Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngokukhupha Isisu?

Ithini IBhayibhile Ngokukhupha Isisu?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IBhayibhile ayilisebenzisi igama elithi “ukukhupha isisu,” xa ithetha ngokuphuma komntwana ongekazalwa. Kodwa kuyo uThixo uyasixelela indlela ebubaluleke ngayo ubomi babantu nobo bomntwana ongekazalwa.

Ubomi sisipho esivela kuThixo. (Genesis 9:6; INdumiso 36:9) UThixo ubuxabisile ubomi, nobo bomntwana ongekazalwa. Xa umntu ekhupha isisu, kuYehova ungumbulali.

UMthetho uThixo awayewunike amaSirayeli wawusithi: “Xa athe amadoda asukuzana aza ngenene enzakalisa umfazi omithiyo, baphuma abantwana bakhe, akwabakho wenzakalayo afe noko, makahlawuliswe ngomonakalo lowo njengoko eya kubeka phezu kwayo umnini waloo mfazi; yaye umele akunikele oko ngokomyalelo wabagwebi. Kodwa ukuba kubekho owenzakalayo wafa, uze unikele umphefumlo ngomphefumlo.”​—Eksodus 21:22, 23. a

 Buqala nini ubomi bomntu?

KuThixo, ubomi bomntu buqala eseyiseli nje enye kwiqanda likamama. ELizwini lakhe iBhayibhile, uThixo uyichaza ngokuphindaphindiweyo into yokuba umntwana ongekazalwa, ngumntu. Kule mizekelo ilandelayo siza kubona ukuba kuThixo, ubomi bomntwana ongekazalwa abohlukanga kubomi bomntwana osele ezelwe.

  • UKumkani uDavide ephefumlelwe, wathi kuThixo: “Amehlo akho andibona ndiseyimbumba.” (INdumiso 139:16) UThixo wayemjonga uDavide njengomntu nangaphambi kokuba azalwe.

  • Kwakhona, kwangaphambi kokuba azalwe umprofeti uYeremiya, uThixo wayesazi ukuba uza kumsebenzisa kowona msebenzi ubalulekileyo. UThixo wathi kuye: “Ngaphambi kokuba ndikuyile esiswini bendikwazi, naphambi kokuba uphume esibelekweni ndakungcwalisa. Ndikwenze umprofeti ezintlangeni.”​—Yeremiya 1:5.

  • Umbhali weBhayibhile uLuka, owayengugqirha, naye wasebenzisa igama lesiGrike elinye ukuchaza umntwana ongekazalwa kunye nomntwana osele ezelwe.​—Luka 1:41; 2:12, 16.

 Ngaba uThixo angamxolela umntu oye wakhupha isisu?

Abantu abaye bakhupha isisu uThixo angabaxolela. Ukuba bayayamkela indlela uThixo abujonga ngayo ubomi, akunyanzelekanga ukuba bazive benetyala. “UYehova unenceba nobabalo . . . Njengokuba kude kwempumalanga entshonalanga, kunjalo ukukukhwelelisa kwakhe kude nathi ukunxaxha kwethu.” b (INdumiso 103:8-12) UYehova uza kubaxolela bonke abo baye baguquka ngokunyanisekileyo kwizono ababezenza, kunye nabo bakhuphe isisu.​—INdumiso 86:5.

 Ngaba simele sikhutshwe isisu ukuba ubomi bukamama okanye bomntwana busengozini?

Ekubeni sesibonile ukuba uThixo ubujonga njani ubomi bomntwana ongekazalwa, umntu okhupha isisu kuba ecinga ukuba ubomi bakhe okanye bomntwana busengozini akathetheleleki, kuba emehlweni kaThixo uyafana nomntu okhupha isisu ngabom.

Kunokwenziwa ntoni xa kuye kwenzeka kwakho ingxaki xa umama ebeleka, enyanzelisa ukuba kukhethwe ukusindisa ubomi bukamama okanye bomntwana? Kulo meko, imele ibe sisigqibo somntu ukuba ukhetha ukusindisa ubomi bukabani.

a Ezinye inguqulelo zazisenza lo mthetho wamaSirayeli ubonakale ngathi eyona ngozi ibalulekileyo yeyenzeke kumama, kungekhona kumntwana ongekazalwa. Kodwa zona iZibhalo zamaHebhere zithetha ngengozi enokubangela kufe umama okanye umntwana ongekazalwa.

b IBhayibhile ithi uYehova ligama likaThixo.​—INdumiso 83:18.