Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 26

Umhlaba Uba YiParadesi Kwakhona

Umhlaba Uba YiParadesi Kwakhona

NgoBukumkani bakhe obulawulwa nguKristu, uYehova ungcwalisa igama lakhe, athethelele ulongamo lwakhe, aze aphelise bonke ubungendawo

INCWADI yokugqibela yeBhayibhile ebizwa ngokuba siSityhilelo, okanye iApocalypse, inika lonke uluntu ithemba. Le ncwadi yabhalwa ngumpostile uYohane, inemibono efikelela incopho yayo ekuzalisekeni kwenjongo kaThixo.

Kumbono wokuqala, uYesu ovusiweyo uncoma aze aluleke amabandla athile. Kumbono olandelayo sibona itrone kaThixo esezulwini, apho adunyiswa zizidalwa zomoya.

Njengokuba injongo kaThixo ityhilwa ngakumbi, iMvana, uYesu Kristu, ifumana umqulu onamatywina asixhenxe. Kuthi xa kuvulwa amane okuqala, kuvele amadoda akhwele amahashe. Indoda yokuqala nguYesu okhwele kwihashe elimhlophe yaye uthwele isithsaba njengoKumkani. Emva koko ngamadoda akhwele amahashe anemibala eyahlukahlukeneyo, emela imfazwe, indlala nezifo—zinto ezo zenzeka kwimihla yokugqibela yale nkqubo yezinto. Xa kuvulwa itywina lesixhenxe kuvela amaxilongo okomfuziselo asixhenxe, nto leyo ethetha ukuvakaliswa kwemigwebo kaThixo. Yona ikhokelela kwizibetho zokomfuziselo ezisixhenxe, okanye imbonakaliso yengqumbo kaThixo.

Ezulwini kumiselwa uBukumkani bukaThixo, obufanekiselwa kukuzalwa komntwana oyinkwenkwe. Kuqhambuka imfazwe aze uSathana neengelosi zakhe ezingendawo baphoselwe emhlabeni. Kuvakala ilizwi elikhulu lisithi: “Yeha kuwo umhlaba.” UMtyholi unomsindo omkhulu esazi ukuba ixesha analo lifutshane.—ISityhilelo 12:12.

UYohane ubona uYesu esezulwini efanekiselwa yimvana, emi kunye nabali-144 000 abakhethwe eluntwini. Aba ‘baza kulawula njengookumkani kunye’ noYesu. Ngoko ke, iSityhilelo sibonisa ukuba amalungu enxalenye yesibini yale mbewu aya kuba li-144 000.—ISityhilelo 14:1; 20:6.

Abalawuli bomhlaba bahlanganisana eArmagedon, “imfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.” Balwa imfazwe kunye nalowo ukhwele kwihashe elimhlophe—uYesu, okhokela imikhosi yasezulwini. Bonke abalawuli beli hlabathi bayatshatyalaliswa. USathana uyakhonkxwa aze uYesu nabali-144 000 balawule “iminyaka eliwaka.” Ekupheleni kwewaka leminyaka, uSathana uyatshatyalaliswa.—ISityhilelo 16:14; 20:4.

ULawulo Lweminyaka Eliwaka lukaKristu nabo aza kulawula nabo luya kubenzela ntoni abantu abathobelayo? UYohane uthi: “[UYehova] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.” (ISityhilelo 21:4) Umhlaba uba yiparadesi.

Ngoko ke, incwadi yeSityhilelo igqibezela isigidimi seBhayibhile. NgoBukumkani obuphantsi kukaMesiya, igama likaYehova liyangcwaliswa luze ulongamo lwakhe luthethelelwe ngokupheleleyo nangonaphakade.

—Oku kusekelwe kwincwadi yeSityhilelo.