Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ITeknoloji Ingayingxaki Njani Kwindlela Ocinga Ngayo?

ITeknoloji Ingayingxaki Njani Kwindlela Ocinga Ngayo?

Abantu basoloko befunda enoba bafundela—isikolo, umsebenzi okanye ezinye izinto. Iteknoloji ingabanceda abantu bafunde. Zange kwakhe kwalula kangaka ukufunda izinto ezininzi ungakhange uphume endlini okanye uphakame esitulweni.

Kodwa ke abantu abaninzi abayisebenzisa kakhulu iteknoloji bafumanise ukuba . . .

  • kuye kubenzima ukungaphazamiseki xa befunda.

  • kuye kubenzima nokwenza into ibenye ngexesha.

  • bakhawuleza babe nesithukuthezi xa bebodwa.

INTO OMELE UYAZI

XA UFUNDA

Abantu abazisebenzise kakhulu izixhobo ze-elektroniki ngamanye amaxesha baye bangabi nawo umonde wokuyifunda yonke incwadi, ngoko baye bafunde nje ukuze bafumane eyona nto kuthethwa ngayo.

Akhongxaki ukufunda ngoluhlobo xa ufuna impendulo ekhawulezileyo, kodwa ibakhona xa le nto uyifundileyo kufuneka uyicingisise kakuhle.

CINGA NGALE NTO: Uyakwazi na ukufunda into ende? Ukufunda ngoluhlobo kungakunceda njani ufunde kakuhle?—IMIZEKELISO 18:15.

UKUNIKELA INGQALELO

Abanye abantu bacinga ukuba iteknoloji inokubanceda bakwazi ukwenza izinto ezimbini ngexesha elinye—ngokomzekelo, ukubhalela abahlobo babo ngoxa befunda. Kodwa xa besenza izinto ezininzi ngexesha elinye basenokungayenzi kakuhle yonke loo misebenzi, ingakumbi ukuba kufuneka kusetyenziswe ingqondo.

Nangona kunzima ukunikela ingqalelo singaphazamiseki, kusinceda sifunde. UGrace osemtsha uthi “uye ungenzi mpazamo zingako uze ungabi naso kakhulu istres.” “Ndiye ndafunda ukuba kubhetele ukunikela ingqalelo kwinto enye ngexesha uze uphephe iziphazamiso.”

CINGA NGALE NTO: Ngaba iteknoloji yenza kubenzima ukuba unikele ingqalelo uze ukhumbule into obuyifunda?—IMIZEKELISO 17:24.

XA UWEDWA

Abanye abantu abakuthandi ukuba bodwa, ngoko baye basebenzise iteknoloji ukuze bazonwabise. “Umfazi ongu Olivia uyavuma ukuba, ukuba kuphela imizuzu eyi-15 engakhange ajonge ifowuni yakhe, itablet okanye alayite iTV uba nesithukuthezi.

Kodwa ke ukuhlala wedwa kunceda ukwazi ukucingisisa ngezinto—loo nto inceda abantu abadala nabatsha bakwazi ukufunda kakuhle.

CINGA NGALE NTO: Ngaba ixesha lokuba wedwa ulisebenzisa ukuze ucinge?—1 TIMOTI 4:15.

INTO ONOKUYENZA

YIJONGE INDLELA OYISEBENZISA NGAYO ITEKNOLOJI

Ungayisebenzisa njani iteknoloji ukuze ikuncede kwindlela ocinga ngayo? Iteknoloji ingakwenza njani ungakwazi ukunikela ingqalelo uze ufunde?

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Bukhusele ubulumko namandla okucinga.”​—IMIZEKELISO 3:21.