Yiya kwinkcazelo

FEBRUWARI 13, 2015
EUKRAINE

Izakhiwo Zonqulo Ezithinjiweyo EUkraine

Izakhiwo Zonqulo Ezithinjiweyo EUkraine

Ukususela ngoJanuwari 2015, amadoda axhob’ afohlela athimba iiHolo ZoBukumkani (izindlu zokunqula) eziyi-14 zamaNgqina KaYehova eUkraine. Ezi Holo zithinjiweyo ziseDonetsk naseLuhansk kwimpuma yelo lizwe, apho sekuziinyanga kuqhubeka imfazwe. La madoda axhobileyo ajolisa iliso lawo kumaNgqina KaYehova kuba ewacaphukela futhi engafuni ukuba anqule ngokukhululekileyo.

Kangangethuba elingaphezu kweminyaka eyi-20, amaNgqina KaYehova eUkraine ebekwazi ukunqula ngokukhululekileyo. UVasyl Kobel, oliNgqina likaYehova elisebenza kwiofisi yesebe yaseLviv, uthi: “Besisoloko sihlanganisana kwizakhiwo zethu zonqulo ukuze sifunde iBhayibhile size sithandaze, ibe besisoloko sizama ukuba ngabantu abalungileyo ekuhlaleni. Kodwa kutshanje, abantu baseUkraine baye batsala nzima ngenxa yombhodamo ovelileyo kwimpuma yeli lizwe. NamaNgqina KaYehova aye angamaxhoba ale nkohlakalo.”

UMnu. uKobel ebethetha ngamaNgqina KaYehova ayi-150 000 ahlala eUkraine. Amawaka amaNgqina aye abaleka kuloo mimandla egquba imfazwe. Kodwa amalunga ne-17 500 amaNgqina aye ashiyeka ezama ukuphila kuloo mimandla kafayayo yaseDonetsk naseLuhansk. Ekubeni iiHolo ZoBukumkani zawo zithinjiwe, amawaka amaNgqina ashiyeke engenazo izakhiwo zokunqulela, nto leyo enyanzelisa ukuba ahlanganisane kwiindawo ezixineneyo emakhayeni awo. Ngoku, amanye amaNgqina kuye kunyanzeleke ukuba ahambe umgama weeyure ezimbini ukuya nokubuya esiya kukhonza.

Ukuthinjwa KweeHolo ZoBukumkani Kuthetha Ukuthiywa Ngenxa Yonqulo

Ukuthinjwa kweeHolo ZoBukumkani zamaNgqina akuyonto ezenzekelayo, kodwa kwenzeka kuba wona neenkolelo zawo engafunwa. Inkokeli yelinye iqela yathi eyona nto iyifunayo “kukugxotha onke amaNgqina KaYehova” kuba, ngokwembono yayo, yiCawa yobuOthodoki kuphela evumelekileyo kuloo ngingqi. Enye yathi, “Kuphelile ngamaNgqina KaYehova.” Nakuba esoyikiswa ngolu hlobo, amaNgqina KaYehova aseUkraine azimisele ukuhlala enqula uThixo.

Nangona lingekabikho elenzakeleyo, amaNgqina alapho akakhuselekanga futhi akakwazi kunxulumana namanye ngokukhululekileyo. Ngesiny’ isihlandlo, amadoda axhobe af’ amacala ambonzeleka kwiHolo YoBukumkani kwidolophu yaseHorlivka kwingingqi yaseDonetsk ngoxa kuqhubeka iintlanganiso, esoyikisa bonke ababekhona, kuquka abantu abasele bekhulile nabantwana. Kanti kwesinye isihlandlo, amaNgqina othuswa kukufika iHolo YoBukumkani ivalwe ngamanye amaqhaga ibe isetyenziswa ngamajoni.

Into Esele Yenziwe Ngale Ngxaki

UMnu. uKobel uthe: “Le ngxaki yokuthinjelwa izakhiwo ngokungekho semthethweni, iofisi yesebe yaseLviv iye yayisa kumasebe akwarhulumente ahlukahlukeneyo nakumagosa athile. Le nto yenza ukuba urhulumente azi ukuba nantoni na eyenziwayo kwezo zakhiwo ngabo bahlali bangekho semthethweni ayisuki kuthi.” Ukongezelela, iofisi yesebe iye yayalela amadoda amiselweyo emabandleni amaNgqina KaYehova kwimimandla yaseDonetsk naseLuhansk ukuba aqiniseke ngokukhuseleka kweNgqina ngalinye elikuloo mmandla. La madoda aye akhunjuzwa ukuba ubomi bubaluleke ngaphezu kwezakhiwo kwaye akukho nto imele yenziwe eza kubeka ukhuseleko lwamaNgqina esichengeni.

AmaNgqina akalali buhlayo, ibe abasemthethweni abakathathi nyathelo lokuba aphinde afumane iiHolo ZoBukumkani zawo. Kodwa ke, nakuba ejongene nobunzima bokuthinjelwa iiHolo ZoBukumkani, amaNgqina azimisele ukuqhubeka ekhonza. Asenethemba lokuba ngenye imini izakhiwo zawo ziza kubuyiselwa aze ahlanganisane namanye amakholwa ngokukhuselekileyo kwiiHolo ZoBukumkani zawo.