Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Ndifanele Ndiphile Ngemilinganiselo YeBhayibhile?

Kutheni Ndifanele Ndiphile Ngemilinganiselo YeBhayibhile?

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Kutheni Ndifanele Ndiphile Ngemilinganiselo YeBhayibhile?

USESIKOLWENI yaye utya isidlo sasemini kunye namantombazana amabini ofunda nawo. Enye kuwo ijonge inkwenkwe ethile esandul’ ukufika.

Enye ithi kuwe: “Iyakuthanda. Ndibona kanye ngendlela ekujonge ngayo. Ithe phithi nguwe!”

Enye ikuhlebela endlebeni isithi: “Uyazi yintoni? Ayinantombi!”

Le ntombazana yokuqala ithi: “Okubuhlungu kuba mna sele ndithandana. Mna bendiya kuziphosa kuyo!”

Le ntombazana yokuqala ithetha into ongathandiyo ukuyiva.

“Kutheni ungenamntu uthandana naye nje?”

Ubuwulindele loo mbuzo. Enyanisweni, uyakufuna ukuthandana. Kodwa uye waxelelwa ukuba ufanele ulinde de ukulungele ukutshata ngaphambi kokuba uqalise ukuthandana. Kuphela nje kungenxa . . .

“Yicawa yakho, andithi?” itsho enye intombazana.

Ucinga oku, ‘Yho undibeth’ emlonyeni!’

Iyakugculela: “Wena usoloko ucinga nje ngeBhayibhile, ayikho enye into. Kutheni ungakhe wonwabe nje?”

Ngaba wakha wazifumanisa ukwimeko efanayo—ugculelwa kuba ufuna ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile? Wasabela njani?

◼ Ngokuzithemba wayimela imilinganiselo yakho yokuziphatha.

◼ Ungakhululekanga, kodwa wachaza iinkolelo zakho kangangoko kunokwenzeka.

◼ Wabona ukuba abahlobo bakho basesikolweni bachanile—ufanele nawe wonwabe!

Ngaba wakha wazibuza, ‘Ngaba ikho ingenelo yokuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile?’ Wayecinga njalo uDeborah oselula. * Uthi: “Iintanga zam zazinokwenza nantoni na eziyifunayo. Kwakubonakala ngathi akukho mntu uza kuziphendulisa. Imilinganiselo yeBhayibhile yayingathi ingqongqo gqitha. Kwakungathi kumnandi ukuphila ubomi obukhululekileyo babahlobo bam basesikolweni.”

Ngaba Kuphosakele Ukuzibuza?

Umbhali weBhayibhile uAsafu wakha wazibuza enoba kuyingenelo kusini na ukuphila ubomi bokukholisa uThixo. Wabhala: “Ndabamonela abaqhayisi, xa ndandibona uxolo lwabantu abangendawo.” Wada wathi: “Ngokuqinisekileyo kulilize ukuyihlambulula kwam intliziyo yam nokuhlamba kwam izandla zam ngobumsulwa.”—INdumiso 73:3, 13.

Kakade ke, uYehova uThixo uyaqonda ukuba maxa wambi abantu banokuzibuza ngokubaluleka kokuphila ngemilinganiselo yakhe. Ngapha koko, wazibhala eBhayibhileni iingcinga zika-Asafu. Ekugqibeleni, uAsafu wabona ukuba ukuphila ngomthetho kaThixo yeyona ndlela iphambili ebomini. (INdumiso 73:28) Wafikelela njani kweso sigqibo? UAsafu wayenobulumko. Wenza isigqibo, kungekhona ngokubandezeleka, kodwa ngokufunda kwiimpazamo zabanye. (INdumiso 73:16-19) Ngaba ungenza okufanayo?

Ukufunda Kwimizekelo Yabanye

Ngokungafaniyo noAsafu, uKumkani uDavide wafunda kabuhlungu ukuba abo baphula imilinganiselo kaThixo bayenzakala. UDavide wakrexeza nomfazi womkhonzi wakhe waza wazama ukuyifihla loo nto. Ngenxa yoko, wavisa abanye ubuhlungu, kuquka uThixo, waza wabandezeleka. (2 Samuweli 11:1–12:23) Emva kokuba uDavide eguqukile, uYehova wamphefumlela ukuba avakalisa iimvakalelo zakhe kwingoma waza waqiniseka ukuba loo mazwi agcinwe eBhayibhile ukuze kungenelwe thina. (INdumiso 51:1-19; Roma 15:4) Ngoko kububulumko yaye kuyavisisana neZibhalo ukufunda kwiimpazamo zabanye.

Ukuze ukwazi ukuxelisa umzekelo ka-Asafu uze uphephe iimpazamo zikaDavide, khawuhlolisise amagqabaza olunye ulutsha kumazwe ahlukahlukeneyo olwakhe lwayigatya imilinganiselo yeBhayibhile. Lwabandakanyeka ekuziphatheni okubi ngokwesini ngaphambi komtshato. NjengoDavide, lwaguquka kwiimpazamo zalo lwaza lwaba nokuma okuhle noThixo. (Isaya 1:18; 55:7) Khawuve amagqabaza alo.

UVukani!: Yintoni eye yaphembelela indlela ocinga ngayo nezenzo zakho?

UDeborah: “Esikolweni wonke umntu wayethandana, yaye babekhangeleka bonwabile. Xa ndandichitha ixesha nabo ndize ndibabone bephuzana yaye besangana, ndandiba nomona ndize ndizive ndililolo. Ndandidla ngokucinga ngomfana othile endandimthanda. Oku kwandenza ndafuna ukuba kunye naye ndize ndenze nantoni na ukuze ndanelise loo mnqweno.”

UMike: “Ndandifunda iincwadi yaye ndibukela iinkqubo ezikhuthaza ukuziphath’ okubi. Ukuthetha ngesini nabahlobo bam kwandenza ndafuna ukwazi okungakumbi. Kwandula ke, xa ndandikunye nenye intombazana sodwa, ndacinga ukuba ndingasondelelana nayo ngaphandle kokuba neentlobano zesini kunye nayo, ndize ndiyeke izinto zingekahambeli phambili kakhulu.”

UAndrew: “Ndandidla ngokubukela imifanekiso ebonisa amanyala kwi-Internet. Ndaqalisa ukuzintyintya ngotywala. Yaye ndandihamba amatheko kunye nolutsha olungayihloneliyo imilinganiselo yokuziphatha yeBhayibhile.”

UTracy: “Xa ndandineminyaka eli-16, eyona nto yayibalulekile kum kukuchitha ixesha nesithandwa sam. Ndandisazi ukuba kwakuphosakele ukuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato, kodwa ndandingakuthiyanga. Ndandingazimiselanga ukuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato, kodwa iimvakalelo zam zandoyisa. Kangangethuba, isazela sam sasingasasebenzi.”

UVukani!: Ngaba yayikonwabisa indlela owawuphila ngayo?

UDeborah: “Ekuqaleni, ndandiziva ndikhululekile yaye ndandivuyiswa kukuba ekugqibeleni ndide ndafana noontanga. Kodwa ezo mvakalelo azikhange zibekho thuba lide. Ndaqalisa ukuziva ndingcolile, ndingekho nyulu, ndingaxabisekanga. Ndandizisola ngeyona ndlela ekubeni ndingekho nyulu, nto leyo endingasoze ndikwazi ukuyiguqula. Ukususela ngoko, ndandidla ngokuzibuza, ‘Bendicinga ntoni?’ Yaye owona mbuzo ndandizibuza wona kukuba, ‘Kwakutheni ukuze ndigatye imilinganiselo ethandekayo kaYehova?’”

UMike: “Ndandivakalelwa kukuba ndiphulukene nokuthile. Ndaqalisa ukuyibetha ngoyaba indlela izenzo zam ezibachaphazela ngayo abanye, kodwa andizange ndikwazi. Kwandivisa ubuhlungu ukubona ukuba ukufuna kwam ulonwabo kwakubakhathaza abanye. Kwakungehli nobuthongo. Ekugqibeleni, ndandingasonwatyiswa kukuziphath’ okubi, kodwa ndandisentlungwini yaye ndilusizi.”

UAndrew: “Kwakusiba lula nangakumbi ukwanelisa iminqweno ephosakeleyo. Kodwa kwangaxeshanye, ndandiziva ndinetyala yaye ndingonwabanga.”

UTracy: “Kungekudala ndajamelana nentlungu. Ukuziphatha okubi kwandihlutha ubutsha bam. Ndandicinga ukuba mna nesithandwa sam sasiza konwaba. Asizange sonwabe. Ekugqibeleni sabangelana intlungu. Ndandichitha ubusuku ndilila, ndinqwenela ukuba ngendandenze izinto ngendlela kaYehova.”

UVukani!: Ungathini kulutsha oluzibuza enoba imilinganiselo yeBhayibhile yokuziphatha ingqongqo kusini na?

UDeborah: “Akusayi kuphila ubomi obubhetele kuba utyeshela imilinganiselo yeBhayibhile. Cinga ngendlela aya kuvakalelwa ngayo uYehova ukuba ubulandela icebiso lakhe. Cingisisa nzulu nangemiphumo yokutyeshela isiluleko sakhe. Khumbula, izenzo zakho azichaphazeli wena kuphela. Ziya kuchaphazela nabanye. Yaye ukuba uyalityeshela icebiso likaThixo, uya kuzenzakalisa.”

UMike: “Liyinyaniso elokuba, kusenokubonakala ngathi oontanga bakho baphila kamnandi. Kodwa khawukhe uyiqwalasele ngokwenene imeko yabo ngaphambi kokuba ubaxelise. Phakathi kwezinye izinto ezibalulekileyo uYehova akuphe zona sisidima nobunyulu. Ukulahlekelwa zezo zipho kuba nje ungakwazi ukuzibamba, kukuzithoba isidima. Thetha nabazali bakho kunye nabantu abaqolileyo ngeengxaki zakho. Xa wenze impazamo, thetha ngayo uze uyilungise. Xa usenza izinto ngendlela kaYehova, uya kuba noxolo.”

UAndrew: “Xa ungenamava ucinga ukuba oontanga bakho baphila kamnandi. Baya kukuphembelela. Ngoko bakhethe ngobulumko abahlobo bakho. Thembela kuYehova ukuze ungazisoli.”

UTracy: “Ungazikhohlisi uthi, ‘Ayisoze yenzeke kum.’ Umama wandixelela ukuba indlela endiphila ngayo iza kundenzakalisa. Yandicaphukisa loo nto. Ndandicinga ukuba ndazi bhetele. Kanti ndiyazikhohlisa. Phila ngemilinganiselo kaYehova uze unxulumane nabantu abaphila ngayo. Uya konwaba ngaloo ndlela.”

Imilinganiselo YeBhayibhile—Ngaba Ingqongqo Gqitha Okanye Iyakhusela?

Ukuba oontanga bayakugculela kuba uzama ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile, zibuze le mibuzo: Kutheni bengafuni ukuphila ngemilinganiselo yokuziphatha eseBhayibhileni? Ngaba bakhe bayifunda iBhayibhile baza babona indlela ekuyingenelo ngayo ukuthobela imithetho kaThixo? Ngaba bakhe bayiqwalasela ngokwenene imiphumo yokugatya loo milinganiselo? Okanye, ngaba benza nantoni na eyenziwa ngabanye?

Kusenokwenzeka ukuba uyabazi abantu ‘abalandela isihlwele.’ (Eksodus 23:2) Ngaba akufuni ukuzenzela izigqibo ezibhetele kunoko? Unokukwenza njani oko? Ngokuthobela icebiso eliseBhayibhileni lokuba ‘ukungqine ngokwakho ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.’ (Roma 12:2) UYehova ‘nguThixo onoyolo’ yaye ufuna nawe wonwabe. (1 Timoti 1:11; INtshumayeli 11:9) Imilinganiselo ayibhale eBhayibhileni uyibhalele ukuba kungenelwe wena. Liyinyaniso elokuba, unokuzibona zingqongqo gqitha kangangokuba uzive uhluthwe inkululeko. Kodwa eneneni, imilinganiselo yokuziphatha yeBhayibhile iyakhusela njengebhanti elisemotweni elikhusela abantu abakhwele kuyo.

Ngokuqinisekileyo, unako ukuyithemba iBhayibhile. Ukuba ukhetha ukuphila ngemilinganiselo yayo, akusayi kuvuyisa uYehova kuphela kodwa nawe uya kungenelwa.—Isaya 48:17.

Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . ” afumaneka kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 17 Amagama kweli nqaku aye atshintshwa.

OMELE UCINGE NGAKO

◼ Yintoni enokwenza kube nzima ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile?

◼ Kutheni ufanele uzibonele ngokwakho ukuba ukuphila ngemilinganiselo kaThixo yeyona ndlela ibhetele?