Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UDLIWANO-NDLEBE | NOPAOLA CHIOZZI

Isazinzulu Sichaza Isizathu Sokuba Nokholo Kwaso

Isazinzulu Sichaza Isizathu Sokuba Nokholo Kwaso

Kangangeminyaka engaphezu kwama-20, uGqr Paola Chiozzi osisazinzulu kwiYunivesithi yaseFerrara eItali ebephanda ngendlela ezisebenza ngayo iiseli. UVukani! uye wadlan’ iindlebe naye ngezifundo zenzululwazi nangokholo lwakhe.

Khawusixelele ngemvelaphi yakho.

Utata wayethunga izihlangu, umama yena esebenza efama. Kodwa ke mna ndandifuna ukuba sisazinzulu. Ndandizithanda iintyatyambo ezintle, iintaka nezinambuzane endandidla ngokuzibona ekhaya. Ndandisithi zenziwe ngumntu olumke ngendlela engaqhelekanga.

Ngaba ubusoloko ukholelwa ukuba kukho uMdali?

Hayi. Eneneni ndaqalisa ukubuthandabuza ubukho bukaThixo kwandisengumntwana. Utata wam wabulawa yintliziyo ngesiquphe, nto leyo eyandenza ndazibuza ukuba, ‘Kutheni uMdali owenze izinto ezintle kangaka evumela abantu baxhwaleke baze bafe?’

Ngaba impendulo wayifumana kwezenzululwazi?

Andizange ndiphenduleke kwangoko. Ukuqala kwam ukuba sisazinzulu ndafunda ngokufa kweeseli zomzimba okuqhelekileyo. Oku kufa kweeseli kwahlukile koko kwenzeka ngengozi xa iiseli zingafumani igazi neoksijini eyaneleyo, nto leyo ebangela ukubola nokudumba. Izazinzulu bezikade zingaphandi kangako ngesizathu sokufa kweeseli okuqhelekileyo, nangona oku kubalulekile kwimpilo yethu.

Kubaluleke ngantoni ukufa kweeseli okuqhelekileyo?

Umzimba wethu ubunjwa zizigidi ngezigidi zeeseli ezincinane. Zonke kufuneka zimane zisifa kuze kuphinde kuvele ezinye. Amaxesha aphilwa ziintlobo ezahlukeneyo zeeseli awafani; ezinye iiseli zihlala nje iiveki ezimbalwa ukanti ezinye iba yiminyaka. Kufuneka iiseli zomzimba zife kuze kuvele ezinye kanye ngexesha elichanileyo  ukuze umntu akwazi ukuqhubeka ephila.

Unokuba yintoni umphumo?

Olunye uphando lubonisa ukuba xa iiseli zomzimba zingafi ngexesha ezifanele zife ngalo, umntu unokuba nesifo samathambo okanye umhlaza. Kwelinye icala, xa ezi seli zisifa ngaphambi kwexesha, oko kunokubangela idumbe (Parkinson’s disease) okanye isifo sokudodobala kwengqondo (Alzheimer’s disease). Ndenza uphando lokufumana indlela yokunyanga ezi zifo.

Wafumana ntoni ke ngokufunda kwakho ngokufa kweeseli?

Xa sitheth’ inyani ndadideka. Kuyacaca ukuba ngumntu ofuna sibe sempilweni lo wenza ukuba ezi seli zife kuze kuvele ezinye kanye ngexesha elifanelekileyo. Ngenxa yoko, ndashiyeka nalo mbuzo engqondweni yam, Kutheni abantu bexhwaleka baze bafe? Andizange ndiphenduleke.

Kodwa wawuqinisekile ukuba le nto yokufa nokuvela ngokutsha kweeseli yenziwa ngumntu othile.

Ewe. Iyamangalisa indlela entsonkothe ngayo yonke le nto, kodwa kwelinye icala indlela ezisebenza ngayo kakuhle iiseli ibonisa ubulumko obungaqhelekanga. Ndikholelwa ukuba bubulumko bukaThixo. Ndisebenzisa iimikroskopu ukuze ndifunde ngobu bugocigoci bulawula le nkqubo intsonkothileyo. Ngamanye amaxesha, iiseli zikhe zife ngemizuzwana xa kuyimfuneko. Nazo iiseli ziyancedisa xa zibulawa. Iyamangalisa indlela eyenziwe ngobuchule ngayo le nto xa iyonke.

Umntu unako ukuphila ngonaphakade kuba phantse zonke iiseli zethu ziyafa kuze kuphinde kuvele ezinye

Wawuzibuza ukuba kutheni uThixo evumela abantu baxhwaleke. Wazifumana njani iimpendulo?

Ngowe-1991, ndatyelelwa ngabafana ababini abangamaNgqina kaYehova ndaza ndababuza ukuba kutheni sisifa. Bandibonisa impendulo eBhayibhileni: “Isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono.” (Roma 5:12) UAdam ngewayephile ngonaphakade ukuba wayengazange one uThixo. Ndaqonda ngoko nangoko ukuba le mpendulo iyavisisana noko ndikufunde kuphando lwam. Kum kuyacaca ukuba xa uThixo wayedala abantu, wayengafuni bafe. Umntu unako ukuphila ngonaphakade kuba phantse zonke iiseli zethu ziyafa kuze kuphinde kuvele ezinye.

Yintoni eyakwenza wakholelwa ukuba iBhayibhile liLizwi likaThixo?

Ndafunda oko iBhayibhile ikutshoyo ngoThixo kwiNdumiso 139:16: “Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, yaye zonke iinxalenye zam zazibhalwe phantsi encwadini yakho.” Ekubeni ndisisazinzulu esifunda ngeeseli, ndiphanda ngemizila yemfuza ebhalwe kwiiseli zethu. Umdumisi yena wayazi njani le nto? Okukhona ndifunda iBhayibhile kwaba kokukhona ndiyibona ukuba nyhani iphefumlelwe nguThixo.

Uncedwe yintoni ukuze uqonde oko iBhayibhile ikufundisayo?

Elinye iNgqina likaYehova lacela ukundifundisa iBhayibhile. Ekugqibeleni, ndade ndasazi isizathu sokuba uThixo eyeka abantu batsale nzima. Kwakhona ndafunda ukuba iBhayibhile ithi uThixo uza “kuginya ukufa ngonaphakade.” (Isaya 25:8) Kuza kuba lula ukuba uMdali wethu enze iiseli zisebenze ngendlela efezekileyo ukuze sikwazi ukuphila ngonaphakade.

Ulusebenzise njani ulwazi lwakho lweBhayibhile ukuze uncede abanye?

Ngowe-1995 ndaba liNgqina likaYehova yaye ukususela ngoko bendixelela abanye ngezinto endizifunde eBhayibhileni. Ngokomzekelo, elinye ibhinqa endisebenza nalo lakhathazeka gqitha xa umntakwalo wazibulalayo. Icawa yalo ifundisa ukuba uThixo akamxoleli umntu ozibuleleyo. Kodwa ndalibonisa ithemba lovuko eliseBhayibhileni. (Yohane 5:28, 29) Lathuthuzeleka kakhulu lakuva ukuba uThixo usikhathalele. Izihlandlo ezinjengezi zindenza ndibone ukuba ukufundisa abantu iBhayibhile kundonwabisa ngaphezu kwenzululwazi.