Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Amehlo Amakhulu—Kumzimba Omncinane!

Amehlo Amakhulu—Kumzimba Omncinane!

ABANINZI basenokuthi intle, ngoxa abanye basenokuthi ayiqhelekanga. Inemilenze emide ebhityileyo, uboya obuthambileyo kunye namehlo amakhulu. Umzimba wayo umalunga neesentimitha eziyi-12.5 ubude, ibe inobunzima obumalunga neegrem eziyi-114. Yintoni le sithetha ngayo? Yitarsier!

Makhe sithethe ngetarsier yakwiiPhilippines. Amehlo, iindlebe, iinyawo, imilenze nomsila wayo zibonakala zinkulu kunomzimba wayo. Kodwa ke, le ndlela yakhiwe ngayo, ibonisa ukuba yenziwe ngendlela ekhethekileyo.

IINDLEBE EZIBUKHALI: Iindlebe ezicekethekileyo zetarsier ziyakwazi ukuvaleka ziphinde zivuleke, ibe zinokuva kwanesona sandi sitsholo phantsi. Iindlebe zayo aziyincedi nje kuphela xa izingelwa zezinye izilwanyana, njengeekati zehlathi, kodwa ziyayinceda naxa izingela. Ebusuku, iindlebe zetarsier zimamela izikhalo zeenyenzane, iintubi, ooqongqothwane, iintaka namasele. Emva koko intloko iye ilandele, ukuze loo mehlo athe gqa akwazi ukubona ixhoba.

AMANDLA AYO: Izandla zetarsier zenzelwe ukuba ikwazi ukubambelela kumasebe amancinci. Iintupha zeminwe zinamaqoqo akwaziyo ukuyibamba nkqi into. Naxa ilele, kufuneka ibambelele nkqi. Amaqoqo akwicala elingaphantsi komsila ayinceda ilale kakuhle.

 AMEHLO: Asikho isilwanyana esanyisayo esinamehlo amakhulu ngaphezu komzimba waso njengetarsier. Mehlo ngalinye letarsier likhulu kunobuchopho bayo! Itarsier ayikwazi ukuwajika amehlo ayo, asoloko ejonge phambili. Ngaba oku kuthetha ukuba iyasokola? Akunjalo. Kaloku inentamo ethambileyo, eyinceda ikwazi ukujonga macala onke.

ISANTYA: Imilenze emide yetarsier iyinceda ikwazi ukutsiba umgama onokuba ziimitha ezintandathu—ubude obuwuphinda kangangezihlandlo eziyi-40 umzimba wayo! Itarsier izingela kakuhle ebusuku, ibe iminwe yayo iyinceda ikwazi ukubamba ixhoba.

Itarsier ayidli ngokuphila ixesha elide xa ivalelwe, kuba ithanda ukuzibambela izinambuzane ibe ayikuthandi ukuphathwa ngezandla. Nangona kunjalo, esi silwanyana sahlukileyo sisabashiya bebamb’ ongezantsi abantu bakwiiPhilippines. Yonk’ into engesi silwanyana sinamehlo amakhulu iyamangalisa.