Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UDLIWANO-NLDEBE | NOSTEPHEN TAYLOR

Unjingalwazi Wezimali Uchaza Ukholo Lwakhe

Unjingalwazi Wezimali Uchaza Ukholo Lwakhe

UNjingalwazi uStephen Taylor ngumhlohli nomphandi kwiYunivesithi yeTeknoloji yaseSydney, eOstreliya. Uphanda ngeemarike zorhwebo nendlela ezinokulawulwa ngayo. UVukani! uye wambuza ukuba uphando lwakhe luziphembelele njani iinkolelo zakhe.

Khawusixelele ngemvelaphi yakho.

Ndakhuliswa ngabazali ababehamba icawa, ababenyanisekile nababekhuthele. Bandikhuthaza ukuba ndifunde, ngenxa yoko ndafunda ngezorhwebo kwiYunivesithi yaseNew South Wales. Ndaye ndafumanisa ukuba ndiyakuthanda ukuphanda, ngenxa yoko ndagqiba ekubeni ndibe ngumhlohli ongumphandi.

Yintoni oye wayiphanda?

Ndandifuna ukuqonda indlela ezisebenza ngayo iimarike zezorhwebo. * Kwiimarike zezorhwebo abantu bathenga baze bathengise izabelo kwiinkampani, zize zona zisebenzise loo mali ukuze ziqhube ishishini. Ndiye ndiphande nezinto ezinegalelo kumaxabiso ezabelo zeenkampani.

Ungasinika umzekelo?

Iinkampani kulindeleke ukuba zifake ingxelo yengeniso yazo rhoqo. Abatyali zimali badla ngokuhlola ezi ngxelo xa befuna ukuqonda indlela eqhuba ngayo inkampani. Kodwa ke, ezinye iindlela zokufaka ezi ngxelo azinamithetho izilawulayo. Abahlalutyi basenokuthi iinkampani zisenokusebenzisa ezi ndlela ukuze zifihle ingeniso nelona xabiso lazo. Ngoko ke, abatyali zimali banokuzifumana njani ezona ngxelo zichanileyo? Yiyiphi inkcazelo efunwa ngabo balawula ukutyalwa kwemali kwiinkampani ukuze baqiniseke ukuba iimarike zezorhwebo zisebenza kakuhle? Njengangoku mna noogxa bam sizama ukufumana iimpendulo zaloo mibuzo.

 Wawukoluphi unqulo?

Ndandihamba eRhabe nabazali bam, kodwa xa ndandikwishumi elivisayo ndalutyeshela unqulo. Ndandikholelwa kubukho boMdali yaye ndiyihlonela neBhayibhile kodwa ndandirhanela ukuba unqulo alukwazi ukulungisa iingxaki zobomi. Kum, unqulo lwalufana nje neendawo zembutho. EYurophu ndatyelela iicawa ezinkulu ndaze ndazibuza isizathu sokuba zibe nobutyebi obungako ngoxa kukho ubuhlwempu ehlabathini. Wandiphazamisa gqitha lo mahluko ndaza ndaluthandabuza unqulo.

Watshintshwa yintoni?

Umfazi wam, uJennifer, waqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova waza waya nakwiintlanganiso zawo, ndagqiba ekubeni ndikhe ndihambe naye ukuze ndiwazi. Akuzange kube kudala ndafumanisa ukuba andazi kwanto ngeBhayibhile. Ndothuka! Emva koko, ndaqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina.

Indlela afunda ngayo amaNgqina ndayithanda gqitha. Abuza umbuzo, aze aqokelele ubungqina abuhlalutye, emva koko enza isigqibo—nam ndisebenzisa le ndlela xa ndiphanda! Ngo-1999, emva kweminyaka embalwa ebhaptiziwe uJennifer, nam ndabhaptizwa ndaza ndaliNgqina likaYehova.

Ngaba ulwazi lwakho ngezoqoqosho luye lwakwenza wayithemba ngakumbi iBhayibhile?

Kunjalo kanye. Ngokomzekelo, uMthetho uThixo awawunika amaSirayeli amandulo wawulungisa iingxaki zezoqoqosho ezisaxake iingcali zezoqoqosho nanamhlanje. UMthetho wawufuna amaSirayeli ashiyele amahlwempu kwimveliso yawo (uhlobo oluthile lwerhafu neinshorensi) baze baboleke abantu abasweleyo imali ngaphandle kwenzala (ukuqinisekisa ukuba wonke umntu uyakwazi ukuthenga), kuze kubuyiselwe nomhlaba kubanini bawo emva kweminyaka eyi-50 (kukhuselwe amalungelo obunini). (Levitikus 19:9, 10; 25:10, 35-37; Duteronomi 24:19-21) Le nkqubo yezoqoqosho yanceda abantu ngeendlela ezintathu: Yayibanceda (1) xa benengxaki zemali, (2) bangabi ngamahlwempu ngonaphakade, ize (3) ithintele ukuba lihlwempu umphelo—ezi zinto zazisenziwa kwiminyaka engaphezu kweyi-3 000 eyadlulayo ngaphambi kokuba ezoqoqosho zibe yisayensi.

Kwakhona, iBhayibhile ikhuthaza izimo zengqondo nokuziphatha okwenza luzinze uqoqosho. Ngokomzekelo, ifundisa abantu ukuba banyaniseke, bathembeke, babenovelwano baze babe nesisa. (Duteronomi 15:7-11; 25:15; INdumiso 15) Okubangel’ umdla kukuba, emva kwengxaki yemali yehlabathi yakutshanje, ezinye izikolo zoshishino nemibutho ziye zabongoza oosomashishini noosozimali ukuba babe nemilinganiselo ethile abashishina ngayo. Ngokoluvo lwam, imilinganiselo yeBhayibhile iyodlula lee loo milinganiselo yezoshishino.

Lukunceda njani ukholo lwakho?

Ukufunda iBhayibhile lolona “tyalo mali” lubalulekileyo endakhe ndalwenza

UJennifer uthi ndinolwazelelelo ngoku kuba ndandingekho bhetyebhetye. Mhlawumbi yiloo nto le yayindenza ndibe yincutshe emsebenzini. Ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile kuye kwandinceda ndalungelelana. Ndonwabe ngakumbi ngoku, nentsapho yam yonwabile. Siyakuthanda ukuthetha nabanye ngobulumko beBhayibhile. Ukufunda iBhayibhile lolona “tyalo mali” lubalulekileyo endakhe ndalwenza.

^ isiqe. 7 Ikwabizwa ngokuba yimarike yezabelo.