Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 4

UYesu Ushumayela KwaYuda

“Cengani uMphathi wesivuno ukuba athumele abasebenzi.”​—Luka 10:2

UYesu Ushumayela KwaYuda

KWELI CANDELO

ISAHLUKO 66

EYerusalem Kwitheko Leentente

Yintoni enokwenza abantu abamamele uYesu bacinge ukuba unedemon?

ISAHLUKO 67

“Akekho Umntu Owakha Wathetha Njengala Ndoda”

Phantse yonke inkundla ephakamileyo yamaYuda ayimfuni uYesu, kodwa omnye wale nkundla uba nesibindi sokumthethelela.

ISAHLUKO 68

UNyana KaThixo ‘Ukukukhanya Kwehlabathi’

UYesu wathi “inyaniso iza kunikhulula.” Iza kunikhulula entweni?

ISAHLUKO 69

Utata Wawo NguAbraham Okanye NguMtyholi?

UYesu uchaza ukuba babonakala njani abantwana baka-Abraham, nokuba ngubani kanye kanye utata wakhe.

ISAHLUKO 70

UYesu Uphilisa Indoda Eyazalwa Ingaboni

Abafundi bayambuza ukuba kutheni indoda ingaboni. Ngaba yonile? Ngaba kone abazali bayo? Abantu bathetha izinto ezohlukeneyo xa uYesu eyiphilisa.

ISAHLUKO 71

AbaFarisi Babuza Indoda Ebingaboni

Into ethethwa yindoda ebingaboni yenza abaFarisi babe nomsindo. Bayayigxotha kwindlu akhonzela kuyo amaYuda, le nto kanye ibisoyikwa ngabazali bayo.

ISAHLUKO 72

UYesu Uthuma Abafundi Abayi-70

KwaYuda uYesu uthuma abafundi abayi-70 ukuba bayokushumayela ngoBukumkani aze abahlule ngababini. Baza kubafumana phi abantu, kwizindlu akhonzela kuzo amaYuda okanye emakhayeni abantu?

ISAHLUKO 73

Ummelwane OngumSamariya

UYesu uwusebenzisa njani umzekelo womSamariya olungileyo ukuze afundise isifundo esibalulekileyo?

ISAHLUKO 74

Ufundisa Ngokubonisa Ububele Nangomthandazo

UYesu uyokubona uMariya noMarta kwikhaya labo. Ubafundisa ntoni? Uthini kubafundi bakhe ngento abamele bayithandazele?

ISAHLUKO 75

UYesu Uthetha Ngeyona Nto Yenza Umntu Onwabe

UYesu uxelela abantu abadla ngokumgxeka “ngomnwe kaThixo” nangendlela uBukumkani bukaThixo obubafikele bengalindelanga ngayo. Uthetha nangento eyenza abantu bonwabe nyhani.

ISAHLUKO 76

Ukutya NomFarisi

UYesu ubonisa indlela ababhali nabaFarisi abazenza amalungisa ngayo. Yeyiphi le mithwalo inzima ithwaliswa abantu?

ISAHLUKO 77

UYesu Uthetha Ngobutyebi

Sifunda indlela ekuyingozi ngayo ukuqokelela ubutyebi kumzekelo kaYesu wendoda eyakha oovimba abakhulu?

ISAHLUKO 78

Hlala Ulungile Gosa Elithembekileyo!

UYesu ubonisa ukuba unomdla kukholo lwabafundi bakhe. Yintoni umsebenzi wegosa? Kutheni amazwi athetha ngokuhlala ulungile ebalulekile?

ISAHLUKO 79

Kutheni AmaYuda Angakholwayo Eza Kutshatyalaliswa?

UYesu uthi abantu azama ukubanceda ukuba abaguquki baza kutshatyalaliswa. Ngaba baza kuyifunda into ebalulekileyo uYesu azama ukubafundisa yona ngokuba ngumhlobo kaThixo?

ISAHLUKO 80

UMalusi Olungileyo Nezibaya Zeegusha

Ubuhlobo obukhoyo phakathi komalusi neegusha zakhe buyibonisa kakuhle indlela uYesu aziva ngayo ngabafundi bakhe. Ngaba baza kuzazi iimfundiso zakhe baze bamlandele?

ISAHLUKO 81

UYesu Umanyene NoTata Wakhe Kodwa Akangothixo

Abanye abantu abangamfuniyo uYesu bayamtyhola besithi uzenza uThixo. Akasivumi njani eso sityholo?