Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova EHungary Ayanconywa

AmaNgqina KaYehova EHungary Ayanconywa

NgoJuni 2013 izantyalantyala zemvula ezagaleleka ngamandla kuMbindi weYurophu zabangela izikhukula. Ngenxa yezi mvula, umlambo oseHungary obizwa ngokuba yiDanube uye waphuphuma.

Ngenxa yoku, umphathiswa ojongene nabasebenzi, wacela iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova ukuba incede ekunqandeni umonakalo onokubangelwa zizikhukula. Iofisi yesebe yasabela kweli khwelo, kuba yacela amabandla akufuphi noMlambo iDanube ukuba ancedise abasemagunyeni kulo msebenzi.

Amabandla asabela kakuhle gqitha. Kwiintsuku ezalandelayo amaNgqina angaphezu kwayi-900 aphuma kumabandla ayi-72 ancedisa kulo msebenzi ekhusela umlambo kwizikhukula ezaziza kuza. Ayenxibe iibheji ezinamagama abo, isixeko asuka kuso negama elithi “AmaNgqina KaYehova.”

Kwesinye isixeko, ummeli wombutho obizwa ngokuba yiRed Cross wabhalela elinye ibandla wathi: “Sibamba ngazo zozibini ngoncedo lwenu, ayiqhelekanga into yokubona abantu abamanyeneyo nabazincama njengani, singasathethi ke ngemigama emide eniyihambileyo! Umzekelo wenu uhamba wodwa kwesi sixeko sethu!”

Usihlalo womnye umbutho onceda ngamaxesha entlekele, nokwalilungu lePalamente yaseHungary uye wathumela ileta yombulelo kwiofisi yesebe yamaNgqina.