Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 9

AmaSirayeli Azifunela Ukumkani

AmaSirayeli Azifunela Ukumkani

Ukumkani wokuqala wamaSirayeli uSawule akamthobeli uYehova. Ezihlangwini zakhe kungena uDavide, aze uThixo enze umnqophiso wobukumkani obungunaphakade naye

EMVA kokufa kukaSamson, uSamuweli waba ngumprofeti nomgwebi kwaSirayeli. AmaSirayeli ammela ngelithi afuna ukumkani oza kuwalawula njengezinye iintlanga. Nakuba esi sicelo sawo sasimkhathaza uYehova, wayalela uSamuweli ukuba awanike oko akucelayo. UThixo wakhetha indoda eyayithobekile, uSawule, ukuba ibe ngukumkani. Kodwa ekuhambeni kwexesha uKumkani uSawule waba nekratshi waza akathobela. UYehova wamsusa esihlalweni sobukumkani waza waxelela uSamuweli ukuba amisele omnye endaweni yakhe—ityendyana elinguDavide. Noko ke, kwakuza kuthabatha iminyaka emininzi ngaphambi kokuba uDavide abe ngukumkani.

Xa wayesekwishumi elivisayo, uDavide watyelela abantakwabo ababesemkhosini kaSawule. Wonke loo mkhosi wawutyhwatyhwa ngenxa yendoda elutshaba neyayiyingxilimbela egama linguGoliyati, eyayiqhubeka igculela wona noThixo wawo. Ecatshukiswa koko, uDavide wavuma ukuya kuqubisana nale ndoda. Lixhobe ngesilingi namatye ambalwa, eli tyendyana langqala kolu tshaba lumalunga neemitha ezintathu ubude. Xa wayegculelwa nguGoliyati, uDavide waphendula ngelithi yena uxhobe ngaphezu kwaloo ngxilimbela kuba wayesilwa egameni likaYehova uThixo. UDavide wayibulala ngelitye nje elinye loo ngxilimbela, waza wayinqumla intloko ngekrele layo. Umkhosi wamaFilisti wabaleka usoyika.

Ekuqaleni, uSawule wachukunyiswa sisibindi esaboniswa nguDavide waza wamfaka emkhosini wakhe. Kodwa ukuphumelela kukaDavide emadabini kwamenza wanomona uSawule. Kwafuneka uDavide abaleke esindisa ubomi bakhe waza waphila iminyaka emininzi elubhacweni. Sekunjalo, uDavide wahlala enyanisekile kuloo kumkani wayezama ukumbulala, esithi uKumkani uSawule wayemiselwe nguYehova uThixo. Ekugqibeleni, uSawule wafa edabini. Kungekudala emva koko, uDavide waba ngukumkani njengoko uYehova wayethembisile.

“Ndiya kuyimisela ngokuqinileyo itrone yobukumkani bayo ukusa kwixesha elingenammiselo.”—2 Samuweli 7:13

Njengokumkani, uDavide wayekulangazelela gqitha ukwakhela uYehova itempile. Kodwa uYehova wamxelela ukuba itempile yayiya kwakhiwa ngomnye wabantwana bakhe. Lowo yaba ngunyana wakhe uSolomon. Noko ke, uThixo wamvuza uDavide kuba wenza umnqophiso obangel’ umdla kunye naye: Intsapho yakhe yayiza kuvelisa ookumkani. Ekugqibeleni, yayiza kuvelisa uMhlanguli, okanye iMbewu eyathenjiswa e-Eden. Lo yayiza kuba nguMesiya, gama elo elithetha “Othanjisiweyo,” omiselwe nguThixo. UYehova wathembisa ngokuba lo Mesiya wayeza kuba nguMlawuli worhulumente, okanye woBukumkani obabuza kuhlala ngonaphakade.

Enombulelo omkhulu, uDavide waqokelela izinto ezininzi zokwakha, namatye axabisekileyo ukuze kwakhiwe itempile. Kwakhona waqamba iindumiso ezininzi eziphefumlelweyo. Ngaphambi kokuba afe, uDavide wathi: “Ngumoya kaYehova owathethayo ngam, nelizwi lakhe laliselulwimini lwam.”—2 Samuweli 23:2.

—Oku kusekelwe kweyoku-1 kaSamuweli; kweyesi-2 kaSamuweli; kweyoku-1 yeziKronike; kuIsaya 9:7; kuMateyu 21:9; kuLuka 1:32; kuYohane 7:42.