Yiya kwinkcazelo

Unjani Umzimba KaMtyholi?

Unjani Umzimba KaMtyholi?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UMtyholi ungumoya, loo nto ithetha ukuba unomzimba esingenakuwubona.​—Efese 6:11, 12.

Abazobi abaninzi badla ngokuzoba ibhokhwe enamaphondo nomsila, ephethe ifolokhwe xa bezoba uMtyholi. Abanye abantu bathi le mifanekiso yaqala ukuzotywa ngabazobi ababephila kwiminyaka engaphezu kweyi-1000 eyadlulayo. Kusenokwenzeka babemzoba ngolu hlobo kuba babesiva iintsomi zakudala.

 IBhayibhile ithi unjani uMtyholi?

IBhayibhile imchaza ngeendlela ezahlukeneyo uMtyholi. Zisinceda simazi ukuba unjani, kodwa azisincedi siwazi umzimba wakhe. Nazi ezinye:

  • Ingelosi yokukhanya. Uzenza ngathi uza kubenzela izinto ezintle abantu, ukuze benze izinto azifundisayo kunokwenza ezifundiswa nguThixo.​—2 Korinte 11:14.

  • Ingonyama egqumayo. Ubakhohlakalele abantu bakaThixo, uyabahlasela.​—1 Petros 5:8.

  • Inamba enkulu. Uyoyikisa, unamandla ibe umosha kakhulu.​—ISityhilelo 12:9.