Yiya kwinkcazelo

Uhlala Phi UMtyholi?

Uhlala Phi UMtyholi?

Impendulo yeBhayibhile

 Njengesidalwa somoya, indawo ahlala kuyo uMtyholi ayinakubonwa ngabantu. Noko ke, le ndawo ayisosihogo somlilo apho angcungcuthekisa abantu abangendawo, njengoko kuboniswa kumfanekiso okweli nqaku.

“Kwabakho imfazwe ezulwini”

 Kangangexesha elithile, uSathana uMtyholi wayehambahamba kummandla wokomoya nanini na ethanda, ade angene nasezulwini apho akhoyo uThixo neengelosi ezithembekileyo. (Yobhi 1:6) Kodwa iBhayibhile yachaza kwangaphambili ukuba kwakuza kubakho “imfazwe ezulwini” apho uSathana wayeza ‘kuphoselwa emhlabeni.’ (ISityhilelo 12:7-9) Ubalo-maxesha lweBhayibhile kunye neziganeko zehlabathi ziyangqina ukuba le mfazwe yasezulwini sele yenzekile. Ngoku uMtyholi usemhlabeni.

 Ngaba le nto ithetha ukuba kukho ilizwe aph’ emhlabeni ahlala kulo uMtyholi? Ngokomzekelo, kuthiwa “itrone kaSathana nalapho ahleli khona” ikwisixeko samandulo iPergamo. (ISityhilelo 2:13) Kusenokwenzeka ukuba le vesi ibhekisela kwindawo apho uSathana wayenqulwa kakhulu khona. IBhayibhile ithi uMtyholi ulawula “zonke izikumkani zomhlaba,” ngoko akukho lizwe lithile ahlala kulo emhlabeni kodwa uhamba iindawo zonke.​—Luka 4:5, 6.