Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Masisondeze Umnikelo KaYehova’

‘Masisondeze Umnikelo KaYehova’

XA UMNTU ekwenzela ububele, uye ulubonakalise njani uxabiso? Phawula indlela iintloko zomkhosi wakwaSirayeli ezabonisa ngayo uxabiso emva kokulwa namaMidiyan. Lo mlo wabakho emva kokuba amaSirayeli enze isono esinxulumene noBhahali wasePehore. UThixo wabanceda abantu bakhe boyisa yaye amaxhoba athinjiweyo ahlulelwa amajoni ali-12 000 namaSirayeli onke. Elandela ulwalathiso lukaYehova, amajoni anikela ngenxalenye yawo ethile kubabingeleli aza amanye amaSirayeli anikela inxalenye yawo kubaLevi.—Num. 31:1-5, 25-30.

Noko ke, iintloko zomkhosi zafuna ukunikela ngakumbi. Zathi kuMoses: “Abakhonzi bakho balibalile inani lamadoda emfazwe aphethwe sithi yaye akukho nanye ekubikwe ukuba ayikho kuthi.” Zagqiba ekubeni zinikele kuYehova igolide nezihombo ezahlukahlukeneyo. Ubunzima bezo zihombo zegolide babungaphezu kwe-190 eekhilogram.—Num. 31:49-54.

Nanamhlanje, abantu abaninzi baye babonise uxabiso ngoko uYehova abenzele kona. Noko ke, asingobakhonzi bakaThixo abazahluleleyo kuphela ababonisa uxabiso. Ngokomzekelo, cinga ngomqhubi webhasi owayeqhubela iindwendwe ezivela kwamanye amazwe ukuya kwibala ekwakuqhutyelwa kulo indibano yezizwe ngezizwe eBologna, eItali, ngowama-2009. Ekubeni wayeqhuba ngenkathalo yaye ethobekile, abo babekhwele ibhasi yakhe bagqiba ekubeni bamnike ikhadi elinamazwi ombulelo nobugcwabalalana obuthile kuquka nencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Lo mqhubi wathi: “Ndiyabulela ngekhadi nangencwadi, kodwa yona imali ndiyayibuyisa kuba ndifuna ukunikela ngayo ukuze niqhubeke nomsebenzi eniwenzayo. Nangona ndingeloNgqina likaYehova, ndifuna ukunikela kuba ndiye ndabona ukuba nenza izinto ngokuqhutywa luthando.”

Enye indlela onokubonisa ngayo uxabiso ngoko uYehova akwenzele kona, kukunikela kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke ngamaNgqina kaYehova. (Mat. 24:14) Iindlela abanye abakhetha ukunikela ngazo zidweliswe kwibhokisi ekweli nqaku.