Yiya kwinkcazelo

Ngaba UThixo Wadala USathana Ukuze Asivavanye?

Ngaba UThixo Wadala USathana Ukuze Asivavanye?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo akazange adale uMtyholi. Kunoko, wadala umntu owajika waba nguMtyholi. Xa ithetha ngoThixo, iBhayibhile ithi: “Ugqibelele umsebenzi wakhe, ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni. NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; Lilungisa yaye uthe tye yena.” (Duteronomi 32:3-5) Ngokusuka kulo mbhalo, siyabona ukuba uSathana uMtyholi wayelungile, efezekile, engomnye woonyana bakaThixo abaziingelosi.

KuYohane 8:44, uYesu wathi uMtyholi ‘akazange eme enyanisweni,’ nto leyo ethetha ukuba wakha wangumntu onenyani.

Noko ke, njengazo zonke izidalwa zikaThixo, le ngelosi eyaba nguSathana yayinenkululeko yokuzikhethela ukwenza okubi okanye okulungileyo. Xa wakhetha ukuma nxamnye noThixo waza waphembelela isibini sokuqala ukuba simlandele, wajika waba nguSathana, igama elithetha “Umchasi.”—Genesis 3:1-5; ISityhilelo 12:9.