Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 AMAZWE NABANTU

Ukutyelela ECameroon

Ukutyelela ECameroon

KUSENOKWENZEKA ukuba amaBaka—abizwa nangokuba ziiPygmies—yayingabantu bokuqala ukuhlala eCameroon. Emva koko, kwafika amaPhuthukezi ngeminyaka yee-1500. Kumakhulu eminyaka emva koko, amaFulani—amaSilamsi—athimba umntla weCameroon. Namhlanje, i-40 pesenti yabantu baseCameroon ithi ingamaKristu, i-20 pesenti ngamaSilamsi ize enye i-40 pesenti eseleyo ingene kwiicawa zomthonyama zaseAfrika.

AmaNgqina kaYehova apapasha iincwadi ezicacisa iBhayibhile ngesi-Bassa, ulwimi oluthethwa eCameroon

Abantu abahlala kwiilali zaseCameroon banobubele. Iindwendwe zingeniswa endlini zize zinikwe amanzi nento esiwa phantsi kwempumlo. Ukungakwamkeli ukutya sisithuko, yaye ukukwamkela kubonisa ukuba uyamxabisa umninimzi.

Incoko uyiqalisa ngokubulisa amalungu entsapho nangokubuza impilo. Kufuneka ude ubuze nangempilo-ntle yezilwanyana! UJoseph ongummi womthonyama waseCameroon uthi: “Xa uvalelisa, akwanelanga  ukuthi, ‘Nisale kakuhle.’ Umninimzi udla ngokukukhapha ngencoko. Kuya kuthi ke endleleni, avalelise aze agoduke. Undwendwe olungakhatshwayo lusenokuziva lungamkelekanga.”

Amaphenyane axhaphakile kwi-Sanaga River. Iiseyile zenziwa nangantoni na efumanekayo

Xa besitya, abahlobo badla ngokutyela esityeni esinye—de batye ngezandla ngamanye amaxesha. ECameroon, olu luphawu lomanyano. Ngamanye amaxesha, le nto ide yenziwe xa kuvuselelwa ubuhlobo obuye baphola ngasizathu sithile. Singathi ukutyela esityeni esinye kufana nokuthi, “Ngoku sixolelene.”

AmaNgqina kaYehova, abapapashi beli phephancwadi, anamabandla angaphezu kwama-300 eCameroon yaye aqhuba izifundo zeBhayibhile ezingaphezu kwama-65 000 kwela lizwe