Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele epheleleyo ifumaneka ngeelwimi ezingama-43, kukho nemibhalo emi-3 yeBraille; iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ifumaneka ngeelwimi ezongezelelekileyo ezili-18, kukho nombhalo omnye weBraille. Ukususela ngoJulayi 2007, kushicilelwe imibhalo engama-43 458 577.

Eyona ndinyana indala yaziwayo yeBhayibhile yileyo ibizwa ngokuba yiNtsikelelo Yombingeleli efumaneka kwiNumeri 6:24-26. Yayibhalwe kumakhubalo amabini esilivere, amilise okwemisongo, awabakho ngasekupheleni kwenkulungwane yesixhenxe okanye ekuqaleni kwenkulungwane yesithandathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo.—BIBLICAL ARCHAEOLOGY REVIEW, U.S.A.

Ukususela ngoDisemba 31, 2006, iilwimi ekuye kwasasazwa ngazo incwadi enye yeBhayibhile ziye zanda zaya kutsho kuma-2 426—kongezeleleke ezingama-23 xa kuthelekiswa nonyaka ongaphambili.—UNITED BIBLE SOCIETIES, BRITANI.

Bamalunga nama-28 ekhulwini abantu baseMerika abagqala iBhayibhile “njengelizwi likaThixo . . elifanele lamkelwe njengoko linjalo,” abangama-49 ekhulwini bayigqala “njengelizwi likaThixo eliphefumlelweyo kodwa akufanele kwamkelwe yonke into ebhalwe kulo njengoko injalo,” abali-19 ekhulwini bayigqala “njengencwadi yeentsomi.”—GALLUP NEWS SERVICE, U.S.A.

Ngaba Le Yeyona Bhayibhile Indala YesiTshayina?

“Eyona ngxelo yakudala ephathelele inguqulelo yesiHebhere yeBhayibhile yesiTshayina ifumaneka kwilitye [elingasekhohlo] elamiswa apha ngowama-781 CE,” utsho njalo umphengululi uYiyi Chen, weYunivesithi yasePeking. Eli litye, elamiswa nguNestorian Christians, lafunyanwa kwisixeko saseXi’an ngowe-1625. “NgesiTshayina, igama leli litye likroliweyo liguqulelwa ngokuthi ‘iSikhumbuzo Sokuqalisa Kokukhanya Konqulo LwaseDaqin ETshayina’ (. . . IDaqin ligama lesiTshayina elithetha uBukhosi baseRoma),” utsho njalo lo kaChen. “Phakathi koonobumba besiTshayina ababhalwe kweli litye, kukho amagama athi ‘imibhalo yokwenene’ nathi ‘ukuguqulela iBhayibhile.’”

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 30]

© Réunion des Musées Nationaux/Art Resource

Ubuncwane Obafunyanwa Emgxobhozweni

Ngowama-2006, kwafunyanwa incwadi yeeNdumiso kumgxobhozo waseIreland, ekucingelwa ukuba yayikho kwakwinkulungwane yesibhozo yeXesha Eliqhelekileyo. Lo mbhalo-ngqangi wesiLatin, ongomnye wemibhalo-ngqangi embalwa esekhoyo, ugqalwa njengobuncwane. Amaphepha awo amalunga ne-100 enziwe ngesikhumba sesilwanyana, omelele. IThe Times yaseLondon, ithi: “Imicu yemethi owawufihlwe kuyo nebhegi eyenziwe ngesikhumba owawufakwe kuyo ibonisa ukuba le ncwadi yeendumiso yayifihlwe ngenjongo, mhlawumbi kusenzelwa ukuba ingabonwa ngamadoda aseScandinavia awayegqogqa kwiminyaka eli-1 200 eyadlulayo.” Nangona amaphepha ayo enamathelene yaye eneendawo ezibolileyo, iingcali ziqinisekile ukuba ziza kukwazi ukuwahlukanisa zize ziwalondoloze.

Ubungqina Obuvela Kwezamandulo

Phakathi kwemfumba yomhlaba ekuthiwa yembiwa kwinxuwa elalinetempile yaseYerusalem, abembi bezinto zakudala bafumana amawaka-waka ezixhobo ezazikho ngaphambi kwexesha lamaSirayeli nezo zikhoyo kweli xesha siphila kulo. Esinye sazo yincam yohlobo lotolo olwalusetyenziswa ngumkhosi kaNebhukadenetsare, owatshabalalisa itempile yokuqala yamaYuda eyayikwelo nxuwa. Eyona nto ibangel’ umdla litywina lodongwe, elalikho kwangenkulungwane yesixhenxe okanye yesithandathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, ekuthiwa kubhalwe kulo igama lesiHebhere elithi Gedalyahu Ben Immer Ha-Cohen. Ngokutsho kukaGabriel Barkai ongumembi wezinto zakudala, “kusenokwenzeka ukuba lo yayingumntakwabo Pashure Ben Imere, lowo iBhayibhile [kuYeremiya 20:1] imchaza njengombingeleli negosa letempile.”