Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Eyesi-3—Yenza Umthambo

Eyesi-3—Yenza Umthambo

“Ukuba ukwenza umthambo bekuyipilisi, ibiza kuba yeyona pilisi inikwa abantu ngoogqirha ehlabathini.” (IEmory University School of Medicine) Kuzo zonke izinto esizenzayo ukuze sibe sempilweni zimbalwa eziluncedo njengokwenza umthambo.

Zimisele. Ukwenza umthambo kunokukwenza wonwabe, ukwazi ukucinga, ube namandla, ukhuthale yaye kona kunye nokutya kakuhle kunokukwenza ukwazi ukulawula ubungakanani bomzimba. Umthambo akufuneki ubaxwe ukuze usebenze. Ukwenza umthambo ngamaxesha athile evekini kunokuba yingenelo.

Ukunkcunkca, ukuhamba ngokukhawuleza, ukukhwela ibhayisekile nokudlala imidlalo—ukuze intliziyo yakho ibethe ngokukhawuleza nokuze ubile—kunokwenza ungakhawulezi udinwe kuze kuthintele ukuhlaselwa sisifo sentliziyo nokufelwa licala. Ukwenza umthambo, nokuphakamisa iintsimbi kunokukunceda uqinise amathambo, izihlunu, iingalo nemilenze. Kwakhona ukwenza umthambo kunceda inkqubo yakho yokucola ukutya isebenze kakuhle nto leyo elawula ubungakanani bomzimba.

Unokukuthanda ukwenza umthambo

Hamba. Ukwenza umthambo kuyingenelo enoba umdala kangakanani yaye akunyanzelekanga ukuba ube lilungu leqela elithile lomthambo. Ukuhamba ngeenyawo kunokusebenzisa imoto, ibhasi okanye ikhetshi linyathelo ofanele ulithabathe. Hamba ngeenyawo kunokuba usebenzise imoto. Bazali, khuthazani abantwana benu ukuba badlale imidlalo yangaphandle. Imidlalo enjalo yomeleza imizimba yabo ize iyenze ikwazi ukusebenza kakuhle nto leyo engakwaziyo ukwenzeka xa bedlala imidlalo behleli phantsi, njengemidlalo yevidiyo.

Enoba uqale umdala kangakanani, unokungenelwa ngokwenza umthambo. Ukuba umdala okanye uneengxaki zempilo yaye ubukade ungenzi mthambo, kuya kuba kuhle ukuba uthethe nogqirha ngaphambi kokuba uqalise umthambo. Kodwa ke wenze! Umthambo owenziwa ngokuthe ngcembe nongabaxwayo unokunceda nabona bantu badala balondoloze izihlunu namathambo abo. Kwakhona kunokubanceda bangawi lula.

URustam ekuthethwe ngaye kwinqaku lokuqala kolu ngcelele wancedwa kukwenza umthambo. Kwiminyaka esixhenxe edluleyo, yena nenkosikazi yakhe baqalisa ukubaleka ntsasa nganye iintsuku ezintlanu ngeveki. Uthi: “Ekuqaleni sasidla ngokukhangela izizathu zokungavuki. Kodwa ukubakho komntu obaleka naye kwasikhuthaza. Ngoku sibaleka rhoqo yaye siyakuthanda.”