Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lutsha—Niza Kwenza Ntoni Ngobomi Benu?

Lutsha—Niza Kwenza Ntoni Ngobomi Benu?

Lutsha—Niza Kwenza Ntoni Ngobomi Benu?

“Indlela endalathisa ngayo izithonga zam yeyokuze ndingabethi umoya.”—1 KOR. 9:26.

1, 2. Njengomntu osakhulayo yintoni enokukunceda uphumelele?

 UKUBA ubuza kuthabatha uhambo kwindlela ongayiqhelanga bekuya kufuneka uhambe nemaphu kunye nekhampasi. Imaphu iya kukunceda ubone apho ukhoyo uze ukwazi ukuhamba ngendlela echanileyo. Ikhampasi yona iya kukunceda ungaphambuki kuloo ndlela. Noko ke, ukuba nemaphu nekhampasi bekungayi kukunceda nganto ukuba akuzazi apho ufuna ukuya khona. Ukuze ungabhaduli, kufuneka wazi ukuba ufuna ukuya phi.

2 Njengomntu osakhulayo nawe ukwimeko efanayo. Unemaphu nekhampasi onokuyithemba. IBhayibhile ifana nemaphu enokukunceda ukuze ukhethe ikhondo elifanelekileyo. (IMize. 3:5, 6) Ukuba isazela sakho siqeqeshwe kakuhle, sinokukunceda ungaphambuki endleleni. (Roma 2:15) Sinokusebenza njengekhampasi. Noko ke, ukuze uphumelele ebomini, kufuneka uzazi ukuba ufuna ntoni. Kufuneka ulwazi kakuhle usukelo lwakho.

3. Ngokutsho kukaPawulos kweyoku-1 yabaseKorinte 9:26, ziziphi iingenelo ezinokufumaneka ngokuzibekela usukelo?

3 Umpostile uPawulos wachaza iingenelo zokuzibekela usukelo nokuzama ukulufikelela, ngala mazwi: “Indlela endibaleka ngayo asiyiyo eyokungaqiniseki; indlela endalathisa ngayo izithonga zam yeyokuze ndingabethi umoya.” (1 Kor. 9:26) Ukuba unosukelo, uya kubaleka ngokuqiniseka. Kungekudala, kuza kufuneka wenze izigqibo ezibalulekileyo ngokuphathelele izinto ezifana nonqulo, umsebenzi, umtshato nentsapho. Maxa wambi, usenokuziva udidekile. Kodwa ukuba uceba kwangoko, wenze izigqibo ezisekelwe kwiinyaniso nemigaqo efumaneka kwiLizwi likaThixo, akuyi kutyekela ekuthabatheni ikhondo eliphosakeleyo.—2 Tim. 4:4, 5.

4, 5. (a) Yintoni enokwenzeka ukuba akuzibekeli usukelo? (b) Kutheni ukhetho olwenzayo lufanele lubonakalise ukuba ufuna ukukholisa uThixo?

4 Ukuba akuzibekeli usukelo, oontanga bakho nootitshala baya kukweyisela ekwenzeni oko bona bacinga ukuba kuya kuba luncedo kuwe. Kakade ke, enoba unalo usukelo, abanye basenokukunika amacebiso. Ngoxa uphulaphule loo macebiso abo, zibuze, ‘Ngaba le nto bayicebisayo iza kundinceda ndikhumbule uMdali wam ngexesha lobutsha bam okanye ngaba iza kundiphazamisa?’—Funda iNtshumayeli 12:1.

5 Kutheni ukhetho olwenzayo lufanele lubonakalise ukuba ufuna ukukholisa uThixo? Esinye isizathu kukuba zonke izinto esinazo sizifumene kuYehova. (Yak. 1:17) Sonke sifanele simbulele uYehova. (ISityhi. 4:11) Ayikho enye indlela onokubonisa uxabiso lwakho ngayo ngaphezu kokungamlibali uYehova xa uzibekela usukelo. Masihlole usukelo olufanelekileyo onokuzibekela lona nendlela onokulufikelela ngayo.

Luluphi Usukelo Onokuzibekela Lona?

6. Luluphi usukelo olubalulekileyo ofanele uzibekele lona yaye ngoba?

6 Njengoko kukhankanyiwe kwinqaku elingaphambi kweli, usukelo olubalulekileyo onokuzibekela lona kukuqiniseka ukuba oko kuthethwa yiBhayibhile kuyinyaniso. (Roma 12:2; 2 Kor. 13:5) Kusenokwenzeka ukuba oontanga bakho bakholelwa kwindaleko okanye kwezinye iimfundiso zonqulo ezibubuxoki kuba bexelelwe ngabanye abantu ukuba bafanele bakholelwe kwezi zinto. Noko ke, wena unokukwazi ukuqiqa ngendlela eyahlukileyo. Khumbula ukuba uYehova ufuna umkhonze ngengqondo yakho iphela. (Funda uMateyu 22:36, 37.) UBawo wethu osezulwini ufuna ukuba ube nobungqina ngezinto ozikholelwayo.—Heb. 11:1.

7, 8. (a) Luluphi usukelo olunokufikeleleka ngokukhawuleza nolunokomeleza ukholo lwakho? (b) Yintoni eya kwenzeka emva kokuba ulufikelele usukelo lwakho?

7 Ukuze womeleze ukholo lwakho, kutheni ungazibekeli usukelo onokulufikelela ngokukhawuleza? Olunye usukelo onokuzibekela lona kukuthandaza suku ngalunye. Into enokukunceda ukuze imithandazo yakho ibe yengqalileyo uze ungaphindaphindi into enye, kukuzama ukukhumbula okanye ukubhala phantsi izinto eziye zenzeka ngolo suku, ofuna ukuziquka emithandazweni yakho. Kuhle ukuba ungakhankanyi iingxaki oye wajamelana nazo kuphela kodwa uthethe nangezinto eziye zakuvuyisa. (Fil. 4:6) Olunye usukelo kukufunda iBhayibhile yonke imihla. Ngaba uyazi ukuba xa ufunda amaphepha amane ngosuku, unokufunda iBhayibhile uyigqibe ngonyaka? a INdumiso 1:1, 2 ithi: “Unoyolo umntu . . . oyoliswa ngumthetho kaYehova, efunda emthethweni wakhe ngesandi esiphantsi imini nobusuku.”

8 Usukelo lwesithathu onokuzibekela lona nonokulufikelela ngokukhawuleza, kukuzimisela ukuphendula kwintlanganiso yebandla nganye. Ekuqaleni, usenokuyifunda impendulo yakho okanye ufunde isibhalo. Ekuhambeni kwexesha, unokuzibekela usukelo lokuphendula ngamazwi akho. Eneneni, sihlandlo ngasinye uphendula, unikela umbingelelo kuYehova. (Heb. 13:15) Emva kokuba ulufikelele olu sukelo, uya kukwazi ukuzithemba yaye uya kuba noxabiso ngakumbi ngoYehova uze ukwazi ukuzibekela nolunye usukelo onokulufikelela njengoko ixesha lihamba.

9. Ukuba akukabi nguye umvakalisi woBukumkani, luluphi usukelo onokuzibekela lona?

9 Luluphi olunye usukelo onokuzibekela lona onokulufikelela njengoko ixesha lihamba? Ukuba akukabi ngumvakalisi weendaba ezilungileyo, unokuzibekela usukelo lokuba ngumvakalisi woBukumkani. Emva kokuba ulufikelele olu sukelo lubalulekileyo, ufanele uphumeze inkonzo yakho rhoqo nangobuchule nyanga nganye. Ufanele ufunde ukusebenzisa iBhayibhile entsimini. Loo nto iya kukwenza uwuthande umsebenzi wokushumayela. Ngoko unokuchitha ixesha elingakumbi kumsebenzi wendlu ngendlu okanye uzame nokuqhuba izifundo zeBhayibhile. Njengomvakalisi ongabhaptizwanga, unokuzibekela usukelo lokufanelekela ukubhaptizwa uze ube liNgqina likaYehova uThixo elizahluleleyo nelibhaptiziweyo.

10, 11. Luluphi usukelo olunokuzibekela lona ulutsha olubhaptiziweyo?

10 Ukuba sele ungumkhonzi kaYehova obhaptiziweyo, nalu olunye usukelo onokuzibekela lona. Ngamathuba athile unokusebenza namabandla athile xa esebenza intsimi engafane isetyenzwe. Ekubeni unamandla yaye usempilweni usenokuba nguvulindlela ongumncedani okanye othe ngxi. Amashumi amawaka oovulindlela abonwabileyo aya kukuxelela ukuba eyona ndlela ongakhumbula ngayo uMdali wakho ebutsheni, kukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Olu sukelo unokulufikelela ngoxa uhlala ekhaya. Ibandla okhonza kulo nalo liya kungenelwa ngokufikelela kwakho olu sukelo.

11 Unokuzibekela nolunye usukelo olunokuba yingenelo kummandla ongekho kwibandla lakho. Ngokomzekelo, unokuceba ukuya kukhonza komnye ummandla okanye kwilizwe ekufuneka abavakalisi abangakumbi kulo. Unokuncedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani okanye amasebe kwamanye amazwe. Usenokuya naseBheteli okanye ube ngumthunywa wevangeli. Kakade ke ukuze ukwazi ukufikelela naluphi na usukelo, into ebalulekileyo ofanele uyenze kuqala kukubhaptizwa. Ukuba akukabhaptizwa, cinga ngezinto ofanele uzenze ngaphambi kokuba ubhaptizwe.

Ukufikelela Usukelo Lokubhaptizwa

12. Ziziphi izizathu ezibangela ukuba abanye babhaptizwe yaye kutheni zingafanelekanga?

12 Ucinga ukuba iyintoni injongo yokubhaptizwa? Abanye basenokucinga ukuba yindlela yokubakhusela bangenzi isono. Bambi basenokuvakalelwa kukuba bafanele babhaptizwe kuba oontanga babo bebhaptiziwe. Olunye ulutsha lusenokubhaptizwa kuba lufuna ukukholisa abazali balo. Noko ke, ubhaptizo asilolungiselelo lokukuthintela ekwenzeni izinto obungathanda ukuzenza emfihlekweni yaye akumele ubhaptizwe kuba unyanzelwa ngabanye. Ufanele ubhaptizwe xa uyiqonda kakuhle intsingiselo yokuba liNgqina likaYehova naxa uqinisekile ukuba ukulungele ukwamkela le mbopheleleko.—INtshu. 5:4, 5.

13. Kutheni ufanele ubhaptizwe?

13 Esinye isizathu sokuba sifanele sibhaptizwe kukuba uYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba ‘benze bantu abafundi baze bababhaptize.’ Naye wamisela umzekelo ngokuthi abhaptizwe. (Funda uMateyu 28:19, 20; noMarko 1:9.) Ngaphezu koko, abo bafuna ukusindiswa kubalulekile ukuba babhaptizwe. Emva kokuba ethethe ngokwakha kukaNowa umkhombe owasindisa yena nentsapho yakhe kuMkhukula, umpostile uPetros wathi: “Oku kufanekisela ubhaptizo, olunisindisayo nani ngoku, . . . ngovuko lukaYesu Kristu.” (1 Pet. 3:20, 21) Noko ke, oku akuthethi ukuba eyona njongo yokubhaptizwa kukusindiswa. Kunoko, ubhaptizwa kuba uthanda uYehova yaye ufuna ukumkhonza ngentliziyo, ngomphefumlo, ngengqondo nangamandla akho ephela.—Marko 12:29, 30.

14. Yintoni esenokubangela abanye babe madolw’ anzima ukubhaptizwa, kodwa yintoni ofanele uqiniseke ngayo?

14 Bambi basenokuba madolw’ anzima ukubhaptizwa kuba besoyika ukuba mhlawumbi ngenye imini bangasuswa kubudlelane. Ngaba nawe woyika loo nto? Ukuba kunjalo, akukho nto iphosakeleyo ngaloo nto. Loo nto inokuthetha ukuba uyabuqonda ubunzulu bokuba liNgqina likaYehova. Ngaba mhlawumbi sikho esinye isizathu? Mhlawumbi akuqinisekanga ukuba ukuphila ngemilinganiselo kaThixo yeyona ndlela ifanelekileyo. Ukuba kunjalo, ukucinga ngezinto ezehlela abo bangayithobeliyo imilinganiselo yeBhayibhile kunokukunceda wenze isigqibo esifanelekileyo. Kwelinye icala, kusenokwenzeka ukuba uyayithanda imilinganiselo kaThixo kodwa ucinga ukuba akunakukwazi ukuphila ngayo. Eneneni nako oku akuphosakalanga, kubonisa ukuba uthobekile. Ngapha koko, iBhayibhile ithi iintliziyo zabantu abangafezekanga zinenkohliso. (Yer. 17:9) Kodwa unako ukuphumelela ukuba uhlala ‘uzilinda ngokwelizwi likaThixo.’ (Funda iNdumiso 119:9.) Enoba sisiphi na isizathu esikwenza uthingaze ukubhaptizwa, ufanele usilungise. b

15, 16. Unokwazi njani ukuba ukulungele ukubhaptizwa?

15 Unokwazi njani ukuba ukulungele ukubhaptizwa? Mhlawumbi unokuzibuza imibuzo enjengale: ‘Ngaba ndingakwazi ukucacisela abanye iimfundiso zeBhayibhile ezisisiseko? Ngaba ndiyaya entsimini naxa abazali bam bengayi? Ngaba ndizama ukuya kuzo zonke iintlanganiso zamaKristu? Ngaba zikho izihlandlo endizikhumbulayo endaxhathisa ngazo ingcinezelo yoontanga? Ngaba ndingaqhubeka ndikhonza uYehova enoba abazali bam okanye abahlobo bangayeka? Ngaba ndiye ndathandaza ngolwalamano lwam noThixo? Ngaba sendizahlulele kuYehova ngomthandazo?’

16 Ubhaptizo linyathelo elibalulekileyo nelitshintsha ubomi bukabani. Ngaba uqole ngokwaneleyo ukuba ungacinga nzulu ngeli nyathelo? Ukuqola akuthethi nje ukunikela iintetho ezisemagqabini okanye iimpendulo ezakhayo kwiintlanganiso. Ufanele ukwazi ukwenza izigqibo ezibonisa ukuba uyayiqonda imigaqo yeBhayibhile. (Funda amaHebhere 5:14.) Ukuba sele ukulungele ukwenza oko, ulindelwe lelona lungelo likhulu—ukukhonza uYehova ngentliziyo iphela nokuphila ngendlela ebonisa ukuba uzahlulele kuye ngokupheleleyo.

17. Yintoni eya kukunceda ukwazi ukumelana neemvavanyo oya kuzifumana emva kokuba ubhaptiziwe?

17 Emva kokuba ubhaptiziwe, unokuba nomdla ongakumbi wokukhonza uThixo. Noko ke, kungekudala, ukholo lwakho luya kuvavanywa. (2 Tim. 3:12) Musa ukuvakalelwa kukuba ufanele uzimele ngenkqay’ elangeni. Cela amacebiso kubazali bakho. Cela uncedo kwabo bakhulileyo ngokomoya ebandleni. Yakha ubuhlobo nabo banokukuxhasa. Ungaze ulibale ukuba uYehova ukukhathalele yaye unokukomeleza ukuze ukwazi ukumelana nayo nayiphi na imeko.—1 Pet. 5:6, 7.

Unokulufikelela Njani Usukelo Lwakho?

18, 19. Kuya kukunceda njani ukuhlolisisa ezona zinto zibalulekileyo?

18 Nangona usenza konke okusemandleni, ngaba uvakalelwa kukuba akulifumani ixesha lokwenza izinto ofuna ukuzenza nowaziyo ukuba ufanele uzenze? Ukuba kunjalo, ufanele uhlole ezona zinto zibalulekileyo. Ngokomzekelo: Thabatha ibhakethi uze ufake amatye amakhulu amaninzi. Emva koko lizalise ngesanti. Ibhakethi lakho ngoku lizaliswe ngamatye nesanti. Wakhuphe la matye nale santi. Emva koko phinda ulizalise, uqale ngesanti uze uzame ukufaka namatye. Uya kufumanisa ukuba ayikho indawo yamatye. Kaloku, kungenxa yokuba uqale wagalela isanti.

19 Usenokuba nengxaki efanayo ngendlela olisebenzisa ngayo ixesha lakho. Ukuba uchitha ixesha elininzi ekuzonwabiseni, akuyi kuba nexesha elaneleyo lokwenza izinto ezibaluleke ngakumbi—izinto zokomoya. Kodwa ukuba uphulaphula isiluleko seBhayibhile sokuba ‘uqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi,’ uya kufumanisa ukuba unexesha lokukhonza uThixo nelokuzihlaziya ngomlinganiselo othile.—Fil. 1:10.

20. Yintoni ofanele uyenze ukuba kukho izinto ezikuxhalabisayo yaye unamathandabuzo njengoko uzama ukufikelela usukelo lwakho?

20 Njengoko uzama ukufikelela izinto onosukelo lokuzenza, kuquka ukubhaptizwa, kusenokubakho izinto ezikuxhalabisayo okanye ube namathandabuzo. Xa kunjalo, “umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa.” (INdu. 55:22) Ngoku unethuba lokuba nenxaxheba kowona msebenzi uvuyisayo nobalulekileyo owakha wenziwa, iphulo lokushumayela nokufundisa elenziwa ehlabathini lonke. (IZe. 1:8) Usenokukhetha ukungabi nanxaxheba kulo msebenzi. Okanye unokuba nenxaxheba kulo msebenzi uvuyisayo. Sebenzisa ubuchule bakho ekukhonzeni uThixo nasekuxhaseni uBukumkani bakhe. Akusayi kuze uzisole ‘ngokukhumbula uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho.’—INtshu. 12:1, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.

[Imibhalo esemazantsi]

a Funda iMboniselo ka-Agasti 1, 2009, iphepha 15-18.

b Ukuze ufumane uncedo kule nkalo, funda incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2, isahluko 34.

Ungaphendula Uthini?

• Kutheni ufanele uzibekele usukelo?

• Luluphi usukelo ekubalulekileyo ukuba ulufikelele?

• Yintoni ekufuneka uyenzile ukuze ufikelele usukelo lokubhaptizwa?

• Ukuhlolisisa ezona zinto zibalulekileyo kuya kukunceda njani ufikelele usukelo lwakho?

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Ngaba uzibekele usukelo lokufunda iBhayibhile yonke imihla?

[Umfanekiso okwiphepha 15]

Yintoni eya kukunceda ufikelele usukelo lokubhaptizwa?

[Umfanekiso okwiphepha 16]

Yintoni oyifundayo kulo mzekeliso?