Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kunokukunceda Njani Ukuthandaza?

Kunokukunceda Njani Ukuthandaza?

UPamela wagula kakhulu de wayokufuna uncedo koogqirha. Wathandaza kuThixo waze wamcela ukuba amphe amandla okumelana nemeko awayekuyo. Ngaba ukuthandaza kwamnceda?

Uthi: “Xa ndandinyangelwa icancer ndandidla ngokoyika kakhulu. Kodwa xa ndigqiba kuthandaza kuYehova uThixo ndandiye ndizive ndizolile ndize ndikwazi nokucinga kakuhle. Ndiseneentlungu ezingapheliyo, kodwa ukuthandaza kundinceda ndikwazi ukuhlala ndizolile. Xa abantu bendibuza ukuba ndinjani, ndiye ndithi, ‘Ndiyagula, kodwa ndonwabile!’”

Ewe kona, akufanelanga silinde side sigule kakhulu ukuze siqalise ukuthandaza. Sonke sineengxaki noba zincinci okanye zinkulu, ibe siyaludinga uncedo ukuze sikwazi ukumelana nazo. Ngaba ukuthandaza kungakunceda?

IBhayibhile ithi: “Wuphosele kuYehova umthwalo wakho, yena uza kukuxhasa. Soze avumele ilungisa liwe.” (INdumiso 55:22) Akhuthaza nyhani la mazwi! Ukuthandaza kungakunceda njani? Xa sithandaza kuThixo ngendlela afuna ngayo uza kusinika amandla okukwazi ukumelana neengxaki esinazo.—Jonga ibhokisi ethi “ Sifumana Ntoni Xa Sithandaza?