Yiya kwinkcazelo

Ngaba IBhayibhile Ingandinceda Ndibe Nentsapho Eyonwabileyo?

Ngaba IBhayibhile Ingandinceda Ndibe Nentsapho Eyonwabileyo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Ewe. Nanga amacebiso obulumko asuka eBhayibhileni, aye anceda amadoda namakhosikazi amaninzi onwaba ezintsatsheni:

  1.   Wubhalise ngokusemthethweni umtshato. Ukuzibophelela ngokupheleleyo, kwenza intsapho yonwabe.​—Mateyu 19:4-6.

  2.   Yiba nothando nentlonipho. Oku kuquka ukuphatha iqabane lakho ngale ndlela nawe ongathanda ukuphathwa ngayo.​—Mateyu 7:12; Efese 5:25, 33.

  3.   Kuphephe ukusebenzisa amazwi ahlabayo. Thetha kakuhle neqabane lakho, enoba lithethe okanye lenze into ekukhathazayo. (Efese 4:31, 32) Njengokuba iBhayibhile isitsho kwiMizekeliso 15:1: “Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo, kodwa ilizwi elibangela intlungu linyusa umsindo.”

  4.   Nyanisekani. Bonisa uthando uze ube neentlobano zesini neqabane lakho kuphela. (Mateyu 5:28) IBhayibhile ithi: “Umtshato mawubekeke phakathi kwenu nonke, nesilili somtshato masingadyojwa.”​—Hebhere 13:4.

  5.   Baqeqeshe ngothando abantwana bakho. Kuphephe ukuyekelela, kwangaxeshanye kuphephe nokuba ngqwabalala.​—IMizekeliso 29:15; Kolose 3:21.