Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Ebeyazi Indlela’

‘Ebeyazi Indlela’

UGUY HOLLIS PIERCE, obelilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, ugqibe ikhondo lakhe lasemhlabeni ngoLwesibini, ngoMatshi 18, 2014. Ebeneminyaka eyi-79 xa bekuzaliseka ithemba lakhe lokuba ngomnye wabazalwana bakaKristu abavusiweyo.—Heb. 2:10-12; 1 Pet. 3:18.

UGuy Pierce wazalelwa eAuburn, eseKhalifoniya, eMerika, ngoNovemba 6, 1934, waza wabhaptizwa ngo-1955. Watshata nesithandwa sakhe, uPenny, ngo-1977 baza baba nabantwana. Ukukhulisa kwakhe intsapho kwamenza waba nobubele. Ngo-1982 yena noPenny babesele bengoovulindlela, waza ngo-1986 waba ngumveleli wesiphaluka eMerika, ibe wachitha iminyaka eyi-11 kweso sabelo.

Ngo-1997, uGuy noPenny Pierce baya kukhonza kwiBheteli yaseMerika. UMzalwan’ uPierce wasebenza kwiSebe Lenkonzo, ibe ngo-1998 wamiselwa ukuba ancedise iKomiti Yabasebenzi yeQumrhu Elilawulayo. Ngo-Oktobha 2, 1999, kwintlanganiso ebanjwa minyaka le yeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, kwenziwa isaziso esithi uMzalwan’ uPierce umiselwe njengelungu leQumrhu Elilawulayo. Kwiminyaka yakutshanje uye wasebenza kwiKomiti Yabasebenzi, kweYokubhala, kweYokupapasha nakweYabanxibelelanisi.

Abantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo bebetsalelekile kuMzalwan’ uPierce ngenxa yoncumo noburharha bakhe. Noko ke, ezona mpawu zakhe bezimenza athandwe kakhulu ngabantu luthando, ukuthobeka, ukuhlonela kwakhe imithetho nemigaqo yobulungisa nokuba nokholo kwakhe kuYehova. KuGuy Pierce, inkomo ibingazal’ umntu ukuba bezinokungazaliseki izithembiso zikaYehova, ibe loo nto ebefuna yaziwe emhlabeni wonke.

UMzalwan’ uPierce ebezinikele ekukhonzeni uYehova, evuka ngenj’ ixukuxa asebenze de kube sebusuku. Ebehamba emhlabeni wonke ekhuthaza abazalwana noodade, ibe ebezinika ixesha lokuthetha namalungu entsapho yaseBheteli nabanye abafuna ukunxulumana naye, abafuna icebiso noncedo. Nakuba sele kudlule iminyaka bambonayo, abanye basamkhumbula engumntu obuk’ iindwendwe, onobuhlobo nokwaziyo ukukhuthaza ngeZibhalo.

Lo mzalwana nomhlobo wethu ushiya ngasemva inkosikazi nabantwana abathandathu, abazukulwana nesizukulwana. Kwakhona, ebenabantwana bokomoya abaninzi. Intetho yokukhumbula uMzalwan’ uPierce ibinikelwa nguMark Sanderson, olilungu leQumrhu Elilawulayo, kwiBheteli yaseBrooklyn ngoMgqibelo, Matshi 22, 2014. Enye yezinto athethe ngazo, lithemba likaMzalwan’ uPierce lokuphila ezulwini ibe ufunde amazwi kaYesu athi: “Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala. . . . Ukuba ndiyemka ndize ndinilungiselele indawo, ndiya kuza kwakhona ndize ndinamkelele kum ekhaya, ukuze apho ndikhoyo mna nibe lapho nani. Nalapho ndiya khona niyayazi indlela.”—Yoh. 14:2-4.

Ewe kona, siza kumkhumbula nyhani uMzalwan’ uPierce. Sekunjalo, siyavuya kuba ‘ebeyazi indlela’ eya ‘kwindawo yakhe yokuhlala’ esisigxina.