Yiya kwinkcazelo

JULAYI 28, 2014
EUKRAINE

Ukungasebenzi Kakuhle Kwamapolisa Kubangel’ Impatho-mbi EUkraine

Ukungasebenzi Kakuhle Kwamapolisa Kubangel’ Impatho-mbi EUkraine

“Xa umntu engohlwaywa ngezinto azenzayo, uye aqatsele.” La mazwi ayinyaniso nangakumbi eUkraine, apho isiya ixhaphaka into yokuba amaNgqina kaYehova amaninzi aphetheke kakubi. AmaNgqina kaYehova ayayivuyela into yokuba urhulumente waseRashiya ewanika inkululeko yonqulo, kodwa ke axhalabile kuba kubonakala ngathi amaNgqina aphathwa kakubi yaye abarhanelwa abohlwaywa kangako.

Uhlaselo

Ukususela ngo-2008, kukho amaNgqina kaYehova ayi-64 aye ahlaselwa ebudeni okanye emva kwenkonzo yawo. Ayi-16 kuwo, ahlaselwa ngabefundisi bobuOthodoki.

Ukususela ngo-2008 ukuya kutsho ngo-2013, kuye kwadilizwa iiHolo zoBukumkani eziyi-190 yaye abarhanelwa abangabemi baseRashiya bakhe bazama ukutshisa iiHolo eziyi-13. Ebudeni bonyaka ka-2012 no-2013, inani leeHolo zoBukumkani eziye zamoshwa liye lantinga ngokuphawulekayo xa lithelekiswa nale minyaka mine idlulileyo.

Ezi ntlaselo zithath’ unyawo noko ngoku. Ngo-2012 kwatshiswa iiHolo zoBukumkani ezimbini ezikwiNgingqi yaseDonetsk zaphela vuthu. Ngo-2013 amaNgqina amabini abethwa kanobomi aza onzakala, kwafuneka ahlaliswe ithuba elide esibhedlele.

AmaNgqina ayazama ukucel’ uncedo emapoliseni, kodwa awafumani siqabu ngoba awalwenzi kakuhle uphando.

Ukungasebenzi kakuhle kwamapolisa

Ukutshiswa nokumoshwa kweHolo yoBukumkani kwiNgingqi yaseDonetsk, ngoJuni 5, 2014

Ukumoshwa kwezakhiwo. Xa kuchazelwa amapolisa ngento eyenzekayo, aye afike kade okanye angafiki kwaukufika. Ukuba kufakwe isimangalo, aye alwenze kade uphando okanye kungade kuyiwe nasenkundleni. Naxa sekubhenelwe emthethweni, into eza kwenzeka kukuba umtshutshisi akazi kubabek’ ityala abarhanelwa okanye ukuba baye bamangalelwa, abazi kohlwaywa kangako. Ukususela ngo-2008 ukuya kutsho ngo-2012, akukho noba abe mnye umrhanelwa okhe wagwetywa ngezihlandlo eziyi-111 zokumoshwa kweeHolo.

Ukubethwa. Amapolisa aye angaliphandisisi ncam ityala lokubethwa kwamaNgqina. Ababawahlawulisi yaye ababohlwayi abarhanelwa xa bebafumene. Xa iinkundla zigweba aba bahlaseli, izigwebo abazifumanayo zincinane gqitha xa zithelekiswa nezenzo zabo.

Xa abantu abophula umthetho befumana izohlwayo ezincinane, abanakuze bajike

Ukubethwa kukaOleksandr Tretiak

UOleksandr Tretiak

NgoNovemba 26, 2013 uOleksandr Tretiak oliNgqina elina-41 wahlaselwa kanobomi xa wayevela enkonzweni. Kangangexesha elingaphezu kwemizuzu eyi-20 wabethwa ngokungenalusizi ngamadoda amathathu. Wawachaza ngokwakhe la madoda, yayinguRuslan Ivanov; uAnatoliy Dovhan umphathi wamapolisa odla umhlala phantsi noEvheniy Ihlinskiy umkhwenyana kaDovhan osebenza njengetrafiki. Lo kaTretiak wakwazi ukubhungca apho waza wabalekiselwa esibhedlele, wafika apho enamanxeba amaninzi, edumbile, impumlo yakhe yophukile yaye ebethwe kanobomi entloko.

Phezu kwayo imeko ebekuyo, umcuphi obephanda wathi uhlaselwe ngabantu abathathu abangaziwayo yaye wonzakele nje kancinane. Emva kweeveki ezimbini esesibhedlele, lo kaTretiak wakhutshwa ngaphambi kokuba achache, ukuba wayehleli ixesha elide kuneli, kwakuza kufuneka umcuphi achazele abasemagunyeni ukuba lo mfo wonzakele kakhulu. Ngenxa yendlela awayenzakele ngayo, kwanyanzeleka aphindele esibhedlele ngosuku olulandelayo. Wachitha iintsuku eziyi-23 esibhedlele.

Omnye wabahlaseli, uRuslan Ivanov wayefunwa ngamapolisa kodwa akazange afumaneke kuba wabaleka. UTretiak woyikela ukuba aba bahlasela baza kuphinda bamhlasele. Uthi: “Ndiqinisekile ukuba abahlaseli bandibethe kuba bengawathandi amaNgqina kaYehova, bebefuna ukundibulala.”

Ngaba Abasemagunyeni Baza Kutshintsha?

AmaNgqina kaYehova angaphezu kwayi-150 000 aseUkraine aye onwabela inkululeko yonqulo kangangeminyaka emininzi kwelo. AmaNgqina anethemba lokuba amapolisa aza kutshintsha aze awenze kakuhle umsebenzi wawo wokubamba bonk’ abantu abophul’ umthetho.