Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba UThixo Uyayiva Imithandazo Yakho?

Ngaba UThixo Uyayiva Imithandazo Yakho?

Xa ucinga, uThixo uyakuva xa uthandaza?

ITHINI IBHAYIBHILE?

  • UThixo uyamamela. IBhayibhile isiqinisekisa ukuba: “UYehova usondele kubo bonke abo bakhalela kuye, bonke abo bakhalela kuye benyanisekile. . . . Uyabeva xa bekhalela uncedo.”—INdumiso 145:18, 19.

  • UThixo ufuna uthandaze kuye. IBhayibhile ithi: “Zonke izinto zixeleleni uThixo, nithandaza kuye, nimcenga yaye nimbulela.” —Filipi 4:6.

  • UThixo ukukhathalele nyhani. UThixo uzazi kakuhle izinto ezisenza ixhala nezisoyikisayo, ibe uyafuna ukusinceda. Kangangokuba iBhayibhile ithi: “Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”—1 Petros 5:7.