Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Iintlungu

Iintlungu

Abanye abantu bathi uThixo nguye obangela iintlungu ebantwini okanye ukuba akazibangeli, akakhathali. Kodwa ngaba iBhayibhile ifundisa oko? Ingakothusa impendulo.

Ngaba uThixo ubangela iintlungu?

“Enyanisweni, uThixo akenzi ngobungendawo.”Yobhi 34:12.

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Abanye abantu bathi yonke into eyenzekayo yintando kaThixo. Ngenxa yoko bakholelwa ukuba nguThixo osibangela iintlungu. Ngokomzekelo, xa kusehla iintlekele bacinga ukuba yindlela uThixo abohlwaya ngayo abantu abonileyo.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ifundisa ukuba uThixo akanguye unobangela weentlungu. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi xa sisezilingweni, kungayimpazamo ukuthi: “Ndilingwa nguThixo.” Ngoba? Kuba “uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” (Yakobi 1:13) Ngamanye amazwi, uThixo akasilingi okanye abangele iintlungu eziza nezilingo. Ukwenza oko bekuya kuba kukwenza ngobungendawo, kodwa “uThixo akenzi ngobungendawo.”—Yobhi 34:12.

Ukuba uThixo akangonobangela weentlungu, zibangelwa ngubani okanye yintoni? Okubuhlungu kukuba, abantu baxhatshazwa ngabanye abantu abangafezekanga. (INtshumayeli 8:9) Ngaphezu koko, sinokwehlelwa ziintlekele ngenxa ‘yesihlo esingenakubonwa kwangaphambili,’ kuba sikwindawo engafanelekanga ngexesha elingafanelekanga. (INtshumayeli 9:11) IBhayibhile ifundisa ukuba oyena nobangela weentlungu ebantwini ‘ngumlawuli weli hlabathi,’ uSathana uMthyoli, kuba “ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (Yohane 12:31; 1 Yohane 5:19) NguSathana—kungekhona uThixo—ongunobangela weentlungu.

Ngaba uThixo uyikhathalele intlungu yethu?

“Ebudeni bokubandezeleka kwabo konke wabandezeleka.”Isaya 63:9.

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Abanye abantu bacinga ukuba uThixo akayikhathalelanga intlungu yethu. Ngokomzekelo, omnye umbhali uthetha ngoko athi “kukungabi nanceba okanye usizi” kukaThixo. Lo mbhali uthi ukuba uThixo ukho, abantu “akabakhathalele ibe akanalo usizi” ngabo.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

Kunokuba ithi uThixo akanalo usizi okanye akakhathali, iBhayibhile ifundisa ukuba uThixo uyavakalelwa xa esibona sisentlungwini ibe uza kuziphelisa kungekudala. Cinga nje ngeenyaniso ezintathu ezithuthuzelayo eziseBhayibhileni.

UThixo uyayazi intlungu yethu. Ukususela ekuqaleni kweentlungu ebantwini, akukho nyembezi angazibonanga uYehova, * kuba “amehlo akhe aqaqambileyo” abona yonke into. (INdumiso 11:4; 56:8) Ngokomzekelo, xa abakhonzi bakhe bamandulo babecinezelwe, uThixo wathi: “Ngokungathandabuzekiyo ndiyibonile inkxwaleko yabantu bam.” Kodwa ngaba wayeyibona nje inkxwaleko yabo? Akunjalo, kuba wathi: “Ndiyazi kakuhle intlungu yabo.” (Eksodus 3:7) Abantu abaninzi baye bathuthuzelwa kukwazi loo nyaniso—ukwazi ukuba uThixo wazi zonke iintlungu zethu, nkqu nezo abanye abantu basenokungaziboni okanye baziqonde.—INdumiso 31:7; IMizekeliso 14:10.

UThixo uyasivela xa sisentlungwini. UYehova uThixo akapheleli nje ekuyazini intlungu yabantu kodwa uyavakalelwa. Ngokomzekelo, uThixo wakhathazeka xa abakhonzi bakhe bamandulo babesentlungwini. IBhayibhile ithi: “Ebudeni bokubandezeleka kwabo konke wabandezeleka.” (Isaya 63:9) Nangona uThixo ephakamile kunabantu, unovelwano ngabo basentlungwini—ngokungathi nguye osentlungwini! Yinyaniso ukuba, “uYehova unomsa omkhulu nenceba.” (Yakobi 5:11) Ngaphezu koko, uYehova uyasinceda sinyamezele iintlungu.—Filipi 4:12, 13.

UThixo uza kuphelisa zonke iintlungu. Ngokutsho kweBhayibhile, uThixo uza kuziphelisa zonke iintlungu emhlabeni. NgoBukumkani bakhe basezulwini, uYehova uza kutshintsha izinto zibe ngcono. Xa ithetha ngelo xesha, iBhayibhile ithi uThixo “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.” (ISityhilelo 21:4) Kuthekani ngabo bafayo? UThixo uza kubabuyisela ebomini emhlabeni ukuze nabo banandiphe ukungabikho kweentlungu. (Yohane 5:28, 29) Ngaba abantu baza kuzikhumbula iintlungu zexesha elidluleyo? Akunjalo, kuba uYehova uthembisa ukuba: “Izinto zangaphambili aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni.”—Isaya 65:17. *

^ isiqe. 13 UYehova ligama likaThixo eliseBhayibhileni.

^ isiqe. 15 Ukuze uve ngesizathu sokuba uThixo evumele iintlungu nendlela aza kuziphelisa ngayo, funda isahluko 8 nesahluko 11 kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwa ngamaNgqina kaYehova.