Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Luka 2:14—“Kubekho Uxolo Emhlabeni Phakathi Kwabantu Abathandayo”

Luka 2:14—“Kubekho Uxolo Emhlabeni Phakathi Kwabantu Abathandayo”

 “Makazukiswe uThixo osemazulwini, kubekho uxolo emhlabeni phakathi kwabantu abathandayo.”—Luka 2:14, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Makadunyiswe uThixo kweliphezulu, kube luxolo emhlabeni kubantu abamkholisayo.”—Luka 2:14, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

Oko kuthethwa nguLuka 2:14

 La mazwi athethwa ziingelosi xa kwakuzalwa uYesu abonisa ukuba abo banokholo kuYesu bangakwazi ukumvuyisa uThixo baze babe noxolo.

 “Makazukiswe uThixo osemazulwini.” Ngala mazwi iingelosi zazibonisa ukuba uThixo ulufanele lonke uzuko. Kwakhona aphinde abonise ukuba ukuzalwa kukaYesu nokushumayela kwakhe kwakuza kumzukisa uYehova a uThixo. Ngokomzekelo, uYesu wayezukisa uThixo xa weyefundisa, kuba wakha wathi: “Ezi zinto ndizifundisayo ayizozam, zezaLowo undithumileyo.” (Yohane 7:16-18) Xa uYesu wayesenza imimangaliso, abantu ababebukele, ‘bamzukisa uThixo.’ (Luka 5:18, 24-26; Yohane 5:19) Nokufa kukaYesu kwamzukisa uThixo. Kwabangela ukuba uThixo akwazi ukuzalisekisa injongo yakhe awayenayo yokuba umhlaba uhlale abantu abanoxolo nothando.—Genesis 1:28

 “Kubekho uxolo emhlabeni.” Olu xolo aluthethi ukuba akukho mfazwe. Kodwa luquka uxolo, okanye ukuzola okubakho xa umntu evuyisa uYehova. Ngenxa kaYesu, abantu bangakwazi ukuba noxolo nobuhlobo kunye noThixo. (Yakobi 4:8) NjengoKumkani woBukumkani bukaThixo, uYesu uza kuzisa uxolo olungasoze luphele.—INdumiso 37:11; Luka 1:32, 33

 “Kwabantu abathandayo.” La mazwi abhekisela kubantu abathandwayo nguThixo, ngenxa yokholo abanalo kuye nakulowo amthumileyo uYesu. Awabhekiseli ekuthandeni kukaThixo abantu nokuba baziphethe njani, engabhekiseli nakuthando abanalo abantu. Iinguqulelo ezindala nezinokuthenjwa zesiGrike ziyayixhasa indlela iNguqulelo Yehlabathi Elitsha ewabeka ngayo la mazwi kuquka nezinye iinguqulelo zakutshanje ekuchazeni ukubakho koxolo kubantu abathandwa nguThixo.—Funda “ ULuka 2:14 Kwezinye Iinguqulelo.”

Into ekuthethwa ngayo kuLuka 2:14

 Isahluko sesibini sencwadi kaLuka sichaza iminyaka yokuqala kaYesu njengomntu. Emva kokuzalwa kwakhe, kwathi gqi ingelosi kubelusi ababehlala “endle kuba begade imihlambi yabo ebusuku.” b (Luka 2:4-8) Le ngelosi yathi kubelusi, “ndiniphathele iindaba ezilungileyo eziza kuvuyisa wonke umntu. Kuba namhlanje nizalelwe umsindisi, onguKristu iNkosi, kwisixeko sikaDavide.” (Luka 2:9-11) Abelusi bachazelwa ukuba baza kulufumana phi usana, ibe babona iingelosi ezininzi zidumisa uThixo. Xa bafika eBhetelehem, abelusi bafumana uMariya noYosefu bekunye nosana olunguYesu. (Luka 2:12-16) Emva kokubachazela izinto abazivileyo nabazibonileyo, abelusi bagoduka “bemzukisa yaye bemdumisa uThixo ngayo yonke into abayivileyo nabayibonileyo.”—Luka 2:17-20.

 Ezinye Iinguqulelo Zencwadi KaLuka 2:14

 “Makadunyiswe uThixo kweliphezulu, kube luxolo emhlabeni, kubantu abamkholisayo.”—Luka 2:14, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

 “Uzuko kuThixo enyangweni, uxolo emhlabeni, inkolelo ebantwini.”—Luka 2:14, IZibhalo Ezingcwele

 Bukela le vidiyo imfutshane ukuze ubone nezinye izinto ekuthethwa ngazo kwincwadi kaLuka.

a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Funda inqaku elithi “Ngubani uYehova?

b Into yokuba abelusi babehlala endle ebusuku sibonisa ukuba ezi zinto zange zenzeke ebusika. Ukuze wazi okungakumbi, funda inqaku elithi “Wazalwa Nini UYesu?