Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 28

Mbulele UYehova NoYesu Ngento Abakwenzele Yona

Mbulele UYehova NoYesu Ngento Abakwenzele Yona

Uye uzive njani xa umhlobo wakho ekupha isipho esihle? Umele ukuba uye uvuye nyhani uze ufune ukumbonisa indlela osithanda ngayo. UYehova noYesu basiphe isipho esizodlula zonke esakha sazifumana, basihlawulela. Singababonisa njani ukuba siyababulela ngaso?

1. Yeyiphi enye into esinokuyenza ebonisa ukuba siyambulela uThixo noKristu ngento abasenzele yona?

IBhayibhile ithi “wonke umntu ozikholelwayo izinto azifundisayo [uYesu] aze azenze” uza kufumana ubomi obungunaphakade. (Yohane 3:16) Akufuneki sikholelwe qha kuYesu. Kodwa kufuneka izinto esizikhethayo nesizenzayo zibonise ukuba sinokholo kuye. (Yakobi 2:17) Xa izinto esizithethayo nesizenzayo zibonisa ukuba sinokholo, sisondela nakakhulu kuYesu nakuTata wakhe, uYehova.​—Funda uYohane 14:21.

2. Yintoni uYesu awayenzayo esinceda simbonise indlela esimbulela ngayo yena noYehova?

Ngala mini wayeza kubulawa ngayo uYesu, ngokuhlwa, waxelela abafundi bakhe enye into abanokuyenza. Le nto yayiza kubonisa ukuba bayabulela ngokuzincama kwakhe. Wathi mabadibane, benze into ethi iBhayibhile ‘siSidlo SeNkosi Sangokuhlwa,’ esaziwa nangokuba siSikhumbuzo sokufa kukaKristu. (1 Korinte 11:20) UYesu wayefuna abapostile bakhe nawo onke amaKristu okwenene awayeza kubakho emva kwabapostile bakhumbule ukuba wabancamela ubomi bakhe. Yiloo nto wathi: “Hlalani nisenza le nto, niyenzela ukundikhumbula.” (Luka 22:19) Xa usiba khona kwiSikhumbuzo, ubonisa ukuba uyambulela uYehova noYesu ngokusithanda kangaka.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda nezinye izinto onokuzenza ezibonisa ukuba uyambulela uYehova noYesu ngokusithanda kwabo. Uve nendlela esibaluleke ngayo iSikhumbuzo sokufa kukaKristu.

3. Yintoni esinokuyenza ebonisa ukuba siyabulela?

Masithi kukho umntu okukhuphe emanzini utshona. Ungavele uyilibale into eyenziwe nguloo mntu, okanye ungazama iindlela zokumbonisa ukuba umbulela kakhulu ngento akwenzele yona?

Sinethuba lokuphila ubomi obungunaphakade ngenxa yobubele bukaYehova. Funda 1 Yohane 4:8-10, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Kutheni ukuzincama kukaYesu kusisipho esizodlula zonke?

  • Uziva njani ngento uYehova noYesu abakwenzele yona?

Singabonisa njani ukuba siyambulela uYehova noYesu ngento abasenzele yona? Funda 2 Korinte 5:15 nize nincokole ngombuzo. Emva koko, funda 1 Yohane 4:11; 5:3, nize niphinde nincokole ngalo mbuzo:

  • Kule vesi, kuthiwa singenza njani ukuze sibonise ukuba siyabulela?

4. Linganisa uYesu

Enye indlela esibonisa ngayo ukuba siyabulela kukulinganisa uYesu. Funda 1 Petros 2:21, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ziintoni onokuzenza ukuze uzame ngandlela zonke ukulandela umzekelo kaYesu?

5. Yiba khona kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu

Ukuze uve ukuba kwenzeka ntoni xa iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa sasisenziwa okokuqala, funda uLuka 22:14, 19, 20. Emva koko, nincokole ngale mibuzo:

  • Kwenzeka ntoni kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa?

  • Isonka newayini zimela ntoni?​—Jonga ivesi 19 no-20.

UYesu wayefuna abalandeli bakhe benze iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa qho ngonyaka, ngala mhla wafa ngawo. Yiloo nto amaNgqina KaYehova edibana qho ngonyaka ukuze akhumbule ukufa kukaKristu, kanye ngolwa hlobo wayethe makwenziwe ngalo. Ukuze uve ngesi Sidlo SeNkosi Sangokuhlwa, dlala IVIDIYO. Emva koko, nincokole ngalo mibuzo.

  • Yintoni eyenziwayo xa kukhunjulwa ukufa kukaYesu?

Kukho izinto ezimelwa sisonka newayini. Isonka simela umzimba kaYesu ongenasono awawunikela ngenxa yethu. Yona iwayini imela igazi lakhe

UKUBA UMNTU UTHI: “Ukuze usindiswe kufuneka nje ukholelwe kuYesu.”

UFUNDE NTONI?

Sibonisa ukuba siyambulela uYesu ngento asenzele yona ngokuthi sizikholelwe izinto azifundisayo, sizenze, size sibe khona kwiSikhumbuzo sokufa kwakhe.

Khawutsho

  • Kufuneka sikholelwe nje qha kuYesu? Kutheni usitsho?

  • Ufuna ukumbonisa njani uYehova noYesu ukuba uyababulela ngento abakwenzele yona?

  • Kutheni kubalulekile ukuba khona kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Ukufa kukaKristu kusikhuthaza ukuba senze ntoni?

Wasebenzisa Umzimba Wakhe Ukuze Azukise UYehova (9:28)

Funda ezinye izinto ngokholo nangendlela esinokubonisa ngayo ukuba sinalo kwizinto esizenzayo.

“Bonisa Ukuba Unokholo Kwizithembiso ZikaYehova” (IMboniselo, Oktobha 2016)

Kwibali elithi “Ndiziva Ndicocekile, Ndiphilile Yaye Ndonwabile,” funda ukuba batshintsha njani ubomi belinye ibhinqa emva kokuqonda indlela okulinceda ngayo ukuzincama kukaKristu.

“IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu” (IMboniselo, Agasti 1, 2011)

Funda ukuba kutheni bembalwa abantu abatya isonka nabasela iwayini eSikhumbuzweni.

“Kutheni AmaNgqina KaYehova Esenza ISidlo SeNkosi Sangokuhlwa Ngokwahlukileyo Kwezinye Iinkonzo?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)