Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

alfa27/stock.adobe.com

IPHULO LESIKHUMBUZO

UYesu Uza Kubasusa Abantu Abophula Umthetho

UYesu Uza Kubasusa Abantu Abophula Umthetho

 UYesu uyazi kakuhle indlela ekubuhlungu ngayo ukwehlelwa zizinto ezimbi ngenxa yabantu abophula umthetho nabangalunganga. Watyholwa, wabethwa ngaphandle kwesizathu, waxoxiswa ityala elingekhoyo, wanikwa isigwebo esingamfanelanga, waza wabulawa kabuhlungu. Nangona wayengenatyala, wazincama waza wanikela “ngobomi bakhe ukuze kuhlawulelwe abaninzi.” (Mateyu 20:28; Yohane 15:13) Ngoku, njengokuba enguKumkani woBukumkani bukaThixo, uza kwenza kubekho ubulungisa emhlabeni wonke ngokususa bonke abantu abophula umthetho ngonaphakade.—Isaya 42:3.

 IBhayibhile iyachaza ukuba kuza kuba njani emva kokuba uYesu elungise umhlaba:

  •   “Sekusele ithutyana, bangabikho abenzi-bubi; xa ujonga apho bebekho, baza kube bengasekho. Kodwa umhlaba uza kuba ngowabalulamileyo, ibe baza kuphila kamnandi kukho uxolo oluninzi.”—INdumiso 37:10, 11.

 Singabonisa njani ukuba siyayixabisa into esayenzelwa nguYesu, naleyo aza kusenzela yona? KuLuka 22:19, uYesu wathi kubalandeli bakhe mabakhumbule ukufa kwakhe. Ngenxa yalo nto, qho ngonyaka amaNgqina kaYehova aye adibane ukuze akhumbule ukufa kukaYesu. Siyakumema ukuba ube khona kwiSikhumbuzo Sokufa kukaYesu ngeCawa, Matshi 24, 2024.

Khangela Indawo Eza Kuba NeSikhumbuzo