Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba ‘Ucacelwe Yintsingiselo’?

Ngaba ‘Ucacelwe Yintsingiselo’?

“Wandula ke wazivula ngokupheleleyo iingqondo zabo ukuba zicacelwe yintsingiselo yeZibhalo.”—LUKA 24:45.

1, 2. UYesu wabomeleza njani abafundi bakhe ngalaa mini wayevuswa ngayo?

YAYISELUSUKU awavuswa ngalo uYesu. Ababini kubafundi bakhe babevela eYerusalem besiya kwesiny’ isixeko esasikwiikhilomitha eziyi-11,2. Bengazi ukuba uYesu sel’ evusiwe, babesatyhafiswe ziziganeko ezazisandul’ ukwenzeka. Kwathi kusenjalo, wathi gqi uYesu waza wahamba nabo. Wakwazi ukubathuthuzela aba bafundi. Njani? “Eqalela kuMoses nakubaProfeti bonke wabatolikela izinto eziphathelele yena kuzo zonke iZibhalo.” (Luka 24:13-15, 27) Kwathi kwakuba njalo, iintliziyo zabo zaqalisa ukuvutha kuba ‘wayebavulela ngokupheleleyo,’ okanye ebacacisela iZibhalo.—Luka 24:32.

2 Kwangaloo ngokuhlwa, aba bafundi babini babuyela eYerusalem. Bakufika kubapostile, bababalisela okwenzekileyo. Bathi besabalisa njalo, uYesu waphinda wabonakala kubo. Kodwa ke abapostile babephelile luloyiko. Baqalisa ukuba namathandabuzo. UYesu wabomeleza njani? Kuthiwa: “Wazivula ngokupheleleyo iingqondo zabo ukuba zicacelwe yintsingiselo yeZibhalo.”—Luka 24:45.

3. Ziziphi iingxaki esinokujongana nazo, ibe yintoni enokusinceda sibujonge ngendlela eyiyo ubulungiseleli bethu?

3 Maxa wambi nathi sinokutyhafa njengaba bafundi. Mhlawumbi siwukhuthalele wona umsebenzi weNkosi, qha sityhafiswa kukungaboni miphumo. (1 Kor. 15:58) Okanye sisenokubona ngathi izifundo zethu azihambeli ndawo. Abanye babantu esibancedayo banokude bamshiye uYehova. Sinokwenza ntoni ukuze sibujonge ngendlela eyiyo ubulungiseleli bethu? Enye yezinto ezinokusinceda kukuyiqonda ngokupheleleyo intsingiselo yemizekeliso kaYesu ebhalwe kwiZibhalo Ezingcwele. Makhe siqwalasele emithathu kuloo mizekeliso size sibone ukuba singafunda ntoni kuyo.

UMHLWAYELI OLALAYO

4. Yintoni intsingiselo yomzekeliso kaYesu womhlwayeli olalayo?

4 Funda uMarko 4:26-29. Yintoni intsingiselo yomzekeliso kaYesu womhlwayeli olalayo? Umntu ekuthethwa ngaye kulo mzekeliso umela abavakalisi boBukumkani. Imbewu sisigidimi soBukumkani esivakaliswa kubantu abanyanisekileyo. Njengesiqhelo, umhlwayeli ‘uyalala ebusuku aze avuke emini.’ Ukukhula kwezityalo kuthatha ixesha, ukususela ekutyaleni ukuya kutsho ekuvuneni. Ebudeni belo xesha, ‘iyahluma imbewu ize ikhule ibe nde.’ Ngokuthe ngcembe, le mbewu izikhulela ‘ngokwayo’ nangokwamanqanaba. Kunjalo ke nokukhula komntu ngokomoya, kwenzeka ngokuthe ngcembe nangokwamanqanaba. Xa umntu esenza inkqubela de anqwenele ukukhonza uThixo, uye avelise isiqhamo ngokuthi ahlulele ubomi bakhe kuYehova aze abhaptizwe.

5. Kwakutheni ukuze uYesu enze umzekeliso womhlwayeli olalayo?

5 Kwakutheni ukuze uYesu enze lo mzekeliso? UYesu usinceda sibone ukuba nguYehova okhulisa inyaniso ezintliziyweni zabo ‘banotyekelo olufanelekileyo.’ (IZe. 13:48; 1 Kor. 3:7) Thina siyatyala size sinkcenkceshele, kodwa asikwazi kulawula ukukhula kwezityalo. Asikwazi ukuzinyanzela okanye ukuzixhesha. Njengala mntu kuthethwa ngaye kumzekeliso, nathi asiyazi indlela umntu akhula ngayo. Sidla ngokungaboni nokuba umntu uyakhula, sibe sizixakekele zezethu. Kodwa ke ethubeni, imbewu yoBukumkani iye ithwale isiqhamo. Emva koko loo mfundi mtsha uye aqalise umsebenzi wokuvuna, size nathi sizuze kuncedo lwakhe.—Yoh. 4:36-38.

6. Yintoni esifanele siyamkele ngokuphathelele ukukhula komntu ngokomoya?

6 Sinokufunda ntoni kulo mzekeliso? Okokuqala, simele siyamkele into yokuba asikwazi kuyilawula indlela izifundo zethu ezikhula ngayo. Ukuthobeka kuya kusinceda singanyanzeli izifundo ukuba zibhaptizwe. Thina senza unako-nako ukuze simncede yaye simxhase umntu, kodwa siyayamkela into yokuba isigqibo sokuzahlulela sesakhe. Ukuzahlulela kumele kube sisigqibo esisuka entliziyweni yomntu othanda uThixo. Nayiphi na eyenye ayiyi kwamkeleka kuYehova.—INdu. 51:12; 54:6; 110:3.

7, 8. (a) Ziziphi ezinye izinto esizifundayo kumzekeliso kaYesu womhlwayeli olalayo? Zekelisa. (b) Usifundisa ntoni ngoYehova nangoYesu?

7 Okwesibini, ukuqonda oko sikufundayo kulo mzekeliso kuya kusinceda singatyhafi xa ekuqaleni singayiboni imiphumo yomsebenzi esiwenzayo. Kufuneka sibe nomonde. (Yak. 5:7, 8) Nangona imbewu ingathwali siqhamo, ukuba siye senza konke okusemandleni ethu, siyaqonda ukuba loo mphumo awuthethi kuthi asithembekanga. UYehova uvumela ukuba imbewu yenyaniso ikhule kuphela kwintliziyo ethobekileyo nekulungeleyo ukutshintsha. (Mat. 13:23) Ngoko asimele sijonge inani lezifundo ezibhaptizwayo ukuze sibone enoba siyaphumelela na kubulungiseleli bethu. Ngapha koko, noYehova akajongi loo nto. Kunoko, uxabisa imizamo esiyenza ngokuthembeka kungakhathaliseki ukuba iziphumo zinjani na.—Funda uLuka 10:17-20; eyoku-1 kwabaseKorinte 3:8.

8 Okwesithathu, asisoloko siluqonda utshintsho olwenzeka emntwini. Ngokomzekelo, esinye isibini esasifundelwa ngumthunywa wevangeli saya kuye, saza sacela ukuba ngabavakalisi abangabhaptizwanga. Wasikhumbuza ukuba ukuze sifaneleke, kuza kufuneka siyeke ukutshaya. Wothuka xa samxelela ukuba sasisele sineenyanga eziliqela siyekile. Sasiyekiswe yintoni? Saye saqonda ukuba uYehova uyasibona xa sitshaya kwaye uluthiyile uhanahaniso. Ngenxa yoko iintliziyo zaso zasiqhubela ekubeni senze isigqibo—sitshaye phambi kwalo mthunywa wevangeli okanye siyeke ukutshaya. Ukuthanda kwaso uYehova kwasinceda ukuba senze isigqibo esisiso. Sasikhulile ngokomoya, nangona lo mthunywa wevangeli wayengayazi yena loo nto.

UMNATHA ORHUQWAYO

9. Yintoni intsingiselo yomzekeliso womnatha orhuqwayo?

9 Funda uMateyu 13:47-50. Yintoni intsingiselo yomzekeliso kaYesu womnatha orhuqwayo? UYesu wafanisa ukushunyayelwa kwesigidimi soBukumkani ebantwini bonke nokuthotywa komnatha orhuqwayo elwandle. Kanye njengokuba umnatha uwola “lonke uhlobo lweentlanzi,” nomsebenzi wethu wokushumayela utsala iindidi ngeendidi zabantu. (Isa. 60:5) Loo nto sinokuyibona kwinto yokuba bebaninzi abantu abeza kwiindibano zethu nakwiSikhumbuzo nyaka ngamnye. Ezinye zezi ntlanzi zomfuziselo “zintle” kwaye ziyaqokelelwa zize zifakwe kwibandla lamaKristu. Kodwa ke ezinye ziye zifunyaniswe “zingafanelekanga”; uYehova akazamkeli zonke iintlanzi eziqokelelweyo.

Emva kokufunda uMateyu 13:47-50 . . . 

10. Kwakutheni ukuze uYesu enze umzekeliso womnatha orhuqwayo?

10 Kwakutheni ukuze uYesu enze lo mzekeliso? Ukwahlulwa ngokomfuziselo kweentlanzi akubhekiseli kumgwebo wokugqibela oya kubakho ngembandezelo enkulu. Kunoko, kubonisa into eyenzeka kwimihla yokugqibela yale nkqubo ingendawo. UYesu wabonisa ukuba abanye abantu babeya kusithanda isigidimi kodwa bangafuni ukukhonza uYehova. Abaninzi baye beza kwiintlanganiso zethu. Ukanti abanye baye bavuma ukuba sibafundise iBhayibhile kodwa ke abafuna ukude bazibophelele. (1 Kum. 18:21) Bakho nabangaseziyo kwiintlanganiso zamaKristu. Olunye ulutsha luye alwamthanda uYehova nangona lukhuliswe ngabazali abangamaKristu. Enoba yiyiphi na kwezi meko, uYesu wagxininisa ukuba mntu ngamnye umele azenzele isigqibo. Abo bayenzayo loo nto ubajonga ‘njengezinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga.’—Hag. 2:7.

. . . cinga ngendlela lo mzekeliso osebenza ngayo namhlanje

11, 12. (a) Unokusinceda njani umzekeliso womnatha orhuqwayo? (b) Usifundisa ntoni ngoYehova nangoYesu?

11 Unokusinceda njani umzekeliso womnatha orhuqwayo? Ukuqonda oko sikufunda kulo mzekeliso kusinceda singakhathazeki okanye singaphoxeki kakhulu xa isifundo okanye omnye wabantwana bethu engade ayiphile inyaniso. Le nto inokwenzeka enoba siye sazama kangakanani. Ukuvuma komntu ukuqhutyelwa isifundo okanye ukukhuliswa ngabantu abasenyanisweni akuthethi kuthi uza kuba nolwalamano olusondeleyo noYehova. Kodwa ke ekugqibeleni wonke umntu ongafuniyo ukuzithoba kulawulo lukaYehova uza kushenxiswa kubantu bakaThixo.

Abanye kwabo bayithandayo inyaniso baza kummela uYehova (Funda isiqendu 9-12)

12 Ngaba loo nto ithetha ukuba abo baye bayishiya inyaniso abanakuze bavunyelwe ukuba babuye ebandleni? Okanye ngaba xa umntu engade azahlulele kuYehova, uya kusoloko ejongwa ‘njengongafanelekanga’? Akunjalo. Lisekho ithuba kubantu abanjalo, ngaphambi kokuba kuqalise imbandezelo enkulu. Kuba ngathi uYehova uthi kubo: “Buyelani kum, nam ndiza kubuyela kuni.” (Mal. 3:7) Le ngongoma igxininiswa ngumzekeliso wonyana wolahleko owenziwa nguYesu.—Funda uLuka 15:11-32.

UNYANA WOLAHLEKO

13. Yintoni intsingiselo yomzekeliso wonyana wolahleko?

13 Yintoni intsingiselo yomzekeliso kaYesu wonyana wolahleko? Lo bawo unemfesane ekuthethwa ngaye kulo mzekeliso umela uBawo wethu onothando, uYehova. Unyana ocela ilifa lakhe aze asafaze ngalo umela abo baye balishiya ibandla. Baba ngathi bayemka baye “kwilizwe elikude,” kwihlabathi likaSathana elingafuni nto yakwenza noYehova. (Efe. 4:18; Kol. 1:21) Kodwa ke ziye zibuye iingqondo kwabanye, baze benze amatiletile okubuyela kwintlangano kaYehova. UBawo wethu oxolelayo uye abamkele kwakhona abo bathobekileyo nabaye baguquka.—Isa. 44:22; 1 Pet. 2:25.

14. Kwakutheni ukuze uYesu enze umzekeliso wonyana wolahleko?

14 Kwakutheni ukuze uYesu enze lo mzekeliso? UYesu wayibonisa ngendlela enomtsalane into yokuba uYehova ufuna ukuba abo baphambukileyo babuyele kuye. Ubawo ekuthethwa ngaye kulo mzekeliso akazange alilahle ithemba lokuba unyana wakhe uya kuze abuye. Wathi akumbona esiza, nangona “wayesekude lee,” wakhawulezisa ukumamkela. Loo nto imele ikhuthaze abo baye bayishiya inyaniso ukuba babuyele kuYehova ngaphandle kokulibazisa. Kusenokwenzeka ukuba bayimipha echutywe yalahlwa, nendlela ebuyayo ibabangela iintloni kwaye ingumnqantsa. Kodwa ke soze bazisole ngokwenjenjalo—kaloku nasezulwini kuya kuvuywa xa bebuya.—Luka 15:7.

15, 16. (a) Sifunda ntoni kumzekeliso kaYesu wonyana wolahleko? Yenza imizekelo. (b) Usifundisa ntoni lo mzekeliso ngoYehova nangoYesu?

15 Unokusinceda njani umzekeliso wonyana wolahleko? Sifanele silandele umzekelo kaYehova. Singaze sifune ukuba ‘ngamalungisa kakhulu’ kangangokuba singafuni ukwamkela aboni abaguqukileyo xa bebuya. Siya ‘kuphanza’ ngokomoya xa sisenjenjalo. (INtshu. 7:16) Ikho nenye into esinokuyifunda kulo mzekeliso. Umntu oshiya ibandla ufanele ajongwe “njengemvu elahlekileyo,” akangoncanyelweni. (INdu. 119:176) Ukuba sidibana nomntu olishiyileyo ibandla kodwa abe engasuswanga kubudlelane, ngaba siya kuzama ukumnceda abuye? Ngaba siya kukhawuleza sazise abadala ukuze bamncede ngendlela emfaneleyo? Siya kuyenza loo nto ukuba siyisebenzisa ngobulumko into esiyifundiswa ngumzekeliso kaYesu wonyana wolahleko.

16 Khawuve nje ukuba bathini abanye oonyana bolahleko bale mihla xa bechaza indlela abayixabisa ngayo inceba kaYehova nenkxaso nothando abaluboniswe libandla. Omnye umzalwana owayesuswe kubudlelane iminyaka eyi-25 uthi: “Ukususela oko ndibuyiselwe, ndiya ndivuya nangakumbi kuba ndiye ndafumana ‘amaxesha okuhlaziya’ avela kuYehova. (IZe. 3:19) Wonke umntu unobubele! Nditsho ndanentsapho yokomoya.” Udade oselula owashiya uYehova iminyaka emihlanu waza wabuya uthi: “Ayithetheki indlela ekwaba mnandi ngayo ukuboniswa olwaa thando awathetha ngalo uYesu. Ayikho into enokuthelekiswa nokuba yinxalenye yentlangano kaYehova!”

17, 18. (a) Sifunde ntoni kule mizekeliso mithathu sithethe ngayo? (b) Yintoni esimele sizimisele ukuyenza?

17 Sifunde ntoni kule mizekeliso mithathu? Okokuqala, simele siyamkele into yokuba asinakuyilawula indlela umntu akhula ngayo ngokomoya. Leyo into ixhomekeke kuYehova. Okwesibini, asinakulindela ukuba wonke umntu onxulumana nofunda nathi iBhayibhile uza kuyimela inyaniso. Okokugqibela, nakuba abanye besenokuyishiya inyaniso noYehova, masingaze silahle ithemba lokuba baya kuphinda babuye. Ukuba bayabuya, masibamkele ngendlela uYehova abamkela ngayo.

18 Sonke masizimisele ukufumana ulwazi, ukuqonda nobulumko. Njengoko ufunda imizekeliso kaYesu, zibuze ngentsingiselo yayo; ngesizathu sokuba ibhalwe eBhayibhileni; ngendlela esinokuzisebenzisa ngayo izinto esizifundayo kuyo kunye nezinto esizifundayo ngoYehova nangoYesu. Xa sisenjenjalo, siya kubonisa ukuba sicacelwe yintsingiselo yamazwi kaYesu.