Yiya kwinkcazelo

 Iindlela Zokwenza Intsapho Yonwabe

Ukucombulula Iingxaki

Ukucombulula Iingxaki

Indoda iyabuza: “Ziyephi intombi zethu?”

Inkosikazi iyaphendula: “Zisaye kuthenga iimpahla.”

Indoda: [Icaphukile yaye ibhabhama ngumsindo] “Njani, bebengagqibi kuthenga iimpahla entsha kule nyang’ iphelileyo?

Inkosikazi icacisa isithi: [Izithethelela, ikhathazekile yaye ivakalelwa kukuba iyatyholwa] “Kaloku kule nyanga iphelileyo amaxabiso eempahla ebethotyiwe. Ziqale zathetha nam yaye ndim ozivumeleyo ukuba ziye kuthenga.”

Indoda: [Ayikwazi ukuzibamba yaye ithethela phezulu] “Andiyithandi le nto yaba bantwana basoloko bethenga izinto bengadlulanga kum! Ungasenza njani isigqibo esinjalo ungathethanga nam?”

UCINGA ukuba ziziphi iingxaki ezimele zilungiswe sesi sibini? Kucacile ukuba le ndoda inophuku. Kuyabonakala ukuba esi sibini asiboni ngasonye ngomlinganiselo wenkululeko abafanele babe nayo abantwana baso. Kuyabonakala ukuba asikwazi ukuzilungisa kakuhle iingxaki zaso.

Awukho umtshato ongenazingxaki. Zonke izibini zinengxaki ezahlukahlukeneyo. Enoba zincinane okanye zinkulu kubalulekile ukuba amadoda nabafazi bafunde ukucombulula iingxaki zabo. Ngoba kutheni?

Ekuhambeni kwexesha xa iingxaki zingalungiswa zinokwenza kube nzima ukunxibelelana. UKumkani uSolomon osisilumko wathi: “Kukho usukuzwano olunjengomvalo wenqaba yokuhlala.” (IMizekeliso 18:19) Sinokunxibelelana njani ngendlela ephumelelayo xa silungisa ingxaki?

Ukuba unxibelelwano ngundoqo emtshatweni, uthando nentlonelo zinokufaniswa nentliziyo nemiphunga kulwalamano lomtshato. (Efese 5:33) Xa isibini sicombulula ingxaki, uthando luya kusishukumisela ekubeni luzibethe ngoyaba iimpazamo ezidluleyo—ezenzakalisa iimvakalelo—size sizame ukulungisa ingxaki leyo sinayo ngelo xesha. (1 Korinte 13:4, 5; 1 Petros 4:8) Izibini ezihlonelanayo ziye zizityand’ igila zize zizame ukuqonda iimvakalelo ezibandakanyekileyo kungephela nje amazwi athethwayo.

Amanyathelo Amane Okulungisa Iingxaki

Khawuphonononge la manyathelo mane adweliswe ngezantsi uze uphawule indlela imigaqo yeBhayibhile enokukunceda ngayo ucombulule iingxaki ngendlela enothando nangentlonelo.

1. Bekani ixesha lokuxubusha ngengxaki.

“Yonke into inexesha layo elimisiweyo, . . . kukho ixesha lokuthi cwaka nexesha lokuthetha.” (INtshumayeli 3:1, 7) Njengokuba sibonile kwincoko engasentla yesibini, ezinye iingxaki zinokuvus’ umnyele. Ukuba nakuwe kwenzeka into efanayo, zicenge ungathethi okwexeshana—‘uthi cwaka’—ngaphambi kokuba ungakwazi ukuzibamba. Ulwalamano lwenu luya kuba luhle ukuba uthobela icebiso leBhayibhile elithi: “Ukuqala kosukuzwano kunjengovulela amanzi; ngoko ngaphambi kokuba kuvele ingxabano, rhoxa.”—IMizekeliso 17:14.

Noko ke, likwakho “nexesha lokuthetha.” Xa iingxaki zingalungiswa zinokuqhama njengokhula. Ngoko ke, musa ukuzibetha ngoyaba iingxaki kuba nje unethemba lokuba ziza kuzilungela. Ukuba uyayinqumamisa ingxubusho, lihlonele iqabane lakho ngokubeka elinye ixesha eniza kuphinda nithethe ngalo. Ngokwenjenjalo niya kube nithobela isiluleko seBhayibhile esithi: “Malingatshoni ilanga nicaphukile.” (Efese 4:26) Nawe ufanele ubambelele elizwini lakho.

NALI ICEBISO: Veki nganye bekelani bucala ixesha eniza kuthetha ngalo ngezinto ezidl’ umzi. Ukuba ufumanisa ukuba ngexesha elithile losuku uba nochuku—ngokomzekelo, njengaxa uvel’ emsebenzini okanye ngaphambi kokuba utye—vumelanani ukuba anizi kuthetha ngeengxaki ngalo maxesha. Kunoko, khethani ixesha eliya kunifanela nobabini.

2. Phalaza uluvo lwakho ngokunyanisekileyo nangentlonelo.

“Ngamnye kuni makathethe inyaniso nommelwane wakhe.” (Efese 4:25) Ukuba utshatile ummelwane wakho liqabane lakho. Nyaniseke xa uthetha neqabane lakho. UMargareta * oneminyaka engama-26 etshatile uthi: “Xa ndandisandul’ ukutshata, ndandilindele ukuba umyeni wam ayazi indlela endivakalelwa ngayo xa kuvela ingxaki. Ndafumanisa ukuba ndandilindele into engaphaya kwamandla akhe. Ngoku ndiye ndizame ukuyichaza ngokucacileyo into endiyicingayo nendlela endivakalelwa ngayo.”

Kuhle ukukhumbula ukuba injongo yengxubusho asikokoyisa kodwa kukuba iqabane lakho lazi indlela ovakalelwa ngayo. Ukuze uyenze ngokuphumelelayo, chaza ukuba yintoni ingxaki, chaza ixesha eyenzeka ngalo uze uchaze nendlela ekwenza uvakalelwe ngayo. Ngokomzekelo, ukuba ucatshukiswa kukuba iqabane lakho lizishiya izinto zithe xazalala, ngentlonelo unokuthi, ‘Xa ubuya emsebenzini impahla yakho awuyiqoqoshi [uchaza ingxaki nexesha eyenzeka ngayo], ndivakalelwa kukuba umsebenzi endiwenzayo wokunyamekela ikhaya awuxatyiswa [chaza indlela ovakalelwa ngayo].’ Ngobuchule cebisa ngendlela enokucombunjululwa ngayo ingxaki.

KHAWUZAME LE NDLELA: Ukuze ukwazi ukuzikhumbula kakuhle izinto ofuna ukuthetha ngazo neqabane lakho zibhale phantsi, yibhale phantsi lonto ucinga ukuba yingxaki nendlela ongathanda ilungiswe ngayo.

3. Liphulaphule iqabane lakho uze uzihlonele iimvakalelo zalo.

Umfundi uYakobi wabhala wathi amaKristu afanele “akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha, acothe ukuqumba.” (Yakobi 1:19) Zimbalwa izinto ezenza kube kubi emtshatweni njengaxa iqabane lakho lingayiqondi indlela ovakalelwa ngayo ngengxaki ethile. Qiniseka ukuba akulenzi livakalelwe ngaloo ndlela iqabane lakho!—Mateyu 7:12.

UWolfgang oneminyaka engama-35 etshatile uthi: “Xa silungisa ingxaki ndiye ndikhathazeke, ngokukodwa xa ndivakalelwa kukuba umfazi wam akayiqondi indlela endivakalelwa ngayo.” UDianna oneminyaka engama-20 etshatile uthi: “Ndidla ngokukhalazela umyeni wam ngokungandiphulaphuli xa silungisa iingxaki.” Unokuwoyisa njani lo mqobo?

Musa ukucinga ukuba uyayazi indlela elivakalelwa ngayo okanye into eliyicingayo iqabane lakho. ILizwi likaThixo lithi:  “Ngokukhukhumala ubani ubangela usukuzwano kuphela, kodwa kwabo babhunga kunye kukho ubulumko.” (IMizekeliso 13:10) Liphathe ngesidima iqabane lakho ngokulivumela lithethe ngaphandle kokuliphazamisa. Ukuze uqiniseke ukuba uyayiqonda into ethethiweyo yiphinde loo nto beliyithetha iqabane lakho kodwa musa ukuphoxisa okanye uhlekise ngalo nto beliyithetha. Livumele likulungise ukuba awuyiqondanga lo nto beliyithetha. Musa ukuthetha wedwa. Kufuneka niphulaphulane njengoko nithetha ukuze nivumelane ukuba niyayiqonda indlela omnye acinga navakalelwa ngayo ngalo mbandela.

Kufuneka ukuthobeka nomonde ukuphulaphula nokwamkela izimvo zeqabane lakho. Kodwa ukuba iqabane lakho ulihlonela ngaloo ndlela ngokuzenzekelayo nalo liza kukuhlonela.—Mateyu 7:2; Roma 12:10.

NANTSI ENYE INTO ONOKUYENZA: Xa uphinda loo nto beliyithethile iqabane lakho, musa ukuwacengceleza amazwi alo ngokungathi usisikhwenene. Ngendlela enobubele zama ukuchaza indlela oyiqonda ngayo into eliyithethayo nendlela elivakalelwa ngayo iqabane lakho.—1 Petros 3:8.

4. Fikelelani kwisicombululo.

“Ababini balunge ngakumbi kunomnye, ngenxa yokuba banomvuzo ngomsebenzi wabo onzima. Ngokuba xa omnye wabo esiwa, omnye unokuliphakamisa iqabane lakhe.” (INtshumayeli 4:9, 10) Azinakulunga ingxaki zomtshato ukuba amaqabane akaxhasani.

UYehova umisele indoda njengentloko yentsapho. (1 Korinte 11:3; Efese 5:23) Kodwa ukuba yintloko akuthethi ukuba nguzwilakhe. Indoda elumkileyo ngaphambi kokwenz’ isigqibo iqale ive izimvo zomfazi wayo. UDavid otshate kangangeminyaka engama-20 uthi: “Ndiye ndizame ukuvumelana nezimvo zomfazi wam ukuze ndenze isigqibo esiza kuvumelana ngaso.” UTanya oneminyaka esixhenxe etshatile uthi: “Ayibalulekanga into yokuba ngubani ochanileyo nongachananga. Maxa wambi zindlela nje ezahlukeneyo zokulungisa ingxaki. Ndiye ndafumanisa ukuba ukuze uphumelele ufanele ube bhetyebhetye uze ube nengqiqo.

NANTS’ ENYE INTO ENINOKUYENZA: Yenzani izinto kunye. Bhalani phantsi izicombululo eninokuzisebenzisa ukulungisa ingxaki. Xa ziphelile izicombululo, zihloleni nize nizisebenzise eniye navumelana ngazo. Bekani ixesha ukuze nihlole enoba izigqibo eniye nafikelela kuzo niye nazisebenzisa kusini na nokuba zibe luncedo kangakanani.

Tsalani Ngaxhath’ alinye

UYesu wafanisa umtshato nedyokhwe. (Mateyu 19:6) Ngexesha lakhe idyokhwe kwakubotshwa ngayo iinkomo. Ukuba ziyapheqa akukho nto ingako ziyiphumezayo yaye idyokhwe iyazityabula. Xa zisebenza kakuhle, ziyakwazi ukurhuqa imithwalo onzima okanye zilime amasimi. Ukuba zisebenza kunye ziyakwazi ukutsala imithwalo enzima nokulima intsimi.

Ngendlela efanayo, indoda nomfazi abangatsali ngaxhath’ alinye basenokutyatyulwa yidyokhwe yomtshato. Kwelinye icala, ukuba bayasebenzisana banokucombulula phantse zonke iingxaki zabo. UKalala indoda eyonwabileyo emtshatweni wayo ithi: “Kule minyaka engama-25 sitshatile, siye sacombulula iingxaki zethu ngokuthetha phandle, ngokuzibeka ezihlangwini zomnye, ngokuthandazela uncedo lukaYehova nangokusebenzisa imigaqo eseBhayibhileni.” Ngaba unokwenza okufanayo?

ZIBUZE . . .

  • Yiyiphi eyona ngxaki endifuna ukuyithetha neqabane lam?

  • Ndinokwenza kanjani ukuze ndiqiniseke ukuba ndiyayiqonda indlela elivakalelwa ngayo iqabane lam?

  • Ukuba ndisoloko ndifuna izinto zenziwe ngendlela yam, ziziphi iingxaki ezisenokuvela?

^ isiqe. 17 Amanye amagama atshintshiwe.