Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUNCEDA IINTSAPHO | UMTSHATO

Indlela Yokuzibophelela Ngokupheleleyo

Indlela Yokuzibophelela Ngokupheleleyo

INGXAKI

Xa wawutshata, wenza isifungo. Eso yayisisifungo sokuba nakwahlulwa kukufa, ibe wawuzimisele ukuba uya kunamathela kwiqabane lakho noba sekumnyam’ entla.

Kodwa ukutyhubel’ iminyaka umtshato wenu uye wantlithwa ziingxaki ezininzi. Ngaba usaziva ubophelelekile kwiqabane lakho?

OKO UMELE UKWAZI

Wena kujonge ukuzibophelela njengesigqibo sobulumko esiya kuwomeleza umtshato wakho

Ukuzibophelela kusisicombululo, kungekhona ingxaki. Abantu abaninzi namhlanje bayoyika ukuzibophelela. Abanye bathi ukuzibophelela sesona sigqibo sobuyatha unokusenza. Kodwa wena kujonge njengeankile yokuqinisa umtshato wakho. Umfazi ekuthiwa nguMegan uthi, “Xa nixabana, enye yezinto ezimnandi ngokuzibophelela kukwazi ukuba nobabini aniyi ndawo.” * Enoba kunokubakho iingxaki ezingakanani emtshatweni wenu, ukwazi ukuba nobabini nizibophelele kuwo kukodwa nje, kunokuninika amandla okulwa nazo.—Funda ibhokisi ethi “ Ukuzibophelela Nokunyaniseka.”

Lilonke: Ukuba uneengxaki emtshatweni wakho, eli lixesha lokuba uzibophelele ngakumbi kunokucinga ngokugqotsa. Ungakwenza njani oko?

OKO UNOKUKWENZA

Hlola indlela owujonga ngayo umtshato. “Lo mtshato uya kwahlulwa kukufa.” Ngaba loo mazwi akwenza uzive usekoneni, okanye akwenza uzive ukhuselekile? Xa kuvela iingxaki, ngaba into yokuqala ethi qatha engqondweni kukulishiya iqabane lakho? Ukuze uzibophelele ngokungagungqiyo emtshatweni wakho, kuhle ukuba uwujonge njengento kanaphakade.—Umgaqo weBhayibhile: Mateyu 19:6.

Hlola imvelaphi yakho. Izinto ezenziwa ngabazali bakho zinokuba nefuthe kwindlela okujonga ngayo ukuzibophelela. Umfazi ekuthiwa nguLea uthi, “Abazali bam baqhawula umtshato ndisemncinci, ibe loo nto iye yandenza andakubona njengento ebaluleke kangako ukuzibophelela.” Qiniseka ukuba unako ukuwuqinisa umtshato wakho. Akunyanzelekanga ukuba uphinde iimpazamo zabazali bakho!—Umgaqo weBhayibhile: Galati 6:4, 5.

Hlola amazwi akho. Xa uxabana neqabane lakho, kulumkele ukuthetha into oya kuzisola ngayo kamva, njengokuthi “Ndiyakushiya!” okanye uthi, “Ndiza kufun’ omnye umntu ondixabisileyo!” Loo mazwi awawuqinisi umtshato, ibe endaweni yokuba acombulule ingxaki, ayenza iqatsele ngakumbi ingxabano yenu. Endaweni yokusebenzisa amazwi ahlabayo, usenokuthi: “Kucacile ukuba sobabini sinomsindo. Singenza njani ukuze siyilungise le ngxaki?”—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 12:18.

Yenza kucace ukuba uzibophelele. Beka ifoto yeqabane lakho kwidesika osebenzela kuyo. Thetha kakuhle ngomtshato wakho kwabanye. Qiniseka ukuba uyalifowunela iqabane lakho yonke imihla xa ungekho. Xa uncokola sebenzisa amagama athi “thina”, “mna nomkam” okanye “mna nomyeni wam.” Ngokwenza ezi zinto, uqinisekisa wena siqu kunye nabanye ukuba uzibophelele kwiqabane lakho.

Khangela abantu onokufunda kubo. Funda kubantu abaye bakwazi ukujamelana neengxaki zomtshato. Babuze: “Nikujonga njani ukuzibophelela, ibe kuye kwaninceda njani oko?” IBhayibhile ithi: “Intsimbi, ilolwa ngentsimbi. Ngoko umntu ulola ubuso bomnye.” (IMizekeliso 27:17) Unaloo mazwi engqondweni, kutheni ungazami ukufunda kumacebiso abo banemitshato ephumelelayo?

^ isiqe. 7 IBhayibhile iyamvumela umntu ukuba awuqhawule umtshato xa iqabane lakhe liye laziphatha kakubi ngokwesondo. Funda inqaku elithi “Okufundiswa YiBhayibhile—Ukukrexeza” kwakulo Vukani!