IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo?

Sithini esona sigidimi sibalulekileyo seBhayibhile?

Kutheni Simele Sihlolisise IBhayibhile?

Funda izinto ezibangela ukuba iBhayibhile ibe yeyona ncwadi idumileyo ehlabathini, neluncedo.

ICANDELO 1

UMdali Unika Abantu IParadesi

IBhayibhile ikuchaza njani ukudalwa kwabantu? UThixo wasiyala wathini isibini sokuqala?

ICANDELO 2

Abantu Baphulukana Nomhlaba OyiParadesi

Xa wayesohlwaya uAdam noEva ngenxa yezenzo zabo, liliphi ithemba awalinika abantu uThixo?

SECTION 3

Abantu Basinda KuMkhukula

Ububi banda njani emhlabeni? UNowa wabonisa njani ukuba uyindoda ethembekileyo?

ICANDELO 4

UThixo Wenza Umnqophiso NoAbraham

Kwakutheni ukuze uAbraham aye kuhlala eKanan? Nguwuphi umnqophiso uYehova awawenza noAbraham?

ICANDELO 5

UThixo Usikelela UAbraham Nentsapho Yakhe

Yintoni awayeyifundisa abantu uYehova xa wayecela uAbraham ukuba anikele ngoIsake? Waprofeta wathini uYakobi ngaphambi kokuba afe?

ICANDELO 6

UYobhi Ugcina Ingqibelelo

Incwadi kaYobhi ibonisa njani ukuba zonke izidalwa ezikrelekrele zinokufak’ isandla ekuthethelelweni kolongamo lukaThixo?

ICANDELO 7

UThixo Uhlangula Oonyana BakaSirayeli

UThixo wamsebenzisa njani uMoses ekukhululeni amaSirayeli ebukhobokeni baseYiputa? Yayisenzelwa ntoni iPasika?

ICANDELO 8

AmaSirayeli Angena EKanan

Xa amaSirayeli angena eKanan, kwakutheni ukuze uYehova asindise uRahabhi nentsapho yakhe eYeriko?

ICANDELO 9

AmaSirayeli Azifunela Ukumkani

Xa amaSirayeli azifunela ukumkani, uYehova wakhetha uSawule. Kwakutheni ukuze uYehova abeke uDavide endaweni kaKumkani uSawule?

ICANDELO 10

USolomon Ulawula Ngobulumko

Yiyiphi eminye imizekelo yobulumko bukaSolomon? Kwenzeka ntoni akumka kwiindlela zikaYehova?

ICANDELO 11

Iingoma Eziphefumlelweyo Ezithuthuzelayo Nezifundisayo

Yiyiphi incwadi yeendumiso ebonisa indlela uThixo abanceda nabathuthuzela ngayo abo abathandayo? Yintoni etyhilwa ngukumkani kwiNgoma yazo Iingoma?

ICANDELO 12

Ukukhokelwa Bubulumko BukaThixo

Funda indlela isiluleko esiphefumlelweyo sencwadi yeMizekeliso neNtshumayeli esinokukukhokela ngayo nangesizathu sokuba ukhokelwe nguThixo.

ICANDELO 13

Ookumkani Abalungileyo Nababi

Kwenzeka njani ukuze uSirayeli ahlulelane abe nookumkani ababini?

ICANDELO 14

UThixo Usebenzisa Abaprofeti Bakhe

Sasinjani isiprofeto esasidluliselwa ngabaprofeti bakaThixo? Funda ngezigidimi zabo ezine.

ICANDELO 15

Umprofeti Osekuthinjweni Unikwa Imibono Ngekamva

UDaniyeli wafunda ntoni ngoMesiya noBukumkani bukaThixo?

ICANDELO 16

UMesiya Uyafika

UYehova wazisebenzisa njani iingelosi noYohane uMbhaptizi ukuze achaze ukuba uYesu nguMesiya? UYehova wabonisa ngokucacileyo njani ukuba uNyana wakhe nguMesiya?

ICANDELO 17

UYesu Ufundisa NgoBukumkani BukaThixo

Wawusithini umxholo awayeshumayela ngawo uYesu? Wabonisa njani ukuba wayeza kulawula ngothando nangobulungisa?

ICANDELO 18

UYesu Wenza Imimangaliso

Imimangaliso kaYesu ibonisa ntoni ngamandla anawo nendlela aza kulilawula ngayo ihlabathini?

ICANDELO 19

Iziprofeto ZikaYesu Ezichaphazela Ihlabathi Lonke

Yintoni intsingiselo yomqondiso uYesu awawunika abapostile bakhe?

ICANDELO 20

UYesu Kristu Uyabulawa

Sisiphi isikhumbuzo esitsha esasungulwa nguYesu ngaphambi kokuba angcatshwe aze abethelelwe emthini?

ICANDELO 21

UYesu Uyaphila!

Abafundi bakaYesu bafumanisa njani ukuba uThixo umvusile?

ICANDELO 22

Abapostile Bashumayela Ngenkalipho

Kwenzeka ntoni ngoMthendeleko wePentekoste? Zenza ntoni iintshaba xa abafundi bakaYesu babeshumayela?

ICANDELO 23

Ukusasazeka Kweendaba Ezilungileyo

Kwenzeka ntoni emva kokuba uPawulos ephilise indoda yaseListra? UPawulos wafika njani eRoma?

ICANDELO 24

UPawulos Ubhalela Amabandla

Luluphi ulwalathiso olwanikelwa nguPawulos ngokulungelelaniswa kakuhle kwebandla? Wathini ngembewu ethenjisiweyo?

ICANDELO 25

Isiluleko Ngokuphathelele Ukholo, Ihambo, Nothando

UmKristu unokulubonisa njani ukholo? Umntu ubonisa njani ukuba umthanda ngokwenene uThixo?

ICANDELO 26

Umhlaba Uba YiParadesi Kwakhona

Incwadi yeSityhilelo isigqibezela njani isigidimi seBhayibhile?

Isigidimi SeBhayibhile—Ushwankathelo

Uya waya ekutyhila njani ukuba uYesu uya kuba nguMesiya, oya kubuyisela umhlaba oyiparadesi?

Isicangca SeBhayibhile

Funda isicangca esibonisa imbali yeBhayibhile, ukususela ngo-4026 B.C.E. ukusa malunga no-100 C.E.