Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 19

Ngaba AmaNgqina KaYehova NgamaKristu Okwenene?

Ngaba AmaNgqina KaYehova NgamaKristu Okwenene?

Thina maNgqina KaYehova sikholelwa ukuba singamaKristu okwenene. Ngoba? Sizithatha phi izinto esizikholelwayo? Kutheni sisithi singamaNgqina KaYehova? Sibonisa njani ukuba siyathandana?

1. AmaNgqina KaYehova azithatha phi izinto azikholelwayo?

UYesu wathi: “Ilizwi [likaThixo] liyinyaniso.” (Yohane 17:17) NjengoYesu, amaNgqina KaYehova ayazikholelwa izinto eziseBhayibhileni. Ngokomzekelo, khawucinge ngembali yamaNgqina KaYehova awayekade esaziwa njengaBafundi BeBhayibhile. Malunga nonyaka ka-1870, aba bafundi beBhayibhile baqalisa ukuyifunda kakuhle ukuze babone ukuba ifundisa ntoni kanye kanye. Baqalisa ukuzikholelwa izinto ezazithethwa yiBhayibhile nokuba ezo zinto zazahlukile kwiimfundiso zecawa. Emva koko, baxelela abanye abantu ngezinto ababezifunde eBhayibhileni. a

2. Kutheni sisithi singamaNgqina KaYehova?

UYehova uthi abakhonzi bakhe ngamangqina akhe kuba bathetha inyani ngaye. (Hebhere 11:4–12:1) Ngokomzekelo, kudala, uThixo wathi kubantu bakhe: “Ningamangqina am.” (Funda uIsaya 43:10.) Yena uYesu kuthiwa ‘liNgqina Elithembekileyo.’ (ISityhilelo 1:5) Yiloo nto ngo-1931 sakhetha igama elithi amaNgqina KaYehova. Kusivuyisa kakhulu ukubizwa ngelo gama.

3. AmaNgqina KaYehova abonisa njani ukuba ayabathanda abantu njengoYesu?

UYesu wayebathanda kakhulu abafundi bakhe, kwakude kube ngathi ngabakowabo. (Funda uMarko 3:35.) Anjalo ke namaNgqina KaYehova, ayintsapho emanyeneyo esehlabathini lonke. Yiloo nto sibizana mzalwana okanye dadewethu. (Filemon 1, 2) Sithobela nomyalelo othi: “Thandani bonke abazalwana.” (1 Petros 2:17) AmaNgqina KaYehova abonisa ukuba ayabathanda abazalwana noodade abasemhlabeni wonke ngeendlela ezininzi, njengokubanceda xa bedinga uncedo.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ezinye izinto ngembali yamaNgqina KaYehova uze ujonge nezinto ezibonisa ukuba singamaKristu okwenene.

AmaKristu okwenene azithatha eBhayibhileni izinto azikholelwayo aze axelele nabanye abantu ngazo

4. Sizithatha eBhayibhileni izinto esizikholelwayo

UYehova wachaza kwangaphambili ukuba indlela esiyiqonda ngayo iBhayibhile iza kuya icaca. Funda uDaniyeli 12:4 nombhalo osemazantsi, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Yintoni le kuthiwa iza ‘kuba ninzi’ phakathi kwabantu bakaThixo xa beqhubeka beyifunda kakuhle iBhayibhile?

Khawubukele indlela iqela laBafundi BeBhayibhile abalifunda ngayo iLizwi LikaThixo. Omnye wabo nguCharles Russell. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Kule vidiyo, uCharles Russell nabanye aBafundi BeBhayibhile babeyifunda njani iBhayibhile?

Ngaba Ubuyazi?

Ngamanye amaxesha siyazilungisa ezinye izinto esizikholelwayo. Ngoba? Kaloku xa ilanga liphuma, kuye kubonakala izinto kancinci kancinci. NoThixo usinceda siqonde iLizwi lakhe kancinci kancinci. (Funda iMizekeliso 4:18.) IBhayibhile yona ayitshintshi, kodwa xa siziqonda bhetele izinto eziyithethayo, siyazilungisa izinto esizifundisayo.

5. Senza le nto igama lethu lithi masiyenze

Kwakutheni ukuze sithi singamaNgqina KaYehova? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Kutheni igama elithi amaNgqina KaYehova ilelona lisifanelayo?

Kutheni uYehova ekhethe abantu ukuba babe ngamangqina akhe? Kungenxa yokuba bona baza kuchaza ukuba unguThixo wokwenene, kuba buninzi ubuxoki obuthethiweyo ngaye. Makhe sithethe ngezinto ezimbini ezibubuxoki ezithethiweyo ngaye.

Ezinye iinkonzo zifundisa abantu abahamba kuzo ukuba uThixo ufuna basebenzise imifanekiso xa bemkhonza. Kodwa, funda iLevitikus 26:1, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ithini inyani? Uthini uYehova ngezithixo?

Ezinye iinkokheli zeenkonzo zifundisa ukuba uYesu nguThixo. Kodwa, funda uYohane 20:17, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ithini inyani? Ngaba uYesu nguThixo?

  • Ikwenza uzive njani into yokwazi ukuba uYehova uthumele amaNgqina akhe ukuze ashumayele inyani ngaye nangoNyana wakhe?

6. Siyathandana

IBhayibhile ifanisa amaKristu namalungu omzimba ahlukahlukeneyo. Funda 1 Korinte 12:25, 26, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Amele enze ntoni amaKristu okwenene xa amanye esentlungwini?

  • Yintoni oyibonileyo ngendlela amaNgqina KaYehova athandana ngayo?

Xa kwenzeke into ebuhlungu kumaNgqina KaYehova akwindawo ethile, amanye akwezinye iindawo emhlabeni wonke awanceda ngoko nangoko. Ukuze ubone umzekelo wale nto, dlala IVIDIYO. Emva koko nincokole ngalo mbuzo.

  • Izinto ezenziwa ngamaNgqina KaYehova ukuze kuncedwe abantu zibonisa njani ukuba ayabathanda abantu?

AmaKristu okwenene abonisa ukuba ayabathanda abantu ngokubanceda

ABANYE ABANTU BATHI: “Intsha le cawa yamaNgqina KaYehova.”

  • UYehova waqala nini ukuthi xa ebiza abakhonzi bakhe ngamangqina?

UFUNDE NTONI?

AmaNgqina KaYehova ngamaKristu okwenene. Siyintsapho esehlabathini lonke. Sizithatha eBhayibhileni izinto esizikholelwayo. Sixelela nabantu inyani ngoYehova.

Khawutsho

  • Kutheni sisithi singamaNgqina KaYehova?

  • Sibonisa njani ukuba siyathandana?

  • Ucinga ukuba amaNgqina KaYehova ngamaKristu okwenene?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI IZINTO

Bukela umzekelo wendlela amaNgqina KaYehova awaziveza ngayo iimfundiso zobuxoki.

Abantu BakaThixo Bacoca Igama Lakhe (7:08)

Khangela iimpendulo zemibuzo onokuba nayo ngamaNgqina KaYehova.

“Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova” (ifumaneka ku-jw.org/xh)

UStephen wayebacaphukela kakhulu abantu bolunye uhlanga, wayede abahlasele. Funda ukuba yintoni le wayibonayo kumaNgqina KaYehova eyamenza watshintsha.

“Ndaye Ndisiba Nguncanyelweni” (IMboniselo, Julayi 1, 2015)

a Ukususela ngo-1879, abantu bakaYehova bebesoloko bepapasha iMboniselo ukuze bacacise into ethethwa yiBhayibhile.