Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uyakholelwa Ukuba Ukhe Waphila Ngaphambili?

Ngaba Uyakholelwa Ukuba Ukhe Waphila Ngaphambili?

“Ukubuyela ebomini yinto ekwaziyo ukwenzeka kuba abantu abaphilayo bakhe bafa kodwa baphinda babuyela ebomini yaye imiphefumlo yabafi iqhubeka iphila.”—UPLATO, INTANDA-BULUMKO YAMAGRIKE, YENKULUNGWANE YESIHLANU NGAPHAMBI KWEXESHA ELIQHELEKILEYO, ECAPHULA “USOCRATES.”

“Ekubeni umphefumlo ungenakuphila ngaphandle komzimba kodwa ungengomzimba, unokukwazi ukutyhutyha imizimba eyahlukahlukeneyo.”—UGIORDANO BRUNO, INTANDABULUMKO YENKULUNGWANE YE-16 YEXESHA ELIQHELEKILEYO.

“Ayikho into efayo: abantu baye babonakale ngathi babhubhile. . . Kodwa inxalenye yabo iqhubeka iphila kodwa kumzimba omtsha.”—URALPH WALDO EMERSON, UMBHALI WEZINCOKO WASEMERIKA NEMBONGI YENKULUNGWANE YE-19.

NGABA wakhe wazibuza ukuba ungubani? Ngaba wakhe wacinga ukuba ukhe waphila ngaphambili? Ukuba kunjalo, asinguwe wedwa ocinga ngaloo ndlela. Kwamhla mnene abantu baseMpuma nabaseNtshona bebekhe bayibuze le mibuzo. Kwiphulo lokufumana iimpendulo, bambi baye babhenela kwinkolelo ebizwa ngokuba kukuvela ngokutsha. Le nkolelo ifundisa ukuba xa umntu esifa, kuphuma “umphefumlo” ongabonakaliyo emzimbeni uze uphinde ungene komnye umzimba—sele ungumntu, isilwanyana okanye isityalo.

 Ngoxa le nkolelo inokubanelisa abanye abantu, sinokuqiniseka njani ukuba ichanile? ILizwi likaThixo iBhayibhile lithini ngale mfundiso? Okokuqala simele sibuze ukuba ivela phi le ngcamango?

Yavela Phi Inkolelo Yokuvela Ngokutsha?

Ngokutsho kwezazi ngembali nabaphengululi, abemi baseBhabhiloni yamandulo, isixeko esakhiwa ekupheleni kwenkulungwane yesithathu Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo, baqalisa ukukholelwa ukuba umntu unomphefumlo ongafiyo. Kwincwadi yakhe ethi The Religion of Babylonia and Assyria uMorris Jastrow, Omncinci. uthi: “Siye sabona ukuba ingxaki yokukholelwa kumphefumlo ongafiyo, yathimb’ ingqalelo yabezakwalizwi eBhabhiloni.” Ucacisa athi kubantu baseBhabhiloni “ukufa yayingumchankcatho wokuya kolunye uhlobo lobomi. Le nkolelo yayilwa kuba kwakunzima ukwamkela inyaniso yokuba xa umntu ebhubhile, ubhubhile ke.”

Ukususela kweso siqalo saseBhabhiloni, imfundiso yokufuduka komphefumlo emzimbeni usiya komnye umzimba ukuze umntu azalwe ngokutsha yaqalisa ukuvela nakwezinye iindawo zehlabathi lamandulo. Iintanda-bulumko zamaIndiya zaqulunqa inkolelo ebonisa ukuba indlela umntu abuphila ngayo ubomi ichaphazela uhlobo lomzimba aza kuwufumana kubomi obulandelayo. Le nkolelo isekelwe kumthetho kanobangela nomphumo okanye iKarma. Nazo iintandabulumko zamaGrike zaqalisa ukuyikholelwa le mfundiso nto leyo eyabangela ukuba ithandwe ngabantu abaninzi.

Kule mihla, abantu bamazwe aseNtshona baye banomdla kule nkolelo yokuzalwa ngokutsha. Abantu abadumileyo nolutsha bathabathekile ziingcamango zonqulo lwaseMpuma nazizenzo zalo. Namhlanje, kukho intaphane yeencwadi neewebhusayithi zeIntanethi apho kuthethwa ngamava asemva kokufa. Enye into ethandwa gqitha kumazwe amaninzi luhlobo lonyango ekuthiwa lunyango lobomi okhe wabuphila ngaphambili. Olu hlobo lonyango lukhuthaza ukulaliswa kwabantu ngomlingo ukuze kwaziwe izinto ezazikhe zabehlela kubomi abakhe babuphila ngaphambili nendlela eziyichaphazela ngayo impilo yabo ngoku.

Ngaba Abantu Baphinda Bavele Ngokutsha?

Nangona inkolelo yokuvela ngokutsha yayikho kwamhlamnene, iyafuneka impendulo yowona mbuzo utshis’ ibunzi ongulo—Ngaba iyinyaniso? NjengamaKristu besiya kufun’ ukwazi enoba le mfundiso iyavisisana nokholo olusekelwe eBhayibhileni kusini na. (Yohane 17:17) Ekubeni uMdali wethu, uYehova uThixo, “enguMtyhili weemfihlelo,” uchaza izinto eziphathelele ubomi nokufa ezingenakwaziwa ngabantu. Sinokuzikhangela ngentembelo iimpendulo kwiLizwi lakhe iBhayibhile ngalo mbandela.—Daniyeli 2:28; IZenzo 17:28.

Ukuba sikukhuthalele ukufunda iLizwi likaThixo sakuzifumana iimpendulo zokuba kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa. Ngokomzekelo, kwiGenesis 3:19, sifunda amazwi uThixo awawathetha kuAdam emva kokuba yena noEva beye abamthobela. UThixo wathi: “Uya kudla isonka sokubila kobuso bakho ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo. Ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.” UAdam wenziwa ngomhlaba, xa wayesifa wabuyela emhlabeni. Lawo yaba ngamazwi kaThixo ngokuphathelele lo mba. Xa umntu esifa akaphindi azalwe engomnye umntu kunoko uye angaphindi abekho. * Kanye njengokubanda nobushushu, ukukhanya nobumnyama izizinto ezichaseneyo ukufa kusisichasi sokuphila. Xa umntu ebhubhile, ubhubhile ke. Ngaba le asiyongcaciso elula nesengqiqweni?

Ukukhumbula izinto ezenzeka kubomi umntu awakhe wabuphila ngaphambili kumele kubangelwe zezinye izinto. Ayikaqondwa ngokupheleleyo indlela esebenza ngayo ingqondo yomntu, indlela amayeza ayichaphazela ngayo nendlela eziye zimchaphazele ngayo izinto ezibuhlungu eziye zenzeka kuye. Ulwazi olusengqondweni yomntu, amaphupha nemibono zinokuthi thaa kangangokuba umntu  angacinga ukuba zenzeka ngokoqobo. Kwezinye iimeko, imimoya engendawo enamandla inokwenza umntu abone imibono aze acinge ukuba yenzeka ngokoqobo.—1 Samuweli 28:7-19.

Kungumnqweno ongokwemvelo ukuba umntu afune ukuphila nokwazi okuza kwenzeka kwikamva. Kodwa uvela phi loo mnqweno? Okubangel’ umdla kukuba, iBhayibhile ithi ngoMdali: “Ubeke ubomi obungenasiphelo ezintliziyweni zabantu.” (INtshumayeli 3:11, New International Version) Ngenxa yoko, abantu banomnqweno onzulu wokufuna ukuphila ngonaphakade.

Ukuba uMdali, uYehova uThixo, ubeke umnqweno wokufuna ukuphila ngonaphakade ezintliziyweni zabantu, kusengqiqweni ukulindela ukuba achaze indlela onokwaneliswa ngayo loo mnqweno. IBhayibhile ichaza injongo ephakamileyo yoMdali yokusikelela abantu abathobelayo ngobomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi. Umdumisi ophefumlelweyo, uKumkani uDavide wathi: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” (INdumiso 37:29) Imfundiso ephambili yeBhayibhile engumtya nethunga nenjongo kaThixo kanaphakade kukuvuswa kwabafi.—IZenzo 24:15; 1 Korinte 15:16-19.

Uvuko—Ithemba Eliqinisekileyo Ngabafi

IBhayibhile ineengxelo zabantu abasibhozo abavuswa ekufeni. * Aba bantu bavuswa ekufeni kungekhona ukuvela ngokutsha. Babesaziwa ziintsapho nangabahlobo babo. Akuzange kufuneke ukuba izalamane zabo bantu zihle zinyuka zikhangela enoba iintsana ezazisandul’ ukuzalwa aziyomiphefumlo yabantu bazo abaye bavela ngokutsha kusini na.—Yohane 11:43-45.

ILizwi likaThixo libonisa ukuba inyambalala yabantu abaye bafa baza kubuyela ebomini kwakhona xa kuvuswa abafi kwihlabathi elitsha, eliza kuthabathel’ indawo eli hlabathi lingendawo. (2 Petros 3:13, 14) Kanye ngoku sithethayo, uYehova uzikhumbula zonke iibhiliyoni zabantu, apha sithetha ngoThixo onenkumbulo efezekileyo okhumbula nkqu namagama eenkwenkwezi! (INdumiso 147:4; ISityhilelo 20:13) Xa ebuyisela izizukulwana ngezizukulwana ebomini kwihlabathi elitsha, abantu baza kukwazi ukuzilanda batsho babazi nookhokho babo. Eli lithemba elichulumancisayo nelivuyisayo.

^ isiqe. 13 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko sesithandathu, esinomxholo othi, “Baphi Abafileyo?” kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

^ isiqe. 18 Ezi ngxelo zifumaneka kweyo-1 yooKumkani 17:17-24; 2 Kumkani 4:32-37; 13:20, 21; Luka 7:11-17; 8:40-56; Yohane 11:38-44; IZenzo 9:36-42; 20:7-12. Njengokuba ufunda ezi ngxelo, qaphela ukuba aba bantu bavuswa abantu bebukele. Ingxelo yesithoba ithetha ngokuvuswa kukaYesu Kristu.—Yohane 20:1-18.