Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Izixhobo zemfazwe: Anton Petrus/Moment via Getty Images; imali: Wara1982/iStock via Getty Images Plus

HLALANI NITHE QWA!

Kusetyenziswe Iitriliyoni Zemali Kwimfazwe—Mkhulu Kangakanani Umonakalo?

Kusetyenziswe Iitriliyoni Zemali Kwimfazwe—Mkhulu Kangakanani Umonakalo?

 Mkhulu kakhulu umonakalo owenziwe ziimfazwe.

  •   “Kulo nyaka uphelileyo, oorhulumente basebenzise i-R41.7 triliyon kwiimfazwe ezahlukahlukeneyo. Bekuqala ukusetyenziswa imali eninzi kangaka ngonyaka nje omnye.”—I-The Washington Post, ngoFebruwari 13, 2024.

 Lo monakalo awuquki nje imali kuphela. Khawujonge nje umzekelo omnye: imfazwe yaseUkraine.

  •   Amajoni. Kuqikelelwa ukuba kwimfazwe yaseUkraine eyaqala kwiminyaka emibini eyadlulayo, kusweleke kwaze konzakala amajoni aphantse abeyi-500 000.

  •   Abantu. IZizwe Ezimanyeneyo zithi bangaphezu kwe-28 000 abantu abaye basweleka okanye abonzakeleyo. Umntu okwisikhundla esiphezulu kwiZizwe Ezimanyeneyo uthe: “Asinakukwazi ukuyichaza kakuhle indlela le mfazwe ebumoshe ngayo ubomi babantu.” a

 Abantu behlelwa zizinto ezibuhlungu kakhulu ngenxa yeemfazwe nemilo eyenzeka emhlabeni wonke.

  •   Bayi-114 miliyoni abantu ekuye kwanyanzeleka ukuba bashiye amakhaya abo ngenxa yemfazwe nobundlobongela emhlabeni wonke ukususela ngoSeptemba 2023.

  •   Bayi-783 miliyoni abantu abangenakutya. “Eyona nto ibangela indlala kakhulu yimilo, kuba kubantu abahlala emhlabeni, bangaphezu kwehafu abangenakutya ibe bahlala kwiindawo ezineemfazwe nobundlobongela.”—I-World Food Programme.

 Zingaze ziphele iimfazwe? Likhona ithemba lokuba kuya kuze kubekho uxolo? Ngaba lingaze libe khona ixesha apho wonke umntu aza kuba nokutya okwaneleyo kungekho mntu usokolayo? Ithini iBhayibhile?

Ixesha lemfazwe

 IBhayibhile yayichaze kwakudala ukuba kuza kubakhona iimfazwe emhlabeni wonke, yayicacisa le nto ngokuyifanisa nomntu okhwele ihashe.

  •   “Kwaphuma ihashe elinombala ofana nowomlilo, umntu owayekhwele kulo wavunyelwa ukuba aphelise uxolo emhlabeni ukuze abantu babulalane, yaye wanikwa nekrele elikhulu.”—ISityhilelo 6:4.

 Le ndoda ikhwele ihashe ilandelwa ngamanye amadoda amabini amela indlala nokufa ngenxa yezifo okanye ezinye izinto. (ISityhilelo 6:5-8) Ukuze ufunde okungakumbi ngesi siprofeto seBhayibhile nokuba kutheni siqinisekile ukuba siza kwenzeka kule mihla yethu, funda inqaku elithi “Abakhweli Bamahashe Abane—Ngoobani?

Uxolo kwixesha elizayo

 Kungekudala, ubutyebi bomhlaba abuzukuphinda busetyenziswe ukuze kuliwe iimfazwe. Kodwa olo tshintsho aluzukubangelwa ngabantu. IBhayibhile ithi:

  •   UThixo uza ‘kuphelisa iimfazwe emhlabeni wonke.’—INdumiso 46:9.

  •   UThixo uza kulungisa zonke iingxaki ezibangelwe ziimfazwe. “Uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu. Izinto zangaphambili azisekho.”—ISityhilelo 21:4.

  •   UThixo uza kwenza wonke umntu aphile ngoxolo. “Abantu bam baza kuhlala kwindawo enoxolo, kwiindawo ezikhuselekileyo neendawo zokuphumla ezizolileyo.”—Isaya 32:18.

 IBhayibhile ithi iimfazwe nezinto ezenzekayo namhlanje zibonisa ukuba eli xesha loxolo sele likufuphi.

 UThixo uza kulizisa njani olu xolo kwixesha elizayo? Uza kuluzisa ngorhulumente wasezulwini okanye uBukumkani bakhe. (Mateyu 6:10) Ukuze ufunde ukuba obu Bukumkani buyintoni nokuba buthetha ntoni kuwe, bukela ividiyo ethi Yintoni UBukumkani BukaThixo?

a UMiroslav Jenca, oncedisa unobhala-jikelele weZizwe Ezimanyeneyo eYurophu, ngoDisemba 6, 2023.