Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

USathana

USathana

Ngaba uSathana ngumntu wokwenene?

“Inyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi, noSathana, . . . ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela.” —ISityhilelo 12:9.

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Abanye abantu bathi uSathana uMtyholi akangomntu, kodwa yingcinga nje yenkohlakalo nobubi eba sentliziyweni yomntu.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

USathana ngumntu wokwenene. Uyingelosi engazange ifune ukuthobela uThixo, yaye uchasa yonke into ayenzayo. IBhayibhile ithi uSathana ‘ngumlawuli weli hlabathi.’ (Yohane 12:31) Usebenzisa ‘imiqondiso yobuxoki’ kunye ‘nenkohliso’ ukuze achase uThixo.—2 Tesalonika 2:9, 10.

IBhayibhile ithi uSathana wakha wathetha noThixo. Ngoko ke, ukuba uSathana ebeyingcinga nje embi engaphakathi emntwini, ngaba uThixo ongcwele nococekileyo ebeya kuthetha nengcinga embi ekuye ngaphakathi? (Duteronomi 32:4; Yobhi 2:1-6) Izicacele into yokuba uSathana ngumntu okhoyo, kungekhona nje ingcinga esentliziyweni yomntu.

KUTHENI UFANELE UBE NOMDLA?

USathana ufuna ucinge ukuba ungumntu wasentsomini kanye njengokuba nesikrelemnqa sizifihla ukuze singabhaqwa xa sisophula umthetho. Ukuze ukwazi ukuzikhusela kuSathana, kuza kufuneka uqale uvume ukuba ukhona.

 Uhlala phi uSathana?

“Yeha kuwo umhlaba. . . ngenxa yokuba uhlile weza kuni uMtyholi.” —ISityhilelo 12:12.

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Abant’ abaninzi bathi uSathana uhlala kwisihogo somlilo esisemathunjini omhlaba. Abanye bathi uhlala ezintliziyweni zabantu ababi.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

USathana sisidalwa esingumoya, ngoko indawo ahlala kuyo ayibonakali. Kangangexesha elithile, uSathana wavunyelwa ukuba angen’ ephuma apho kuhlala khona uThixo neengelosi zakhe ezithembekileyo. (Yobhi 1:6) Kodwa ke ngoku ugxothiwe ezulwini kunye nezinye iingelosi ezingcolileyo, yaye uhlal’ apha emhlabeni.—ISityhilelo 12:12.

Ngaba le nto ithetha ukuba uSathana unendawo ethile ahlala kuyo apha emhlabeni? Ngokomzekelo, mhlawumbi wakha weva ukuba iBhayibhile yakha yathi ‘uSathana wayehlala’ kwisixeko samandulo ekwakuthiwa yiPergamo. (ISityhilelo 2:13) Le vesi yayibhekisela kwindlela ekwakugquba ngayo ukunqulwa kukaSathana kweso sixeko. USathana akanandawo ayenze ikhaya okanye isikhundla sakhe apha emhlabeni. Endaweni yoko, iBhayibhile ithi, “zonke izikumkani zomhlaba omiweyo” zezakhe.—Luka 4:5, 6.

Ngaba uSathana uyakwazi ukwenzakalisa okanye ukulawula abantu?

“Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” —1 Yohane 5:19.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Abant’ abaninzi baye bavuma ukulahlekiswa ngulo somaqhingashe, nto leyo ebenze balawulwa nguye. (2 Korinte 11:14) Kungenxa yoko le nto abantu bengakwazi ukuphucula umhlaba.

IBhayibhile ineevesi ezithetha ngendlela uSathana okanye ezinye iingelosi eziziinjubaqa, eziye zalawula ngayo abantu zaza zabenzakalisa.—Mateyu 12:22; 17:15-18; Marko 5:2-5.

OKO UNOKUKWENZA

Ungamoyik’ uSathana. Ukuze ungabi sisisulu seli qotha-qikili, kuza kufuneka ‘wazi amacebo alo.’ (2 Korinte 2:11) Ukufunda iBhayibhile kuya kukunceda uwazi amaqhinga kaSathana ukuze angadlali ngawe.

Lahla zonke izinto ezinento yokwenza needemon. (IZenzo 19:19) Isenokuba ngamakhubalo, iincwadi, iividiyo, umculo okanye imidlalo yekhompyutha enento yokwenza nemimoya okanye ukuvumisa.

IBhayibhile ithi, “mchaseni uMtyholi, wonibaleka.” (Yakobi 4:7) Unokuzikhusela kwinkohlakalo kaSathana xa uthobela icebiso leBhayibhile.—Efese 6:11-18.