Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Ukukrexeza

Ukukrexeza

Nangona ukunyaniseka emtshatweni kubabazwa njengeyona nto intle, ukukrexeza kusaqhubeka kuchitha iintsapho ezininzi.

Yintoni ukukrexeza?

OKUTHETHWA NGABANTU

Kwezinye iindawo kuyinto eyamkelekileyo ukuba umntu otshatileyo alale nomntu angatshatanga naye, ingakumbi xa loo nto isenziwa yindoda. Ukanti abanye abawujongi umtshato njengento efanele ihlal’ ihleli.

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

EBhayibhileni ukukrexeza kubhekisela ekulaleni ngabom komntu otshatileyo nomntu angatshatanga naye, enoba yindoda okanye ngumfazi. (Yobhi 24:15; IMizekeliso 30:20) Ukukrexeza yinto ecekisekayo emehlweni kaThixo. KuSirayeli wamandulo isohlwayo sokukrexeza yayikukufa. (Levitikus 18:20, 22, 29) UYesu wafundisa nabalandeli bakhe ukuba bangakrexezi.—Mateyu 5:27, 28; Luka 18:18-20.

KUTHENI UMELE UBE NOMDLA

Abakrexezi bophula isifungo abasenza kumaqabane abo xa babetshata. Kwakhona, ‘bona uThixo.’ (Genesis 39:7-9) Ukukrexeza kunokubeka abantwana kwintlungu yokwahlukana nabazali babo. Kanti ngaphezu koko, iBhayibhile ithi “uThixo uya kubagweba . . . abakrexezi.”—Hebhere 13:4.

“Umtshato mawubekeke phakathi kwenu nonke, nesilili somtshato masingadyojwa.”Hebhere 13:4.

Ngaba ukukrexeza kuyawuqhawula umtshato?

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile iyamvumela umntu ukuba awuqhawule umtshato xa iqabane lakhe liye laziphatha kakubi ngokwesondo. (Mateyu 19:9) Loo nto ithetha ukuba iqabane elimsulwa linelungelo lokugqiba enoba liza kuhlala kusini na okanye liza kuwuqhawula umtshato nelo qabane liye alathembeka. Umntu umele azenzele esi sigqibo.—Galati 6:5.

Kwelinye icala umtshato ungcwele kuThixo ibe ufanele uhlale uhleli. (1 Korinte 7:39) UThixo uyayicaphukela into yokuba umtshato uqhawulwe ngenxa yoonobenani, abafana nokuthi iqabane lakho alikwanelisi. Ngoko ke, asifanele sikuthathe lula ukuqhawula umtshato.—Malaki 2:16; Mateyu 19:3-6.

“Ndithi kuni wonk’ ubani oqhawula umtshato nomfazi wakhe, ngaphandle kwangenxa yohenyuzo, umenza isisulu sokrexezo.”Mateyu 5:32.

Ngaba ukukrexeza sisono esingaxolelekiyo?

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Hayi. IBhayibhile ithi uThixo ubenzela inceba abantu abaguqukayo baze bazishiye izono zabo—kuquka nesi sokukrexeza. (IZenzo 3:19; Galati 5:19-21) Eneneni, iBhayibhile ide ithethe nangamadoda nabafazi abayekayo ukukrexeza baza baba ngabahlobo bakaThixo.—1 Korinte 6:9-11.

UThixo wamenzela inceba uKumkani uDavide wakwaSirayeli. UDavide wakrexeza nomfazi welinye lamajoni akhe. (2 Samuweli 11:2-4) IBhayibhile itsho phandle ukuba ‘into awayenzayo uDavide yabonakala imbi emehlweni’ kaThixo. (2 Samuweli 11:27) Emva kokuba elulekiwe, uDavide waguquka waza waxolelwa nguThixo. Kodwa ke kwafuneka avune imiphumo ebuhlungu yesono sakhe. (2 Samuweli 12:13, 14) Kamva noKumkani uSolomon osisilumko wangqina ukuba ‘nabani na okrexezayo uswele intliziyo.’—IMizekeliso 6:32.

OKO UNOKUKWENZA

Ukuba ukrexezile, cela uxolo kuThixo nakwiqabane lakho. (INdumiso 51:1-5) Funda ukukucaphukela ukukrexeza njengoThixo. (INdumiso 97:10) Yibaleke ngeenyawo iphonografi, ukuba nombono wakho ulele nomnye umntu, ukuncwasa, nayo nantoni na enokukwenza ufune ukulala nomntu ongatshatanga naye.—Mateyu 5:27, 28; Yakobi 1:14, 15.

Ukuba iqabane lakho liye lakrexeza, qiniseka ukuba uThixo uyayiqonda indlela ovakalelwa ngayo. (Malaki 2:13, 14) Mcele akuthuthuzele aze akukhokele, ibe “wokuxhasa.” (INdumiso 55:22) Ukuba ukhetha ukulixolela iqabane lakho uze uhlale emtshatweni, kuza kufuneka nisebenze nzima ukuze nakhe umtshato wenu kwakhona.—Efese 4:32.

Emva kokuba uDavide ekrexezile waza waguquka, umprofeti uNathan wathi kuye, “noYehova uyasidlulisa isono sakho.”2 Samuweli 12:13.