Yiya kwinkcazelo

Wayengubani UMariya Magadala?

Wayengubani UMariya Magadala?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 UMariya Magadala wayengumlandeli kaYesu. Igama lakhe kusenokwenzeka lithathwe kwidolophu ekuthiwa yiMagadala eyayikufutshane noLwandle lwaseGalili. Kusenokwenzeka wayehlala apho.

 UMariya Magadala wayengomnye wabafazi ababehamba noYesu nabafundi bakhe ibe bemnceda ngezinto ababenazo. (Luka 8:1-3) Wayekhona xa kwakubulawa uYesu ibe ngomnye wabantu bokuqala ukumbona emva kokuvuswa kwakhe.—Marko 15:40; Yohane 20:11-18.

 Ngaba uMariya Magadala wayethengisa ngomzimba?

 IBhayibhile ayithi uMariya Magadala wayethengisa ngomzimba. Eyona nto iyithethayo ngemvelaphi yakhe kukuba uYesu wakhupha iidemon ezisixhenxe kuye.—Luka 8:2.

 Ivela phi into ethi wayethengisa ngomzimba? Kumakhulu eminyaka emva kokusweleka kwakhe, kwavela into ethi ngulaa mfazi ongachazwanga eBhayibhileni (ekusenokwenzeka wayethengisa ngomzimba) owahlamba iinyawo zikaYesu ngeenyembezi waza wazosula ngeenwele zakhe. (Luka 7:36-38) Sekunjalo, eBhayibhileni akukho nto ithi laa mfazi wayenguMariya Magadala.

 Ngaba uMariya Magadala “wayengumpostile wabapostile”?

 Hayi. ICawa yamaKatolika ithi uMariya “nguMariya Ongcwele” ize iphinde ithi “ngumpostile wabapostile” ngenxa yokuba ngomnye wabantu bokuqala ukuxelela abapostile bakaYesu ukuba uvusiwe. (Yohane 20:18) Kodwa loo nto ayimenzi abe ngumpostile. Ayikho nendawo eBhayibhileni ethi wayenguye.—Luka 6:12-16.

 IBhayibhile yagqitywa ukubhalwa ekupheleni kwenkulungwane yokuqala. Sekunjalo, kwakungexesha lenkulungwane yesithandathu eyathi icawa yamphakamisa uMariya Magadala imbeka kwinqanaba eliphezulu. Ezinye izinto ezingeyonxalenye yeZibhalo eziphefumlelweyo ezibhalwe kwinkulungwane yesibini neyesithathu zithi abapostile babemmonela uMariya. Ezo zinto zibhalwe apho azisekelwanga kwiZibhalo.

 Ngaba uMariya Magadala wayengumfazi kaYesu Kristu?

 Hayi. IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba uYesu zange atshate. a