Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | KUNCEDA NGANTONI UKUTHANDAZA?

Umthandazo—Indlela Onokukunceda Ngayo

Umthandazo—Indlela Onokukunceda Ngayo

Ngaphambi kokuba wenze nantoni na, usenokuzibuza, ‘Iza kundinceda ngantoni le nto?’ Ngaba ukubuza umbuzo onjalo ngomthandazo kuthetha ukuba ucingela isiqu sakho? Akunjalo. Kuqhelekile ukufuna ukwazi ukuba umthandazo uza kusinceda na. Nkqu noYobhi owayeyindoda elungileyo wabuza wathi: “Ukuba bendimbizile, ngaba ubeya kundiphendula?”—Yobhi 9:16.

Kumanqaku adlulileyo siye sabona ukuba umthandazo ayisosicengcelezo nje okanye indlela yokuphozisa intloko. UThixo oyinyaniso uyayiphulaphula imithandazo. Xa sithandazela izinto ezizizo ngendlela elungileyo, uza kusiphulaphula. Ngaphezu koko, ude asibongoze ukuba sisondele kuye. (Yakobi 4:8) Ngoko ke, ukuthandaza rhoqo kuza kusinceda njani? Makhe sibone.

Uxolo lwengqondo.

Xa kuvela iingxaki ebomini bakho, ngaba uye uxhalabe ngokugqithiseleyo? Ngamaxesha anjalo, iBhayibhile isikhuthaza ukuba ‘sithandaze ngokungapheziyo,’ nokuba ‘sazise izibongozo zethu kuThixo.’ (1 Tesalonika 5:17; Filipi 4:6) IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba, ukuba siyathandaza, ‘uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zethu namandla ethu engqondo ngoKrist’ uYesu.’ (Filipi 4:7) Sinokufumana uxolo ngokuzityand’ igila kuBawo wethu wasezulwini. Kakade, usikhuthaza ukuba senjenjalo kuba iNdumiso 55:22 ithi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa.”

“Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa.”—INdumiso 55:22

Inkumbula yabantu ehlabathini jikelele iye yalingcamla olu xolo. UHee Ran wakuMzantsi Korea uthi: “Nangona ndineengxaki ezininzi, ndithi ndakuthandaza kuthi xibilili, ndize ndizive ndinamandla okunyamezela.” UCecilia wakwiiPhilippines uhlomla athi: “Ekubeni ndingumama, ndisoloko ndixhalabele iintombi zam nomama wam ongasandinakaniyo nokundinakana. Ngenxa yokuthandaza, ndiyakwazi ukuqhubeka nobomi ndingaxhalabanga. Ndiyazi ukuba uYehova uza kundinceda kwezi ngxaki.”

Intuthuzelo namandla xa kukho ingxaki.

Ngaba uneenzingo zobomi, mhlawumbi iimeko ezibeka ubomi bakho esichengeni okanye wehlelwe yintlekele? Ukuthandaza ‘kuThixo wentuthuzelo yonke’ kunokuzisa isiqabu esingathethekiyo. IBhayibhile ithi: ‘Uyasithuthuzela kuyo yonke imbandezelo yethu.’ (2 Korinte 1:3, 4) Ngokomzekelo, ngesinye isihlandlo xa uYesu wayebuhlungu gqitha, “waguqa ngamadolo wathandaza.” Waba yintoni umphumo? “Ingelosi evela ezulwini yabonakala kuye yaza yamomeleza.” (Luka 22:41, 43) UNehemiya owayeyindoda ethembekileyo, wayetyityinjiselwa umnwe ngamadoda akhohlakeleyo awayefuna ayeke ukwenza umsebenzi kaThixo. Wathandaza wathi: “Yomeleza izandla zam.” Iziganeko ezalandelayo zibonisa ukuba uThixo wamomeleza wayeka ukoyika waza wawenza kakuhle nomsebenzi wakhe. (Nehemiya 6:9-16) UReginald, waseGhana, ubalisa amava akhe okuthandaza esithi: “Xa ndithandaza, ngokukodwa ngamaxesha kaxakeka, ndiye ndivakalelwe kukuba ingxaki yam ndiyixelele umntu onokundinceda nondiqinisekisayo ukuba mandingaphakuzeli.” Ngokwenene, uThixo uyasithuthuzela xa sithandaza.

Ubulumko Obuvela KuThixo.

Ezinye izigqibo esizenzayo zinokuchaphazela ngokusisigxina thina nabo sibathandayo. Singalwenza njani ukhetho lobulumko? IBhayibhile ithi: “Ukuba kukho nabani na kuni oswele ubulumko [ingakumbi xa eneengxaki], makaqhubeke ebucela kuThixo, kuba unika bonke ngesisa, engangcikivi; yaye uya kubunikwa.” (Yakobi 1:5) Ukuba sithandazela ubulumko, uThixo unokusebenzisa umoya wakhe oyingcwele usikhokele ukuze senze izigqibo zobulumko. Sinokude sicele nomoya oyingcwele kuba uYesu uyasiqinisekisa ukuba: ‘UYihlo osezulwini uya kubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!’—Luka 11:13.

“Ndithandazela ukuba uYehova andikhokele rhoqo ukuze ndenze izigqibo ezichanileyo.”—UKwabena waseGhana

KwanoYesu wayecela uncedo kuYise xa esenza izigqibo ezibalulekileyo. IBhayibhile isixelela ukuba xa wayefuna ukukhetha amadoda ayi-12 awayeza kuba ngabapostile, “waqhubeka ethandaza kuThixo ubusuku bonke.”—Luka 6:12.

NjengoYesu, abantu abaninzi namhlanje baye bakhuthazeka xa bebona indlela uThixo abaphendula ngayo xa becela uncedo ukuze benze izigqibo zobulumko. URegina wakwiiPhilippines, usixelela ngeengxaki ezahlukahlukeneyo aye waba nazo, njengokunyamekela yena nentsapho yakhe emva kokufa komyeni wakhe, ukuphulukana nomsebenzi, neengxaki aye waba nazo xa ekhulisa abantwana. Yintoni eye yamnceda wenza izigqibo zobulumko? Uthi: “Ndithandaza kuYehova.” UKwabena waseGhana, uchaza isizathu sokuba acele uncedo kuThixo, uthi: “Ndaphulukana nomsebenzi wam wokwakha owawundihlawula umvuzo oncumisayo.” Xa ethetha ngokukhangela izithuba uthi, “Ndithandazela ukuba uYehova andikhokele rhoqo ukuze ndenze izigqibo ezichanileyo.” Wongeza ngelithi, “Ndivakalelwa kukuba uYehova wandinceda ndakhetha umsebenzi ondenza ndikwazi ukumnqula kakuhle ndize ndizinyamekele.” Nawe unokukhokelwa nguThixo ngokuthandazela izinto ezinokuchaphazela ulwalamano lwakho naye.

Sikhankanye izinto ezimbala onokukunceda kuzo umthandazo. (Ukuze ufumane imizekelo engakumbi, funda ibhokisi ethi “ Ukuncedwa Ngumthandazo.”) Ukuze ulufumane olu ncedo, kufuneka uqale wazi uThixo nokuthanda kwakhe. Ukuba ufuna loo nto, sikukhuthaza ukuba ucele amaNgqina kaYehova akuncede ufunde iBhayibhile. * Eli inokuba linyathelo lokuqala lokuba usondele ‘kuMphulaphuli wemithandazo.’—INdumiso 65:2.

^ isiqe. 14 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, qhagamshelana namaNgqina kaYehova kwindawo ohlala kuyo okanye ungene kwiwebhsayithi ethi www.jw.org/xh.