Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA YADALWA?

Indlebe Emangalisayo Yekatydid

Indlebe Emangalisayo Yekatydid

INTETHE ehlala kumatyholo akuMzantsi Merika ebizwa ngokuba yikatydid (iCopiphora gorgonensis) ineendlebe ezincinane ngeyona ndlela, kodwa zisebenza phantse ngokufanayo nezabantu. Le ntethe iyakwazi ukwahlula izandi ezahlukahlukeneyo ezitsho kude. Ngokomzekelo, iyakwazi ukwahlula isandi senye ikatydid kwisandi selulwane elizingelayo.

INDLEBE YEKATYDID

Khawucinge ngoku: Iindlebe zale ntethe zikwimilenze yayo yangaphambili. Njengendlebe yomntu, indlebe yayo iyakwazi ukwahlula izandi ezahlukahlukeneyo ize izazi ukuba zezantoni. Kodwa oososayensi bafumene ilungu elikhethekileyo kwindlebe yayo—umngxuma onolwelo ofana nebhaloni evuthelweyo. Eli lungu, abalibiza ngokuba yiacoustic vesicle, lisebenza njengecochlea yezilwanyana kodwa lincinane ngendlela engathethekiyo. Lilo elibangela ukuba le ntethe ive ngendlela emangalisa ngolu hlobo.

UNjingalwazi uDaniel Robert, weSikolo SeBiological Science kwiYunivesithi yaseBristol eUnited Kingdom uthi, eli lungu lifunyanisiweyo liza kunceda oononjineli “benze izixhobo zokuva ezincinane nezisebenza kakuhle kunebezikade zisetyenziswa.” Abaphandi bathi oku kuya kunceda ekubeni kwenziwe oomatshini abaphucuke ngakumbi kwixa elizayo, kuquka abo basetyenziswa kwizibhedlele.

Ucinga ntoni? Ngaba indlebe emangalisayo yekatydid yabakho ngamabona-ndenzile? Okanye yadalwa?