Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Eyoku-1—Yitya Ukutya Okunesondlo

Eyoku-1—Yitya Ukutya Okunesondlo

“Yitya, kodwa musa ukutya kakhulu. Yitya imifuno emininzi.” Umbhali uMichael Pollan walishwankathela ngaloo mazwi icebiso elilula eliphathelele ukutya ukutya okunesondlo. Wayethetha ukuthini?

Yitya ukutya okuphekiweyo. Yitya ukutya obekutyiwa ngabantu kangangeenkulungwane kunokuba utye ukutya kwanamhlanje njengoko kusezinkonkxeni. Ukutya okuthengiswa sele kuvuthiwe kudla ngokuba neswekile, ityuwa namafutha amaninzi zinto ezo ezinxulunyaniswa nesifo sentliziyo, ukufelwa licala, umhlaza nezinye izifo. Zama ukukubilisa ukutya xa ukupheka kunokuba ukuqhotse ngamafutha. Sebenzisa ezinye izinongo ukuze unciphise ukusebenzisa ityuwa. Qiniseka ukuba utya inyama evuthiweyo yaye ungaze utye ukutya okubolileyo.

Musa ukutya kakhulu. IWorld Health Organization ithi ehlabathini lonke liyanda inani labantu abatyebileyo nabatyebe ngokugqithiseleyo yaye oko kudla ngokubangelwa kukutya kakhulu. Olunye uphando lwafumanisa ukuba kwamanye amazwe aseAfrika “baninzi abantwana abatyebileyo kunabo bangondlekanga.” Abantwana abatyebe ngokugqithiseleyo basengozini yokuba neengxaki zempilo kuquka isifo seswekile, ngoku nakwikamva. Bazali, miselani abantwana benu umzekelo ngokungatyi kakhulu.

Yitya imifuno neziqhamo ezininzi. Yitya iziqhamo ezahlukahlukeneyo, imifuno nokutya okuziinkozo kunokuba utye inyama nestatshi. Ukuba uqhele ukutya inyama, zama ukutya intlanzi kanye okanye kabini ngeveki endaweni yenyama. Nciphisa izinga okutya ngalo ukutya okunjengepasta, isonka esimhlophe nerayisi emhlophe, kuba oko kutya akunasondlo. Kodwa ke kuphephe ukuzibaxa izinto. Bazali khuselani impilo yabantwana benu ngokubafundisa ukuba bathande ukutya okusempilweni. Ngokomzekelo, kunokuba nibathengele iichips okanye iilekese, bapheni amandongomane, iziqhamo nemifuno.

Sela amanzi amaninzi. Abazali nabantwana kufuneka basele amanzi amaninzi nezinye iziselo ezingenaswekile yonke imihla. Wasele kakhulu ingakumbi xa kutshisa, usebenza nzima naxa usenza umthambo. Iziselo ezinjalo zinceda inkqubo yokucola ukutya, zicoca umzimba kwiityhefu, ziphucula ulusu yaye zinciphisa nomzimba. Zikunceda uzive uze ubonakale usegazini. Kuphephe ukubusela ngokugqithiseleyo utywala neziselo ezineswekile eninzi. Ukusela isiselo esihlwahlwazayo sibe sinye ngosuku kunokukwenza utyebe ngeekhilogram ezisixhenxe ngonyaka.

Kwamanye amazwe kunzima ukufumana amanzi acocekileyo yaye kubiza imali eninzi. Sekunjalo, ukusela amanzi kubalulekile. Amanzi angacocekanga kufuneka abiliswe okanye afakwe amayeza. Kuthiwa baninzi abantu ababulawa ngamanzi angacocekanga kunabo bafa emfazweni okanye kwiinyikima; amanzi angcolileyo kuthiwa abulala abantwana abangama-4 000 ngosuku. IWorld Health Organization ithi iimveku zifanele zincanciswe ibele kuphela kwiinyanga ezintandathu zokuqala zizelwe, zize emva koko ziqhubeke zincanca ibele zize zitye nokunye ukutya de zibe neminyaka emibini.