I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ngaba Niyanceda Xa Kukho Intlekele?

Ngaba Niyanceda Xa Kukho Intlekele?

Ewe, amaNgqina kaYehova asoloko enceda xa kukho intlekele. Sinceda amanye amaNgqina nabo bangengawo, ngokuvisisana nalo myalelo weBhayibhile ukweyabaseGalati 6:10: “Masenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa kwabo bahlobene nathi elukholweni.” Kwakhona sizama ukuthuthuzela nokunika inkxaso engokweZibhalo kubantu abachaphazelekileyo nabafuna uncedo lokwenene ngamaxesha anjalo.—2 Korinte 1:3, 4.

Ukulungiselela Izinto

Emva kwentlekele, abadala bamabandla bazama ukudibana nabo bonke abantu abakumabandla abo ukuze bazi enoba basindile na nokuba banokuncedwa njani. Emva koko basa ingxelo yento eyenzekileyo neyoncedo olusele lwenziwe kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova ekufutshane.

Ukuba uncedo ekufuneka lwenziwe lungaphezu kwamandla abo, iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova lenza amalungiselelo okuthumela izinto ezifunekayo. Oku kufana nendlela amaKristu enkulungwane yokuqala awayencedana ngayo xa kukho indlala. (1 Korinte 16:1-4) Iofisi yesebe ekufutshane imisela iKomiti Enceda Ngexesha Lentlekele ukuba ilungiselele ize yalathise indlela yokunceda. AmaNgqina asuka kwezinye iindawo anikela ngexesha nangezinto anazo.—IMizekeliso 17:17.

Imali

Enye into esetyenziselwa yona iminikelo ethunyelwa kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova kukunceda abo bachaphazelekileyo. (IZenzo 11:27-30; 2 Korinte 8:13-15) Ekubeni ingabantu abasebenza ngokuzithandela abenza lo msebenzi, kuqokelelwa imali eza kunceda apho kufuneka khona, hayi eyokubuyisela iindleko zikarhulumente. Siyakulumkela ukudyakraza ngale mali.—2 Korinte 8:20.

 

Funda Okungakumbi

Xa Kukho Intlekele, Uthando Lusiqhubela Esenzweni

Kumazwe amaninzi, amaNgqina kaYehova anikela uncedo olufunekayo.