusiphepha kunye nokona imithetho kaThixo ngabom. Ezinye iinguqulelo zisebenzisa amagama acacileyo nachanileyo anjengathi, ‘ukungaqheliseli sono.’

Indlela ye-7: IBhayibhile, kungekhona iimfundiso ezichananga

Ngaba uYesu uyalingana okanye ungaphantsi kuThixo? UYesu wakha wathi, “Mna noBawo sibanye,” la mazwi abonakala ephikisana kunye nala athi, “uBawo mkhulu kunam.” (Yohane 10:30; 14:28) Ukuze siwaqonde kakuhle la mazwi kuza kufuneka sihlole oko iBhayibhile ikutshoyo ngoYehova noYesu, kunokuzama ukudibanisa ezi vesi nemfundiso kaThixo Oneziqu Ezithathu engasekelwanga eBhayibhileni. IBhayibhile ibonisa ukuba uYehova akaneli nje kukuba nguyise kaYesu kodwa ukwanguye noThixo wakhe. (Mateyu 4:10; Marko 15:34; Yohane 17:3; 20:17; 2 Korinte 1:3) UYesu akalingani noThixo.

Umongo wamazwi kaYesu athi: “Mna noBawo sibanye,” abonisa ukuba yena noYise banenjongo enye. UYesu wathi: “UBawo umanyene nam, nam ndimanyene noBawo.” (Yohane 10:38) Olu manyano uYesu awayenalo noThixo, wayenalo kunye nabalandeli bakhe, kuba wabathandazela wathi: “Ndibanikile uzuko owandinika lona, ukuze babe banye kanye njengoko thina sibanye. Mna ndimanyene nabo nawe umanyene nam.”​—Yohane 17:22, 23.

a Ngokomzekelo, kwinqaku elithetha ngesakhiwo iTaj Mahal, iEncyclopædia Britannica ithi, “yayakhiwe ngumlawuli waseMughal uShah Jahān.” Kodwa akazange ayakhe ngezandla zakhe, kuba eli nqaku liqhubeka lithi, “Waqesha abasebénzi abangaphezu kwe-20 000.”