Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Genesis 1:26—“Masenze Umntu Ngokomfanekiso Wethu”

Genesis 1:26—“Masenze Umntu Ngokomfanekiso Wethu”

 “Emva koko uThixo wathi: “Masenze umntu ngokomfanekiso wethu, ngokufana nathi, ibe makalawule iintlanzi zolwandle, iintaka ezisesibhakabhakeni, izilwanyana zasekhaya, alawule wonke umhlaba nazo zonke izilwanyana ezinambuzelayo ezihamba emhlabeni.’”​—Genesis 1:26, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Waza ke uThixo wathi, ‘Masenze umntu abe ngumfuziselo wethu, afane nathi. Makabe negunya, alawule iintlanzi elwandle, iintaka ezibhabha esibhakabhakeni, iinkomo, nazo zonke izilo nezinambuzane elizweni.’”​—Genesis 1:26, IBhayibhile YesiXhosa Yango1996.

Into Ethethwa YiGenesis 1:26

 Abantu badalwa bafana noThixo. Loo nto ithetha ukuba bayakwazi ukuba neempawu ezifana nezakhe, njengothando, ukuvelana, nokuthanda ukulunga. Yiloo nto bekwazi ukuba ngabantu abacinga nabenza njengoThixo.

 “UThixo wathi: “Masenze umntu ngokomfanekiso wethu.’” Ngaphambi kokuba uYehova uThixo a enze nantoni na, waqala wadala ingelosi eyaye yabizwa ngokuba nguYesu ekuhambeni kwexesha. UYesu wayesecaleni kukaThixo xa uThixo ‘wayedalwa zonke ezinye izinto ezisezulwini nasemhlabeni.’ (Kolose 1:16) UYesu “uneempawu ezifana nezikaThixo.” (Kolose 1:15) Yiloo nto ke uThixo wathetha noYesu wathi: “Masenze umntu ngokomfanekiso wethu.”

 “Makalawule . . . izilwanyana zasekhaya, alawule wonke umhlaba.” Izilwanyana zona azidalwanga zafana noThixo. Azinazo iimpawu ezifana nezabantu njengothando okanye ukuba nesazela. Kodwa ke uThixo usazikhathalele nazo. Yiloo nto wathi abantu ‘mabaziphathe.’ UYehova wayenika abantu umsebenzi wokukhathalela izilwanyana. (INdumiso 8:6-8; IMizekeliso 12:10) Ulindele ukuba abantu bawuphathe kakuhle umhlaba nezinto eziphilayo ezikuwo.

Into Ekuthethwa Ngayo KwiGenesis 1:26

 Izahluko zokuqala kwiGenesis zithetha ngendalo, umhlaba kunye nezinto eziphilayo ezikuwo. Yonke indalo kaThixo iyamangalisa kodwa abantu zezona zidalwa zihamba phambili. Xa uThixo wagqibayo ukudala, ‘wabona zonke izinto awayezenzile, yaye zazilunge gqitha.’​—Genesis 1:31.

 Bukela le vidiyo imfutshane ukuze ufunde ngendlela eyabakho ngayo indawo.

Ubuxoki ngento ethethwa kwiGenesis 1:26

 Ubuxoki: Ngamadoda qha anokukwazi ukubonisa iimpawu ezifana nezikaThixo, hayi amabhinqa.

 Inyani: Igama elithi “indoda” elivela kwiinguqulelo zesiNgesi linokwenza umntu ofundayo acinge ukuba ngamadoda kuphela ekuthethwa ngawo apha. Kodwa kule nto kuthethwa ngayo apha, igama lesiHebhere lithetha ngabo bonke abantu amadoda namabhinqa. Bonke, amadoda namabhinqa banokukwazi ukubonisa iimpawu ezifana nezikaThixo. Futhi bonke banokukwazi ukuthandwa nguThixo baze bafumane nobomi obungunaphakade.​—Yohane 3:16.

 Ubuxoki: UThixo unomzimba ofana nowabantu.

 Inyani: “UThixo unguMoya”​—loo nto ithetha ukuthi uphila kummandla womoya. (Yohane 4:24) IBhayibhile ngamanye amaxesha ikhe ithethe ngobuso bukaThixo, izandla, intliziyo nezinye izinto. Le yindlela elula yokusifundisa ngoThixo ukuze simazi.​—Eksodus 15:6; 1 Petros 3:12.

 Ubuxoki: IGenesis 1:26 ibonisa ukuba uYesu nguThixo.

 Inyani: UThixo noYesu ngutata nonyana, abangomntu mnye. UYesu wathi uThixo mkhulu kunaye. (Yohane 14:28) Ukuze wazi nezinye izinto, bukela ividiyo ethi Ngaba UYesu Kristu NguThixo? Okanye ufunde inqaku elithi “Kutheni UYesu Ebizwa Ngokuba NguNyana KaThixo?

 Bukela le vidiyo imfutshane ukuze ubone into ekuthethwa ngayo kwiGenesis.

a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga nenqaku elithi “Ngubani UYehova?