Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ITeknoloji Ingayingxaki Njani Emtshatweni Wakho?

ITeknoloji Ingayingxaki Njani Emtshatweni Wakho?

Xa iteknoloji isetyenziswa kakuhle inokwenza abantu abatshatileyo basondelelane nangakumbi. Ngokomzekelo, inokunceda abantu abatshatileyo bancokolisane njengoko usuku luhamba.

Kodwa ke abanye abantu abatshatileyo basenokuyisebenzisa kakubi iteknoloji ide . . .

  • itye ixesha ebekumele ukuba balichitha bekunye.

  • ibenze benze izinto zasemsebenzini endlini naxa kunganyanzelekanga.

  • ibenze bangathembani baze banganyaniseki.

INTO OMELE UYAZI

XA NIHLELI KUNYE

UMichael uthi: “Ngamanye amaxesha xa sihleli kunye nomfazi wam ibangathi ‘akekho lapha.’ Udla ngokujonga ifowuni yakhe aze athi, ‘Kaloku khange ndibenalo ixesha lokuyijonga ngoku bendindedwa.’” UJonathan uthi kwiimeko ezinje “abantu abatshatileyo basenokuba kwindawo enye kodwa iingqondo zabo zibe zingekho lapho.”

CINGA NGALE NTO: Kukangaphi kukhala ifowuni okanye kungena imessage ize iphazamise ixesha ebekumele ukuba nihleli kunye nomntu otshate naye?—EFESE 5:33.

UMSEBENZI WEMPANGELO

Abanye abantu banemisebenzi ebanyanzela ukuba baphendule ifowuni okanye iiemail zabo ebusuku okanye xa besendlini. Kanti nabo banemisebenzi engabanyanzeliyo ukuba bahlale bejonga ifowuni, basenokukufumanisa kunzima ukuyeka izinto zomsebenzi naxa sele besendlini. ULee uyavuma ukuba “kunzima ukungajongi ifowuni okanye imiyalezo yomsebenzi ngexesha alibekele ukuba kunye nomfazi wakhe.” Omnye umfazi ekuthiwa nguJoy uthi: “Ndisebenzela ekhaya, ngoko kunzima ukuzibekela ixesha lokuyeka ukusebenza. Kufuneka ndisebenze nzima ukuze ndenze izinto ngexesha ebendilibekile.”

CINGA NGALE NTO: Ngaba umamelisisa kakuhle xa umntu otshate naye ethetha nawe?—LUKA 8:18.

UKUNYANISEKA

Olunye uphando lwathi enye yezinto eyenza abantu abatshatileyo baxabane zizinto abazifaka kwiiwebhsayithi zokuncokola. Abanye bade bavume ukuba bayazifaka izinto kwi-intanethi abangafuniyo ukuba abantu abatshate nabo bazazi.

Abantu abaninzi bakholelwa ukuba iiwebhsayithi zokuncokola ziyingozi kakhulu ibe kusenokuba lula ukuba abantu abatshatileyo baphele belala nabantu abangatshatanga nabo. Ayisothusi into yokuba amagqwetha edivosi esithi iiwebhsayithi zokuncokola zezona zenza abantu badivose.

CINGA NGALE NTO: Ngaba bakhona abantu besini esahlukileyo oncokola nabo abe umntu otshate naye engayazi?—IMIZEKELISO 4:23.

INTO OMELE UYENZE

ZAZI IZINTO EZIZA KUQALA

Umntu ongatyiyo soze abe sempilweni. Ngokufanayo, umntu ongalenziyo ixesha lokuhlala nomntu atshate naye uza kuba neengxaki emtshatweni wakhe.—Efese 5:28, 29.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ukuze niqiniseke ngezona zinto zibalulekileyo.”—FILIPI 1:10.

Ncokola nomntu otshate naye ngezinto enifuna ukuzenza kwezi zingezantsi, okanye nizibhalele ezenu izinto enifuna ukuzenza ukuze iteknoloji inganiphazamisi.

  • Yityani kunye noba kukanye ngosuku

  • Yibani nexesha lokuzibeka ecaleni izixhobo ze-elektroniki

  • Yibani nalo nexesha enizibekela lona ecaleni lokwenza into emnandi kunye

  • Ebusuku zicimeni izixhobo zenu ze-elektroniki nize nizibeke kude kwindawo enilala kuyo

  • Suku ngalunye zibekeni ecaleni izixhobo ze-elektroniki imizuzu eyi-15 nize nincokole kungekho nto iniphazamisayo

  • Suku ngalunye yibani nexesha eniyeka ngalo ukusebenzisa i-intanethi