Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Phucula Impilo Yakho

Phucula Impilo Yakho

NGABA uyamkhumbula uRam ekuthethwe ngaye kwinqaku lokuqala lolu ngcelele? Njengabanye abantu abaninzi ehlabathini, uRam wayengayazi indlela okubaluleke ngayo empilweni yakhe ukutya ukutya okunesondlo kunye nokuphila ngendlela efanelekileyo. Uthi: “Inqaku elinomxholo othi ‘Unako Ukukufumana Ukutya Okunezondlo’ elikuVukani! (Meyi 8, 2002) landinceda ndakubona ukubaluleka kokutya ukutya okunesondlo.”

URam uthi: “Njengentsapho sazama ukusebenzisa oko sakufunda kweli nqaku. Ekuhambeni kwexesha inkqubo yokulwa nezifo yemizimba yethu yomelela. Ngaphambi kokuba sikukhethe ngobulumko ukutya esikutyayo sasidla ngokungenwa lula ngumkhuhlane kodwa ngoku asisafane sibe nawo. Kwakhona sancedwa linqaku elithi ‘Six Ways to Safeguard Your Health.’ elikuVukani! wesiNgesi kaSeptemba 22, 2003, ukuze sifunde indlela elula nengabizi mali yokufumana amanzi okusela acocekileyo.”

“Elinye inqaku likaVukani! elandinceda ndaphucula impilo yentsapho yam. Lalinomxholo othi ‘Isepha—“Isithinteli-kugula Onokusisebenzisa Ngokwakho,”’ lalikwinkupho kaNovemba 22, 2003. Sawasebenzisa amacebiso akweli nqaku emva nje kokuba siwafundile. Ngoku asisakhathazwa ngamehlo njengangaphambili.

“Abantu bendawo esihlala kuyo abazikhathalelanga iimpukane neengcongconi ezibhuza apho. Kodwa intsapho yethu yafunda kwividiyo ethi The Bible—Its Power in Your Life, * ukuba sifanele sizilumkele ezo zinambuzane. Kwakhona le nkcazelo iye yasinceda sahlala sisempilweni.”

Unganikezeli! Ukuze uphumelele xa usenza naluphi na utshintsho ekufuneka ulwenzile, kufuneka ulwenze ngokuthe ngcembe yaye ungazibekeli usukelo ongenakulufikelela. Ngokomzekelo, zama ukungakutyi kakhulu ukutya okungenasondlo kunokuba ukuyeke ngokupheleleyo. Zama ukulala kwangethuba uze wenze nomthambo. Ukwenza okuthile akufani nokuhlala nje. Kudla ngokuthatha ixesha—iiveki okanye iinyanga—ngaphambi kokuba umkhwa omhle uqheleke. Ukuba akukho miphumo uyibonayo kwimigudu oyenzayo, unganikezeli. Ukuba uyaqhubeka, impilo yakho iya kuphucuka.

Kweli hlabathi lingafezekanga akusoze kwenzeka ukuba ubani angabikwa hlaba. Xa ugula asikuko ukuba akukhathali kodwa kungenxa yokungafezeki. Ngoko ke, musa ukuvumela nantoni ukuba ikuxinezele. UYesu wathi: “Ngubani na kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ikubhite kubude bobomi bakhe?” (Luka 12:25) Kunoko, zama ukuphepha izinto eziyingozi empilweni yakho. Ukwenjenjalo kuya kukunceda ube sempilweni de ibe yimini apho kwihlabathi likaThixo elitsha kungekho ‘mmi oya kuthi: “Ndiyagula.”’—Isaya 33:24.

^ isiqe. 5 Iveliswe ngamaNgqina kaYehova.