Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO

Ukuthetha Nabantwana Ngendlela Yokusebenzisa Utywala

Ukuthetha Nabantwana Ngendlela Yokusebenzisa Utywala

 “Saqala ukuthetha nentombi yethu ngotywala xa yayineminyaka eyi-6. Sothuka kuba sasingacingi ukuba yazi kakhulu ngotywala.”—UAlexander.

 Into omele uyazi

 Kubalulekile ukuthetha nabantwana ngotywala. Sukulinda ade abe mdala umntwana wakho. UKhamit, waseRashiya uthi: “Akwaba sasithethe nonyana wethu esemncinci ngendlela yokusebenzisa utywala. Ndayibona indlela ebaluleke ngayo lento xa ndaba nengxaki. Ndafumanisa ukuba unyana wam oneminyaka eyi-13 uyasela.”

 Kutheni umele ube nexhala?

  •   Abantwana besikolo, ezentengiso, neTV zingenza umntwana wakho akujonge ngenye indlela ukusebenzisa utywala.

  •   Ngokutsho kweU. S Centers for Disease Control and Prevention, bayi-11 pesenti abantwana abancinci abasebenzisa utywala eMerika.

 Le nto ayisothusi kuba amagosa empilo akhuthaza abazali ukuba bafundise abantwana babo besebancinci ngeengozi zokusebenzisa utywala. Ungayenza njani loo nto?

 Into omele uyenze

 Cinga ngemibuzo anokuyibuza umntwana wakho. Abantwana abancinci banomdla wokwazi, ibe xa bebadala bafuna ukwazi ngakumbi. Ngoko kungaluncedo ukucinga indlela oza kubaphendula ngayo kusengaphambili. Ngokomzekelo:

  •   Ukuba umntwana wakho unomdla wokwazi ukuba injani incasa yotywala, usenokuthi iwayini injengefruthi emuncu yona ibhiya iyakrakra.

  •   Ukuba ufuna ukuva ukuba bunjani utywala, usenokuthi utywala buyingozi kwimizimba yabantwana. Chaza izinto ezinokwenzeka: Utywala bungamenza umntu aphumle, kodwa ukusela kakhulu kungamenza umntu abe nesiyezi, enze izinto ezirongo, aze athethe izinto aza kuzisola ngazo.—IMizekeliso 23:29-35.

 Funda okungakumbi. IBhayibhile ithi: “Umntu osisilumko wenza izinto ngokwazi.” (IMizekeliso 13:16) Yazi kakuhle imithetho yendlela yokusebenzisa utywala kwilizwe lakho. Uza kutsho ukwazi ukunceda umntwana wakho.

 Yiba ngowokuqala ukuthetha naye ngotywala. UMark, utata waseBritani uthi: “Indlela yokusebenzisa utywala ingababhida abantwana. Ndabuza unyana wam oneminyaka eyi-8 ukuba kulungile okanye kurongo ukusela utywala. Sathetha ngokukhululekileyo ibe loo nto yamnceda wazola, waza wachaza indlela acinga ngayo.”

 Uza kumnceda umntwana wakho xa ungathethi kanye ngotywala. Kuxhomekeke kwiminyaka yomntwana wakho, ungathetha ngabo nangezinye izinto zobomi ezifana nendlela yokukhuseleka endleleni nangesondo.

 Yiba ngumzekelo. Abantwana bafana neziponji—bafunda kwizinto abazibonayo—ibe uphando lubonisa ukuba abantwana bafunda kakhulu kubazali. Le nto ithetha ukuba xa usebenzisa utywala xa uneengxaki okanye unestres, umntwana wakho uza kucinga ukuba naye makabusebenzise xa enamaxhala. Ngoko makafunde kuwe. Qiniseka ukuba ubusebenzisa kakuhle utywala.

Abantwana bakho baza kuyifunda kuwe indlela yokusebenzisa utywala