Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Unokusithemba Isiluleko EsiseBhayibhileni?

Ngaba Unokusithemba Isiluleko EsiseBhayibhileni?

Ngaba Unokusithemba Isiluleko EsiseBhayibhileni?

‘Ngaba ndifanele ndiyikholelwe le nto ndiyixelelwa ngulo mntu?’ Unokuzibuza lo mbuzo xa umntu othile ezama ukukuthengisela imoto endala okanye xa umntu wezobupolitika ethembisa izinto ezithile kuba efuna ukuvotelwa. Akufuni kuchitha imali okanye ixesha kwizinto okanye kwinkcazelo engabalulekanga.

NGOKUFANAYO unokuzibuza: ‘Ngaba iBhayibhile inokuthile okuyingenelo endingakufunda? Ukuba ndiyayifunda, ngaba ndiza kungenelwa ngexesha endilichithileyo nomgudu endiwenzileyo?’ Indinyana ethile eseBhayibhileni iyasinceda sikwazi ukuphendula le mibuzo: “Ubulumko bungqineka bububulungisa ngemisebenzi yabo.” (Mateyu 11:19) Ewe, umphumo abantu abawufumanayo ngokusebenzisa isiluleko esithile, okanye “ubulumko” ubonisa enoba eso siluleko siyingenelo kusini na. Ngezantsi kukho amava abantu abaye bazipha ixesha lokufunda iBhayibhile. Oko bakuthethayo kuya kukunceda ugqibe enoba ufanele uyifunde le ncwadi ikhethekileyo kusini na.

Imibuzo Ngokufa Nasemva Koko

Kwiminyaka edluleyo, uKaren wafelwa ngunina. Kwasebuntwaneni uKaren, ohlala eUnited States, wayekholelwa ukuba bonke abantu abalungileyo baya ezulwini. Le nkolelo yayingamthuthuzeli kangako. Wayezibuza: ‘Unjani umama ekubeni ngoku esezulwini? Ndiza kumfumana njani xa ndifika apho, ukuba ndiyaya phofu? Xa ndisifa ngaba ndiza kuphelela kwenye indawo mhlawumbi?’

UKaren waqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Wafunda ukuba abafileyo abakho zulwini kodwa bafana nokuba balele ubuthongo. INtshumayeli 9:5 ithi: “Abazi nto konke konke.” Kodwa ngaba uya kuze ambone unina kwakhona?

La mazwi alandelayo aseBhayibhileni amthuthuzela aza amnika ithemba: “Musani ukumangaliswa koku, kuba liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi [likaKristu] baze baphume.” (Yohane 5:28, 29) UKaren wafunda ukuba ngoNyana wakhe, uThixo weBhayibhile uza kubavusela apha emhlabeni abafileyo. Wathi: “Oko kufundiswa yiBhayibhile ngokufa novuko kusengqiqweni.”

Yiyiphi Indlela Efanelekileyo Yokunqula?

Xa uAngela, intwazana yaseRomania, wayeneminyaka eli-14, umfundisi weCawa Yomoya wamthandazela ukuba afumane umoya oyingcwele waza waqalisa ukuthetha ngeelwimi. Kodwa abazali bakhe babevakalelwa kukuba iimfundiso zeeCawa Zomoya azivisisani neBhayibhile. Intsapho yakowabo yayeka ukuya ecaweni yaza yaqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova.

Nangona wayedanile ekuqaleni, kungekudala uAngela wabona umahluko phakathi kwezinto ebezisenziwa ecaweni yakhe neemfundiso zeBhayibhile. Ngokomzekelo, wafunda uYohane 17:3 othi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” UAngela waqonda ukuba abo bafuna ukumkholisa uThixo bamele kuqala babe nolwazi ngaye. Wabuza: “Ndandiza kuwufumana njani umoya kaThixo ngendlela ekhethekileyo ekubeni ndandingazi kwanto ngaye?” UAngela uthi, “Ndiyambulela uYehova ngokundinceda ndifumane unqulo lokwenyaniso ngeLizwi lakhe eliphefumlelweyo.”

Isiluleko Esiguqula Ubomi

UGabriel waseIndiya uthi: “Ndandidla ngokuba nomsindo. Xa ndicaphukile, ndandidla ngokungxola, ndiphose izinto ndize ndibethe nabantu. Ukufunda iBhayibhile kwandinceda ndakwazi ukulawula umsindo wam. Kwanaxa izinto zingentle, ngoku ndiyakwazi ukuzibamba.”

UGabriel wafunda iindinyana ezinjengeMizekeliso 16:32 ethi: “Ozeka kade umsindo ulunge ngakumbi kunendoda enamandla, yaye owulawulayo umoya wakhe ungaphezu kothimba isixeko.” UDhiraj, enye indoda eyakwaziyo ukulawula umsindo wayo, uthi, “Le ndinyana nam yandinceda ndabona ukuba ukuvutha ngumsindo kububuthathaka, ngoxa ukuwulawula kubonisa amandla.”

UPhilip wayesisihange eMzantsi Afrika. Wayethanda ukulwa, ukuphanga nokuthetha krwada. Wavalelwa entolongweni ngenxa yokwaphula umthetho. Kodwa phezu kwayo nje indlela yakhe yokuphila, uPhilip wayefuna ukumazi uThixo. Emva kokuqala ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova, wayefuna ukumkhonza uThixo waza wagqiba kwelokuba aphucule ubomi bakhe. Wayiyeka imikhwa yakhe emibi waza wahlukana nabahlobo bakhe abazizaphuli-mthetho. Yiyiphi inyaniso yeBhayibhile eyamnceda ukuba enze utshintsho olunjalo?

AmaNgqina kaYehova ambonisa amazwi kaYesu afumaneka kuYohane 6:44, athi: “Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo, amtsale.” UPhilip uthi: “UYehova wabona okuhle kum waza wanditsalela kubantu bakhe.” Kwakhona uPhilip wafunda eBhayibhileni ngokubonakalisa kukaYehova inceba kubenzi bobubi abaguqukayo. UPhilip uthi: “Ezi ngxelo zandinceda ndayibona indlela esengqiqweni uYehova aqhubana ngayo nabantu abangafezekanga abaguqukayo.”—2 Samuweli 12:1-14; INdumiso 51.

Omnye umfana waseOstreliya ogama linguWade wayebusebenzisa kakubi utywala neziyobisi, engcakaza yaye eziphethe kakubi ngokwesini namabhinqa ahlukahlukeneyo. Kodwa wayengonwabanga. Ngenye imini wancokola namaNgqina kaYehova waza wamkela isifundo seBhayibhile sesisa. Wafunda ntoni uWade?

UWade uthi: “Ndachukunyiswa yindlela uYesu awayebaphethe ngayo abanye. Wayebaphatha ngobubele abantu, enemfesane yaye ebathanda, kuquka abantwana. Okukhona ndifunda ngaye, kokukhona ndimthanda. IBhayibhile yandifundisa indlela yokuba yindoda yokwenene nendlela yokuphucula ubuntu bam.” Kodwa kuthekani ngazo zonke izinto ezimbi ebezenza? UWade uqhubeka esithi: “IBhayibhile indifundise ukuba xa ndiguquka kwizono zam ndize nditshintshe ikhondo lam, uThixo uya kundixolela. Enyanisweni, ndingaphila ngonaphakade kwiparadesi esemhlabeni. Ekugqibeleni, ndikhangele phambili kwikamva!” (Mateyu 5:5) UWade walungisa indlela aphila ngayo yaye ngoku ukhonza uYehova enesazela esicocekileyo.

La mazwi osandul’ ukuwafunda avela kubantu ababefuna ukuphucula ubomi babo. Bafunda iBhayibhile ukuze babone enoba iimfundiso zayo zinokubanceda kwiingxaki zabo ize iphendule nemibuzo yabo. Imiphumo emihle abaye bayifumana iyabaqinisekisa kuba banokuthembela kulwalathiso olusebenzayo lweBhayibhile. Nawe unokwenjenjalo.

Amazwi aphefumlelweyo akudala athi: “Unoyolo umntu ofumene ubulumko, nomntu ozuze ukuqonda, kuba inzuzo yabo ilunge ngakumbi kunenzuzo yesilivere nemveliso yabo kunegolide. Buxabiseke ngakumbi kuneekorale, nazo zonke ezinye izinto oyoliswa zizo azinakulinganiswa nabo. Imihla emide isesandleni sabo sasekunene; esandleni sabo sasekhohlo bubutyebi nozuko. Iindlela zabo ziyathandeka, nawo wonke umendo wabo uluxolo. Bungumthi wobomi kwabo babubambayo, nabo babubamba nkqi kuya kuthiwa banoyolo.”—IMizekeliso 3:13-18.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 25]

INDLELA IBHAYIBHILE EYALINCEDA NGAYO IBANJWA

Indoda egama linguBill yayonwabile emtshatweni. Kodwa ngaphambi kokuba igqibe unyaka itshatile, yavalelwa entolongweni ngenxa yesiphoso eyayisenze kwiminyaka ngaphambilana.

Emva kokuphelelwa yinkululeko yakhe, uBill wagqiba kwelokuba alisebenzise kakuhle ixesha alichitha entolongweni. Uthi: “Ndandihlala ebhedini ndize ndifunde iBhayibhile.” Kwakhona wakusebenzisa awayekufunda. “Ndandinobubele kwamanye amabanjwa, awayebona ukuba ndandingafuni ukwenza izinto ezimbi wona awayezenza. Ayedla ngokuthi ngam: ‘UBill ufuna ukuchitha ixesha lakhe entolongweni ngendlela yakhe, ukufunda ngoThixo neBhayibhile. Akazi kuphazamisa mntu.’

“Ngenxa yendlela endandisaziwa ngayo, amanye amabanjwa ayengandifaki kwiingxabano zawo nakwezinye izinto ezimbi awayezenza. Abalindi babona ukuba andisayi kubakhathaza. Bandincomela ukuba ndenze imisebenzi eyayindivumela ukuba ndisebenze kude namanye amabanjwa usuku lonke. Ukusebenzisa iBhayibhile ebomini bam kuye kwandikhusela gqitha.”

UBill wayesiya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova ezaziqhutywa entolongweni yaye eqhubeka echazela amanye amabanjwa ngezinto azifundayo. Wabhaptizwa njengeNgqina likaYehova ngoxa ephumeza isigwebo sakhe. Ukhumbula oku: “Ndidlale phantse ngeminyaka engama-50 yobomi bam, yaye bendifuna ukubuphucula. Ndandiqinisekile ukuba eyona ndlela ibanjwa elinokukwenza ngayo oku kukusebenzisa iimfundiso zeBhayibhile. Yaye indlela yokufunda iBhayibhile ngokuchanileyo kukufunda namaNgqina kaYehova. Lunqulo lwawo kuphela olufundisa inyaniso ngeBhayibhile. Kunjalo nje.”

Ekubeni ngoku ephumile entolongweni, uBill ukhonza kwibandla lamaNgqina kaYehova eUnited States. Yena nomfazi wakhe basaqhubeka befunda iLizwi likaThixo yaye bephila ngokweemfundiso zalo. Bayayibona indlela ayinyaniso ngayo la mazwi afumaneka kuIsaya 48:17, 18: “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo. Owu ukuba nje kuphela okunene ubunganikela ingqalelo kwimiyalelo yam! Ngoko uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo, nobulungisa bakho njengamaza olwandle.”

[Umfanekiso okwiphepha 23]

UKaren, eU.S.A

[Umfanekiso okwiphepha 23]

UAngela, eRomania

[Umfanekiso okwiphepha 24]

UDhiraj, eIndiya

[Umfanekiso okwiphepha 24]

UGabriel, eIndiya

[Umfanekiso okwiphepha 24, 25]

UPhilip nentsapho yakhe, eMzantsi Afrika

[Umfanekiso okwiphepha 24]

UWade, eOstreliya