Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ngaba UThixo Uneziqu Ezithathu?

Ngaba UThixo Uneziqu Ezithathu?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Iicawa ezininzi zamaKristu zifundisa ukuba uThixo uneziqu ezithathu. Noko ke, khawuve ukuba iEncyclopædia Britannica ithini: “Igama elithi Bathathu Emnye aliveli kwaukuvela kwiTestamente Entsha . . . Le mfundiso yavela ngokuthe ngcembe kwiinkulungwane ezadlulayo.

Enyanisweni, uThixo ekuthethwa ngaye eBhayibhileni akakhe achazwe njengoneziqu ezithathu. Khawuve ukuba zithini ezi vesi zeBhayibhile:

UYehova uThixo wethu nguYehova mnye.”—Duteronomi 6:4.

Wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.”—INdumiso 83:18.

Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:3.

UThixo mnye kuphela.”—Galati 3:20.

Kutheni iicawa ezininzi zisithi uThixo uneziqu ezithathu?